bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Genesis 4
Genesis 4
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 5 →
1
UAdam wadibana nomkakhe uEfa, waza wakhulelwa. Wazala umntwana oyinkwenkwe, waza wathi: “Ndifumene inkwenkwe ngoncedo *lukaNdikhoyo.” Wamthiya igama ke, wathi nguKayen.
2
Uphinde wazala inkwenkwe: uAbheli. UAbheli wayengumfuyi weempahla, yena uKayen engumlimi.
3
Emva kwethuba uKayen wenzela uNdikhoyo umnikelo ngenxalenye yesivuno sakhe.
4
Yena ke uAbheli wathatha amanqatha kumazibulo omhlambi weegusha zakhe, wenza idini. UNdikhoyo wakholiswa nguAbheli, waneliseka nangumnikelo wakhe,
5
kodwa akanelanga nguKayen nomnikelo wakhe. Waqumba uKayen, waba ntshingi-ntshingi ngumsindo.
6
Wathi ke uNdikhoyo kuKayen: “Uqumbeleni? Kutheni wantshingi-ntshingi?
7
Ukuba ubulungisile, ngewamkelekile; kodwa ke, kuba wenze ububi, isono sesikungxangele emnyango. Isono sifuna ukukulawula, kodwa uze usilwe usoyise.”
8
UKayen wathetha nomninawa wakhe uAbheli. [“Makhe siye endle, mfondini.”] Bathi bakuba besendle, uKayen wajikela umntakwabo, wambulala.
9
UNdikhoyo uthe kuKayen: “Uphi uAbheli umntakwenu?” Wathi uKayen ukuphendula: “Andazi. Ndingumalusi womntakwethu mna kakade?”
10
Uthe ke uNdikhoyo: “Uyenzele ntoni into embi kangaka, Kayen? Igazi lomntakwenu oliphalazele emhlabeni liyakhala, likhalela impindezelo.
11
Uqalekisiwe! Akusobe uphinde uwulime umhlaba. Kaloku úlifunxile umhlaba igazi lomntakwenu ngokuya ubumbulala.
12
Uya kuthi wakulima, usuke umhlaba ungavelisi kutya konke. Uya kuba sisibhadu-bhadu esijikeleza elizweni.”
13
Waphendula wathi uKayen: “Esi sohlwayo siqatha; andinako ukusinyamezela.
14
Uyandigxotha ngoku emhlabeni, ndibe kude nawe. Ngoku ndiza kuba ngudingezweni, yaye wonke ubani odibana nam uya kundibulala.”
15
Uphendule wathi uNdikhoyo: “Hayi, akunjalo; ukuba kubekho mntu ukubulalayo, ndomohlwaya ngokuphindwe kasixhenxe.” Waza ke uNdikhoyo wamphawula uKayen khon' ukuze nabani na odibana naye angambulali.
16
Wemka ke uKayen kuNdikhoyo, waya kuhlala eNodi, empuma yeIdeni.
17
UKayen nomkakhe bafumana umntwana oyinkwenkwe, uInoki. Wakha isixeko uKayen, wasithiya ngegama lonyana wakhe.
18
UInoki wazala unyana, wathi igama lakhe nguHiradi. Yena uHiradi wazala uMehuyali; uMehuyali wazala uMethusali; uMethusali yena wazala uLameki.
19
ULameki wayenabafazi ababini, uAda noZila.
20
UAda wazala uYabhali, ongukhokho kwabo babehlala ezintenteni, bengabafuyi.
21
Umntakwabo-Yabhali yayinguYubhali, ongukhokho wazo zonke iimvumi ezidlala iihapu neefleyiti.
22
UZila wazala uThubhali-kayen, owayengumkhandi wezixhobo zokusebenza ezenziwa ngobhedu nangentsimbi. Wayenodade wabo uNama.
23
Wathi uLameki kubafazi bakhe: “Ada noZila, khanive bethu; bafazi bakaLameki, bekani iindlebe. Ndombulala umntu ondibethayo, umfana ondenzakalisayo.
24
Ke ukuba umntu wohlwaywa kasixhenxe ngokubulala uKayen, ngamashumi asixhenxe anesixhenxe ngokubulala uLameki.”
25
UAdam nomkakhe baba nomnye unyana. Wathi uEfa: “UThixo undiphe omnye unyana endaweni ka-Abheli owabulawa nguKayen.” Wathi ke igama lakhe nguSeti.
26
USeti wazala unyana, wathi nguEnoshe. Baqala ngoko ke abantu ukunqula igama *likaNdikhoyo.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50