bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Genesis 48
Genesis 48
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 47
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 49 →
1
Emva kwexesha uJosefu waxelelwa ukuba uyise wayengaphilanga. Uthathe oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim, waya nabo kuYakobi.
2
Akuva uSirayeli ukuba unyana wakhe uJosefu wayeze kumbona, wazomeleza wavuka wahlala emandlalweni.
3
UYakobi ubalisele uJosefu wathi: “UThixo uSomandla wavela kum ndiseLuzi kwilizwe laseKanana, wandithamsanqelisa.
4
Wathi: ‘Ndiya kukupha inzala eninzi, ize loo nzala ibe zizizwe ngezizwe. Ndokunika lo mhlaba, ube lilifa lenzala yakho naphakade.’ ”
5
Uqokele wathi uYakobi: “Naba nyana bakho ke babini, Josefu, aba bazalelwe apha eJiputa ndingekafiki, ngabam. UEfrayim noManase ngoonyana bam ncam njengoRubhen noSimon.
6
Xa uthe wazala nyana bambi, abo ke abayi kuba ngabam. Elabo ilifa bolizuza ngoManase noEfrayim.
7
Le nto ndiyenza ngenxa kanyoko uRakeli. Ndaba buhlungu kakhulu ukubhubha kwakhe eKanana, kufuphi ne-Efrata, xa ndandivela ePadan. Ndamngcwaba apho ngakuloo ndlela iya e-Efrata.” (IEfrata yaziwa ngokuba yiBhetelehem.)
8
Uthe uSirayeli akubona oonyana bakaJosefu: “Ngoobani la makhwenkwe?”
9
Uthe kuyise uJosefu: “Aba ngoonyana bam, andiphe bona uThixo apha eJiputa.” Uthe yena: “Basondeze kum, ndibathamsanqelise.”
10
USirayeli wayeselebona luzizi, kuba wayeselaluphele, engasaboni kakuhle ke ngoko. Wabasondeza ke uJosefu oonyana bakhe, uSirayeli wabanga.
11
Uthe uYakobi kuJosefu: “Bendingasatsho ukuba ndingabuya ndikubone, kodwa uThixo wenze ukuba ndibone nabantwana bakho.”
12
UJosefu ubasusile kuyise, waqubuda phambi koyise eqondele phantsi.
13
UJosefu wambeka uEfrayim ngasekhohlo kuyise, waza uManase yena wambeka ngasekunene.
14
Kodwa uSirayeli waziphambanisa izandla zakhe, wabeka isandla sakhe sokunene phezu koEfrayim, nakuba wayengomncinane yena; esokhohlo sona wasibeka kuManase, oyena wayengomkhulu.
15
Wandula ke uSirayeli ukumthamsanqelisa uJosefu wenjenje: “Makawathamsanqelise la makhwenkwe uThixo ka-Abraham noIsake. UThixo ondaluse kwada kwayile mini, makawathamsanqelise.
16
Ewe, osithunywa esandisindisa kuzo zonke iingozi makawathamsanqelise. Igama lam, nelika-Abraham noIsake, malihlale lihleli ngawo la makhwenkwe. Anga anganda achume ehlabathini.”
17
Wakhathazeka uJosefu akubona uyise ebeka isandla sokunene kuEfrayim. Waza wasisusa wasibeka phezu koManase.
18
Watsho esithi: “Musukwenza loo nto, bawo. Nanku omkhulu; sibeke kuye isandla sokunene.”
19
Wala uyise, esithi: “Mfo wam, ndiyayazi loo nto. Nayo inzala kaManase iya kuba sisizwe abaluleke. Kodwa ke yena umninawa wakhe uya kuba mkhulu kunaye, ize yona eyakhe inzala ibe zizizwe ngezizwe.”
20
Wabathamsanqelisa ke ngaloo mini, esithi: “Xa athamsanqelisa, amaSirayeli aya kunqula athi: ‘Wanga uThixo angakwenza ufuze uEfrayim noManase.’ ” Wenjenjalo ke uYakobi ukumisela uEfrayim abe ngaphezu koManase.
21
Wandula wathi kuJosefu uSirayeli: “Uyabona ke, mna sendiza kufa, kodwa uThixo uza kuba nani, anibuyisele kwilizwe lookhokho.
22
IShekem, endayihlutha kuma-Amori ngekrele nangotolo, ndiyinika wena; iya kumiwa nguwe, ingengabo abakhuluwa bakho.”
← Chapter 47
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 49 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50