bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Genesis 40
Genesis 40
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 41 →
1
Emva kwexesha injoli kakumkani waseJiputa, kunye nombhaki oyintloko, bayona inkosi yabo ukumkani.
2
Wacaphuka ukumkani zizenzo zala madoda,
3
wawafaka ke entolongweni kumzi wenduna yabalindi, apho kwakugcinwe khona uJosefu.
4
Bahlala ke entolongweni apho, yaza induna yenza uJosefu umququzeleli wabo.
5
Ngabusuku buthile bakuba besentolongweni ithutyana, injoli yaba nephupha, kwanaye nombhaki waba nelakhe iphupha. Amaphupha abo ayethetha izinto ngezinto.
6
Akufika kubo uJosefu ngentsasa, wababona bematshekile.
7
Ubuze wathi: “Kutheni ingathi nikhathazekile nje namhlanje?”
8
Bathe bona: “Sibe namaphupha phezolo, yaye akukho namnye umntu apha okwaziyo ukuwachaza into ayithethayo.” “NguThixo otyhila inkcazelo yamaphupha,” utshilo uJosefu. Watsho esithi: “Ndilawuleleni amaphupha enu.”
9
Kuqale injoli, yathi: “Mna ndiphuphe kukho umdiliya ngaphambi kwam,
10
unamasebe amathathu. Kuthe nje kuvele amagqabi, kwantshula iintyatyambo, neediliya zavuthwa.
11
Bendiphethe indebe kakumkani, ndazikha iidiliya ezo, ndazikhamela endebeni, ndazinika ukumkani.”
12
Uthe uJosefu: “Nantsi into ethethwa leli phupha lakho: Amasebe amathathu ziintsuku ezintathu.
13
Ngeentsuku ezintathu ukumkani uza kukukhulula, akuxolele, akubuyisele emsebenzini wakho. Uza kubuya ube yinjoli yendebe yakhe njengoko ubuyiyo ngaphambili.
14
Uzuncede ke kodwa, ungandilibali xa izinto sezikulungele, uncede uthethe ngam kukumkani, ndikhululwe kule ntolongo.
15
Ikakade mna ndebiwa kwilizwe lamaHebhere, ukanti nalapha eJiputa akukho nto ndiyenzileyo ibinokundingenisa entolongweni.”
16
Uthe naye umbhaki wezonka, akubona ukuba into iphupha lenjoli eliyithethayo iyanandipheka, naye walilawula kuJosefu iphupha lakhe, esithi: “Mna, kwelam iphupha bendithwele ngentloko iibhaskiti ezintathu.
17
Kwephezulu ibhaskiti bekukho zonke iindidi zokutya kukakumkani okwenziwa ngumbhaki, kwafika iintaka zakuxhola.”
18
UJosefu uthe: “Nantsi into ethethwa liphupha lakho: Iibhaskiti ezintathu zithetha iintsuku ezintathu.
19
Ukumkani uza kukukhulula ngeentsuku ezintathu, kodwa uza kunqunyulwa intloko, uze uxhonywe esibondeni, zize iintaka zikuxhole.”
20
Ngomhla wokukhunjulwa kokuzalwa kukakumkani, ngemva kweentsuku ezintathu ukususela koku, ukumkani wenzela iindedeba zasebhotwe itheko. Wayikhulula injoli nombhaki, beziswa phambi kwezo ndedeba.
21
Injoli yabuyiselwa kumsebenzi wayo ebikade iwenza,
22
kodwa yena umbhaki wanqunyulwa intloko. Kwaba njengokutsho kukaJosefu.
23
Kodwa injoli yamlibala kwaphela uJosefu.
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 41 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50