bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Genesis 12
Genesis 12
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 13 →
1
*UNdikhoyo wathi kuAbram: “Lishiye ilizwe lakowenu, izizalwana kunye nekhaya lakho, umke uye kwilizwe endiza kukwalathisa lona.
2
“Ndiza kukunika inzala eninzi, eya kuba sisizwe esikhulu; ndikunike amathamsanqa, libe nodumo igama lakho, ube lithamsanqa nakwabanye.
3
Abo bakuthamsanqelisayo nam ndobathamsanqelisa, ndibaqalekise abo bakuqalekisayo. Zonke izizwe zothamsanqeliswa ngawe.”
4
Wanduluka ke uAbram eHaran ngokomyalelo kaNdikhoyo. Wayemashumi asixhenxe anantlanu ubudala. ULothe naye wahamba kunye noAbram.
5
UAbram wemka nomkakhe uSarayi, kunye noLothe unyana womninawa wakhe. Wathatha bonke ubutyebi bakhe, kunye nezicaka zakhe azifumene eHaran, wenjenjeya ukubheka eKanana. Bakufika eKanana,
6
uAbram wenjenjeya wada waya kugaleleka eShekem kwindawo enomthi kaMore. Ayesemi kwelo zwe ngelo xesha amaKanana.
7
UNdikhoyo wabonakala kuAbram, wathi: “Nali ke ilizwe eliya kumiwa yinzala yakho.” UAbram ke wenza iqonga apho, wanqula uNdikhoyo owabonakala kuye.
8
Ukusuka apho wabheka ngasemazantsi kweleentaba kwicala langasempuma yesixeko saseBhetele. Wazigxumeka apho iintente, ephahlwe yiBhetele ngasentshona neAyi ngasempumalanga. Nalapho wenza iqonga, wanqula uNdikhoyo.
9
Wanduluka nalapho, egqitha kwiindawo ngeendawo, ejonge emazantsi eKanana.
10
Kwakukho indlala eKanana. Yayinkulu kangangokuba uAbram wehla waya eJiputa, wakha wahlala apho ixeshana.
11
Akufika emideni, wathi kumkakhe uSarayi: “Ndiyazi ukuba umhle gqitha,
12
yaye akukubona amaJiputa, aza kuthi ungumkam, aze andibulale mna, akushiye wena.
13
Uze uthi ke ungudade wethu. Aya kundiphatha kakuhle ke ngenxa yakho, angandibulali.”
14
Akugqitha emideni engena eJiputa, amaJiputa akhangwa bubuhle bomka-Abram.
15
Amaphakathi kakumkani athi nawo akumbona abuncoma ubuhle bakhe kukumkani. Wathathwa ke, waya kuhlala ebhotwe kwakumkani.
16
Ukumkani wamphatha kakuhle uAbram ngenxa yomkakhe, wamphawulela imihlambi yeegusha neebhokhwe, iinkomo needonki, izicaka neenkamela.
17
Kodwa ngenxa yokuthathwa kukaSarayi ngukumkani, uNdikhoyo wathumela izibetho zezifo kukumkani nakubantu bonke bakomkhulu.
18
Waza ke ukumkani wabiza uAbram, wathi: “Yintoni le nto undenze yona? Kutheni ungandixelelanga nje ukuba ngumkakho lo?
19
Kutheni usithi ngudade wenu nje, undiyeke ndimenze umkam? Nanko ke umkakho; mthathe umke naye.”
20
Ukumkani wayalela amadoda ukuba uAbram makakhutshelwe ngaphandle kwemida yelo zwe, emke nomkakhe, nayo yonke impahla yakhe.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50