bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Genesis 45
Genesis 45
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 44
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 46 →
1
UJosefu akabanga saba nako ukuzibamba. Wathi izicaka zakhe maziphume. Kwasala yena nabantakwabo. Wabaxelela ukuba ungubani na.
2
Watsho ngesikhalo esaviwa ngamaJiputa, lwaza olo mingi-mingi lwaya kutsho nakomkhulu.
3
Wenjenje uJosefu ukuthetha nabantakwabo: “NdinguJosefu. Nithi ubawo usaphila?” Bakukuva oko abantakwabo bothuka, ababi nako nokuthetha.
4
Uthe uYosefu: “Sondelani.” Basondela, wathi: “Ndingumntakwenu uJosefu enamthengisa eJiputa.
5
Sanukukhathazeka okanye nizohlwaye ngenxa yokuba nandithengisa apha. NguThixo owathi mandinandulele, ukuze kusinde abantu.
6
Lo isengowesibini unyaka wendlala; kuseza eminye emihlanu, kungàlinywa, kungàvunwa.
7
NguThixo owathi mandize ngaphambi kwenu apha, ukuze nisinde ngale ndlela imangalisayo, kusinde nenzala yenu ngangokuba ingako.
8
Ayinini ke ngoko abandizisa apha, nguThixo. Nguye ondenze umphathiswa kakumkani ophethe lonke eli lizwe nolawula iJiputa iphela.
9
“Ngoku ke khawulezani niye kubawo, nithi ndithi, mna Josefu unyana wakhe, uThixo undenze umlawuli weJiputa iphela. Makakhawuleze eze kum.
10
Angema kulaa mmandla waseGoshen, apho aya kuba kufuphi nam. Makeze nabantwana bakhe, abazukulwana, iigusha, iibhokhwe, iinkomo, konke okwakhe.
11
Ndombonelela elapho, kuba kusasele eminye iminyaka emihlanu yendlala, yaye andifuni afe yindlala, yena nendlu yakhe, nento yonke anayo.”
12
Uqhube wathi uJosefu: “Niyaqonda ke nonke ngoku ukuba ndinguJosefu, nditsho nawe Bhenjamin.
13
Ze nimxelele ubawo ngamagunya endinawo apha eJiputa, nimbalisele ngayo yonke into eniyibonileyo. Nikhawuleze ke, nize naye apha.”
14
Wawola uBhenjamin umntakwabo, walila, noBhenjamin walila emgonile.
15
Esalila njalo wabagona abantakwabo, wabancamisa. Baqala ukuncokola naye ke abantakwabo emva koko.
16
Zakuvakala komkhulu iindaba zokuba uJosefu ufikelwe ngabantakwabo, ukumkani namaphakathi bavuya.
17
Wathi kuJosefu: “Xelela abantakwenu ukuba balayishe ukutya kwabo, baye eKanana,
18
bafike apho baxelele uyihlo kunye neentsapho zenu ukuba bafudukele eJiputa. Ndobanika eyona ndawo ilungileyo kwelaseJiputa ukuba bahlale khona, babe nenxaxheba kwindyebo yalapha.”
19
Wathi mabathathe neenqwelo zokufudusa iintsapho zabo, beze naye noyise.
20
Watsho esithi: “Ze ningazixhamli ngezinto eziya kusala eKanana; niza kuzuza ezona zixabisekileyo apha eJiputa.”
21
Benza njengoko babeyalelwe oonyana bakaSirayeli. Banikwa iinqwelo nguJosefu ngokomyalelo kakumkani, kwakunye nomphako.
22
Elowo wamnika iimpahla ezintsha zokunxiba, kodwa yena uBhenjamin wamnika amakhulu amathathu eesiliva neempahla zaphindwa kahlanu kwezabanye.
23
Wathumela uyise ishumi leedonki lithwele ezona mpahla zodidi zaseJiputa, neshumi leemazi zeedonki zithwele ingqolowa, izonka, nokunye ukutya komphako.
24
Wabandulula abantakwabo, bemka. Wabayala esithi: “Ze ningalwi endleleni.”
25
Banduluka eJiputa, baya kufika eKanana kuyise.
26
Bafika bathi: “UJosefu uyaphila! Nguye umphathiswa waseJiputa!” Wathi nqa yiloo nto uYakobi, engakholwa.
27
Bakumxelela konke okwathethwa nguJosefu, wazibona neenqwelo awayezithumele, watsho wahlaziyeka emphefumlweni.
28
USirayeli wathi: “Usaphila uJosefu umntwanam! Nantso nje qha into endiyifunayo: mandiye kumbona ndingekafi.”
← Chapter 44
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 46 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50