bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Genesis 11
Genesis 11
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 12 →
1
Ngelo xesha abantu elizweni babethetha ulwimi olunye, besebenzisa namagama afanayo ezinto.
2
Ke ekubhaduleni kwabo kwelasempumalanga bada baya kutsho kumathafa aseBhabheli, bema apho.
3
Bathethana bathi: “Masenze izitena, sizitshise ziqine.” Baza ke basebenzisa ezo zitena endaweni yamatye, netha endaweni yodaka.
4
Bathi ke: “Masakhe isixeko, senze nenqaba enencopho eya kutsho esibhakabhakeni, ukuze sibe negama nathi, singathi saa elizweni.”
5
*UNdikhoyo wehla weza kusibona eso sixeko babesakhile nenqaba leyo,
6
waza wathi: “Xa aba bantu beluhlanga olunye, bekwantetho-nye, sebeqala ngokwenjenje, abanakuxakwa nayintoni na abafuna ukuyenza.
7
Yizani sihle, ulwimi lwabo silwenze lube yingxuba-kaxaka, khon' ukuze bangevani ngentetho.”
8
Wabathi saa elizweni uNdikhoyo, àbasakha neso sixeko.
9
Kwathiwa eso sixeko yiBhabheli, kuba kaloku uThixo wasuka wayenza ingxuba-kaxaka intetho yabantu. Ukusuka apho abantu bathi saa elizweni.
10
Nanga amagqabantshintshi ngoShem. Kudlule iminyaka yamibini emva konogumbe, uShem wazala unyana uArpakishadi selenekhulu leminyaka ubudala.
11
Uhleli amanye amakhulu amahlanu emva koko, wazala abanye abantwana.
12
Akuba namashumi mathathu anantlanu uArpakishadi, wazala unyana uShela.
13
Emva koko uhleli amakhulu mane anantathu, wazala nabanye abantwana.
14
Akuba namashumi mathathu uShela, wazala unyana uHebhere.
15
Wahlala amakhulu mane anantathu emva koko, wazala nabanye abantwana.
16
Wayenamashumi mathathu anane uHebhere ukuzala kwakhe unyana uPelegi.
17
Uhleli amakhulu mane anamashumi mathathu emva koko, wazala abanye abantwana.
18
UPelege uzele unyana, uRewu, emashumi mathathu ubudala.
19
Uhleli amakhulu mabini anethoba emva koko, wazala nabanye abantwana.
20
URewu uzele unyana, uSerugi, emashumi mathathu anambini ubudala.
21
Uhleli amakhulu mabini anesixhenxe emva koko, wazala nabanye abantwana.
22
Akuba mashumi mathathu ubudala uSerugi, wazala uNahore.
23
Uhleli amakhulu mabini eminyaka emva koko, wazala nabanye abantwana.
24
Wayenamashumi mabini anethoba uNahore ukuzala kwakhe unyana wakhe uTera.
25
Emva koko uhleli ikhulu lineshumi elinethoba leminyaka, waza wazala nabanye abantwana.
26
UTera wayeselenamashumi asixhenxe ukuzala kwakhe uAbram noNahore noHaran.
27
Nanga amagqabantshintshi ngoTera uyise ka-Abram noNahore noHaran. UHaran wazala uLothe,
28
waza kwayena uHaran watshabela kwakweso sixeko sakubo, iUre kwelamaKaledi. Uyise wayesadla amazimba.
29
UAbram wathatha uSarayi, waza uNahore yena wathatha uMilika, intombi kaHaran uyise kaIska.
30
Ke kaloku uSarayi wayengenabantwana, kuba wayengazali.
31
UTera wafuduka eUre, ehamba noAbram unyana wakhe, kunye nomzukulwana wakhe uLothe, unyana kaHaram, kwakunye noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram. Wemka kwelamaKaledi, wafudukela welaseKanana. Bahamba bada baya kutsho eHaran, bafika bema apho.
32
Wabhubhela apho eHaran uTera emakhulu mabini anantlanu ubudala.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50