bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Genesis 9
Genesis 9
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 10 →
1
UThixo wamthamsanqelisa uNowa kunye noonyana bakhe, esithi: “Qhamani nande, nizalise ihlabathi ngenzala yenu.
2
Izilo zonke, kwaneentaka neentlanzi, mazinoyike. Zonke ziphantsi kwegunya lenu.
3
Yonke into ephilayo yoba kukutya kwenu. Njengoko ndaninikayo uhlaza, ndininika into yonke ngoku.
4
Into eningayi kuyitya yinyama yento engophanga. Andiyivumeli loo nto, kuba igazi libubomi.
5
Umntu obulala omnye umntu unetyala. Nasiphi na isilwanyana esibulala umntu ndiya kusibulala.
6
Umntu wenziwa wangumfuziselo kaThixo, nabani na ke obulala omnye umntu naye uya kubulawa kwangomnye umntu.
7
“Ze nichume nande, ukuze inzala yenu ilizalise ilizwe.”
8
Uqokele wathi uThixo kuNowa nakoonyana bakhe:
9
“Ngoku ndiza kwenza umnqophiso nani kwakunye nenzala yenu,
10
nazo zonke izinto eziphilayo: izilo zonke, kunye nempahla efuyiweyo, neentaka zonke; nditsho yonke into ebisenqanaweni kunye nani.
11
Ndithi andisobe ndizitshabalalise ngemvula kwakhona izinto eziphilayo. Ilizwe alisobe liphinde lipheliswe ngemvula. Ngumnqophiso wam lowo.
12
Umqondiso walo mnqophiso endikwenzela wona kunye nazo zonke izinto eziphilayo, ngumnyama oya kubakho esibhakabhakeni. Nguwo lowo umqondiso womnqophiso ongasoze ujike endiwenzela abantu nalo lonke elimiweyo.
14
Nanini na xa lisibekele, amafu eziingqimba, ndowukhumbula lo mnqophiso wam kwakuvela umnyama. Nditsho lo mnqophiso ndiwenzele wena nazo zonke izinto eziphilayo, ndisithi andisobe ndilitshabalalise ilizwe kwakhona ngemvula.
16
Wakuvela umnyama emafini, ndiwubone, ndokhumbula umnqophiso ongasoze ujike endiwuthembise zonke izinto eziphilayo elizweni.
17
Nguwo ke lowo umqondiso womnqophiso endiwenzela yonke into ephilayo.”
18
UNowa waphuma enqanaweni noShem noHam noYafete oonyana bakhe. (UHam nguyise kaKanana.)
19
Oonyana bakaNowa bobathathu ngookhokho babo bonke abantu elizweni.
20
UNowa owayengumlimi waqala ngokulima umdiliya.
21
Akuba esele iwayini uNowa wanxila, wakhulula, walala ze egumbini lakhe.
22
UHam, uyise kaKanana, uthe akumbona eze uyise, waphuma waya kuxelela abantakwabo phandle.
23
Ke bona ooShem noYafete bathatha ingubo, baya ngomva kuyise egumbini lakhe, bamambathisa bengamjonganga, ukuze bangamboni ehamba ze.
24
Akuqabuka uNowa, wayiva into eyenziwe ngunyana wakhe oligqibelo,
25
wathi: “Uqalekisiwe uKanana! Uya kuba lixhoba labantakwabo.
26
Mdumiseni *uNdikhoyo uThixo kaShem. UKanana uya kuba likhoboka likaShem.
27
Wanga uThixo angawandisa umhlaba kaYafete; yanga inzala yakhe ingaxhamla amathamsanqa kunye nekaShem; uKanana yena abe likhoboka likaYafete.”
28
UNowa wahlala amakhulu amathathu namashumi amahlanu emva kwemvula kanogumbe,
29
wabhubha emakhulu alithoba namashumi mahlanu ubudala.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50