bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Genesis 49
Genesis 49
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 48
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 50 →
1
UYakobi wabiza oonyana bakhe, wathi: “Sondelani ndinixelele ngekamva lenu:
2
“Ndingqongeni nibek' iindlebe, zinto zikaYakobi; mbekeleni iindlebe uyihlo uSirayeli.
3
“URubhen lizibulo lam; ndazibon' amandla ngaye; ubudoda bam ndabuqonda ngaye. Ngoyena unamandla; ngoyena unewonga koonyana bam bonke.
4
Kambe ke akasayi kutshatshela. Yintw' efan' igqabhuke okomsinga wamanzi, kuba yangena iqadi likayise, yasixabhel' isilili soyise.
5
“USimon noLevi ngoonyongande kuzalana; zizibhoja ezixhel' abantu ngezixhobo zazo.
6
Andiwangeni amayelenqe abo; andinanxaxheba kwigqugula labo. Kaloku bagwint' abantu ngenxa yephuku; bangxwelerh' iinkomo ngenxa yemfeketho.
7
Linelishw' iphuku labo, kuba liyankwantyisa; unelishw' umsindo wabo, kub' ukhohlakele. Bona ndobabhacisa kulo lonke elakwaYakobi, babe ziintsalu kwelakwaSirayeli.
8
“UJuda yintw' edunyiswa ngamawayo; yintw' ezithe xhakamfu ngesixhanti iintshaba zayo, intw' ekhahlelwayo ngabantakwayo.
9
UJuda ndithi yintw' enga yingonyama, yintw' echwechwel' ixhoba, ibuy' ibuthume esikhundleni sayo; buthuthu izolile, ingabe iphazanyiswe nto.
10
NguJuda opheth' umsimbithi wokulawula. Uya kuhlala elawula njalo, ade afike umniniwo, izizwe zikhahlele kuye ngentobeko.
11
Sisinhanha esibhuqisa kungekavunwa, esindyebo ixhanyulwa naziidonki. Nguhlamba ngewayini,
12
intw' emehlo aligazi kukumfimfith' iwayini, le ntw' imazinyo amhlophe zizapholo.
13
“UZebhulon uye kuma phezu kolwandle; yintw' emanxweme azizikhululo zeenqanawa; yintw' emhlaba uye kuthi xhaxhe ngeSidon.
14
“UIsakare akayidluli nganto imbongolo; yint' ofik' ilele isoyiswa yimithwalo.
15
Kambe ke weva ukuba kumnandi ukubuthuma, nelizwe liyaphumza. Yintw' egob' umqolo, ithwalisw' imithwalo, intw' enyanzelwa okwesicaka emsebenzini.
16
“UDan ngomnye wezindlu zikaSirayeli; nguye umgwebi wabantu bakhe.
17
UDan yinyoka esecaleni lendlela; yinyoka enobuhlungu elalel' ukuluma ihashe esithendeni, khon' ukuze umkhweli limphose phantsi.
18
“*Ndikhoyo, ndilindele ukukhululwa nguwe!
19
“UGadi yena uya kuhlaselwa liqela lezihange, kodwa wojika aziswantsulise.
20
“Umhlaba ka-Ashere uya kuchuma, uvelise ukutya okulungele nkqu neekumkani.
21
“UNafetali yena lixhama lasendle; intw' ezala amaduna namathokazi.
22
“UJosefu ngumdiliya omi ngasemthonjeni; intw' emaseb' afukufuku, aqabel' ezindongeni.
23
Yintw' ehlaselwa ziintshaba zayo, ziyisukele ngeentolo nezaphetha.
24
Kodwa olwakhe utolo alugungqi, neengalo zakhe zomelezwa ngamandla oThixo kaYakobi, yena malusi nomkhuseli kaSirayeli.
25
NguThixo kayihlo okuncedayo; nguThixo uSomandla okuthamsanqelisayo ngeemvula zaphezulu, nangamanzi aphuma enzulwini ngaphantsi komhlaba. Nguye okuthamsanqelisa ngabantwana nangemfuyo.
26
Amathamsanqa owanikwe nguyihlo aya kuqina kuneentaba ezisisimakade, achume kunendyebo yeenduli zaphakade. Konke oku makuwe phezu kwentloko kaYosefu, yena ukhethiweyo kubantakwabo.
27
“UBhenjamin lithole lengcuka elinoburhalarhume. Kusasa uqwenga ixhoba; ngokuhlwa waba okuphangiweyo.”
28
Zizo ke ezi izizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli. Lo ke ngumyolelo kayise koonyana bakhe ngabanye.
29
UYakobi uqokele wathi ukuyolela: “Njengoko sendiza kuya kookhokho, nize nindingcwabe koobawo, kulaa mqolomba ukulaa ntsimi kaEfron umHeti,
30
eMakapela ngasempumalanga yeMamre eKanana. Loo mqolomba wathengwa nguAbraham kuEfron ukuze kungcwatyelwe kuwo.
31
Kulapho angcwatyelwe khona uAbraham kunye noSara umkakhe. Kulapho angcwatyelwe khona uIsake kunye noRabheka umkakhe. NoLeya ukwangcwatyelwe apho.
32
Loo ntsimi yathengwa kunye naloo mqolomba ukuyo kumaHeti. Nam ke nize nindingcwabele apho.”
33
Akuwugqiba umyolelo wakhe uYakobi koonyana bakhe, wabuya wangqengqa, waphuma umphefumlo.
← Chapter 48
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 50 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50