bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Genesis 35
Genesis 35
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 34
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 36 →
1
Wathi uThixo kuYakobi: “Hamba ngoku uye kuhlala eBhetele. Uze ufike undenzele iqonga lamadini apho. Mna ndingulaa Thixo wavela kuwe xeshikweni wawubaleka umkhuluwa wakho uEsawu.”
2
UYakobi ke wayalela intsapho nezicaka zakhe wathi: “Yahlukanani *noothixo basemzini abaphakathi kwenu, nihlambuluke, ninxibe mpahla zimbi.
3
Siza kumka apha, sifudukele eBhetele, apho ndiya kumisa khona iqonga lamadini loThixo owandikhulula engxakini nobesoloko enam naphi na apho ndikhoyo.”
4
Bazikhupha ke *izithixo zasemzini, bazinika uYakobi kunye naloo macici babewafakile. Ezo zinto wazimbela ngaphantsi komthi wom-oki ongakwidolophu yaseShekem.
5
Ukumka kukaYakobi noonyana bakhe, abantu beedolophu ezikufuphi baba noloyiko olukhulu, ababasukela.
6
Waya kugaleleka eBhetele eKanana uYakobi nentsapho yakhe yonke. IBhetele ke yayaziwa ngokuba yiLuzi.
7
Wamisa iqonga lamadini apho uYakobi, wayithiya loo ndawo ngoThixo waseBhetele. Kaloku kulapho uThixo wazibonakalisayo kuYakobi xa wayebaleka umkhuluwa wakhe.
8
UDibhora impelesi kaRakeli, wabhubhela khona apho, wafihlelwa phantsi komthi wom-oki owawusezantsi kweBhetele. Kwathiwa ke loo ndawo nguM-oki weeNyembezi.
9
UThixo wabuya wavela kuYakobi ukubuya kwakhe ePadan-aram, wabuya wamthamsanqelisa.
10
Wenjenje ukuthetha uThixo: “Kuthiwa igama lakho unguYakobi, kodwa ukususela ngoku kuya kuthiwa unguSirayeli.” Kwaba ke njalo uThixo umthiya igama elinguSirayeli.
11
Wabuya wathi uThixo: “Mna ndinguThixo uSomandla. Ndithi chuma wande. Uya kuba nguyise wesizwe – nditsho izizwe ngezizwe – ube ngukhokho weekumkani.
12
Umhlaba endawunika uAbraham noIsake ndiwunika wena kunye nabazukulwana bakho emva kwakho.”
13
UThixo wamshiya ke apho akugqiba ukuthetha naye.
14
Apho kanye kuloo ndawo uThixo wayethetha kuyo noYakobi, wemisa ilitye uYakobi, walinikela kuThixo ngokuligalela iwayini namafutha.
15
Loo ndawo wathi yiBhetele.
16
Wafuduka uYakobi nentsapho yakhe eBhetele. Kwathi xa babekude kufuphi ne-Efrata, kwabonakala ukuba lifikile ixesha lokuba uRakeli abeleke. Kwaba nzima kakhulu.
17
Kwathi egcuma ziintlungu, wavakala esithi umbelekisi wakhe: “Uzungoyiki, Rakeli, uzele enye inkwenkwe.”
18
Ngelo xesha ke uRakeli wayeseleqhawuka. Uthe kanye xa uphumayo umphefumlo wathi igama laloo mntwana nguBhenoni. Uyise yena wathi nguBhenjamin.
19
Waza ke uRakeli wafa, wangcwatywa ecaleni kwendlela eya e-Efrata, ekuthiwa yiBhetelehem.
20
Wemisa ilitye lesikhumbuzo apho uYakobi. Liselapho; nangoku lisaqondisa ingcwaba likaRakeli.
21
Wahambela mganyana uYakobi, wafika wemisa malunga neMigdali-edere.
22
Ngethuba wayesekuloo mmandla uSirayeli, uRubhen walala noBhiliya, elinye lamaqadi abafazi bakayise uSirayeli. Wayiva loo nto uSirayeli. UYakobi wayenoonyana abalishumi elinambini.
23
Oonyana abazalwa nguLeya yayinguRubhen, izibulo likaYakobi, noSimon, noLevi, noJuda; uIsakare noZebhulon.
24
Oonyana abazalwa nguRakeli yayinguJosefu noBhenjamin.
25
Oonyana bempelesi kaRakeli uBhiliya yayinguDan noNafetali.
26
Oonyana bempelesi kaLeya uZilipha yayinguGadi noAshere. Aba nyana bazalelwa ePadan-aram.
27
UYakobi waya kuyise eMamre kufuphi neHebron, ekwakusithiwa yiKiriyati-arbha, apho babemi khona ooAbraham noIsake.
28
UIsake uhleli iminyaka elikhulu linamashumi asibhozo.
29
Ubhubhe seleyinkothovu yexhego, wangcwatywa ngoonyana bakhe uEsawu noYakobi.
← Chapter 34
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 36 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50