bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Genesis 22
Genesis 22
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 23 →
1
Ekuhambeni kwexesha uThixo wamvavanya uAbraham. Wambiza wathi: “Abraham!” Wasabela uAbraham wathi: “Ndim lo, Mhlekazi!”
2
Uthe uThixo: “Thatha unyana wakho uIsake, lo kanye usenyongweni kuwe, uye naye eMoriya. Uya kufika apho ke, kuloo nduli ndiza kukubonisa yona, umnikele khona abe lidini elitshiswayo.”
3
Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka, wabopha idonki yakhe, wabiza izicaka zazibini kunye noIsake, bacanda iinkuni zokubasa umlilo wedini, banduluka baya kuloo ndawo bekuthiwe ze baye kuyo nguThixo.
4
Ngosuku lwesithathu wayibona isekude loo ndawo uAbraham.
5
Wathi kuloo madoda wayehamba nawo: “Salani apha nina nale donki, mna nale nkwenkwe siza kuya phaya. Sakuthi sakugqiba ukunqula, sibuye.”
6
UAbraham wamthwalisa emagxeni uIsake ezo nkuni, yena waphatha amalahle nemela. Benjenjeya bobabini.
7
Endleleni uthe uIsake kuyise: “Tata!” UAbraham wathi: “Thetha, nyana!” UIsake wathi: “Nanku umlilo, nanzi neenkuni; liphi ke lona ixhwane ledini?”
8
Uthe ukuphendula uAbraham: “Iya kubonwa nguThixo loo nto, mfo wam.” Batsho bahamba besiya kuloo ndawo yayalathwe nguThixo. Bakufika apho, uAbraham wenza iqonga lamadini, wabeka iinkuni ezo phezu kwalo, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka phezu kwezo nkuni.
10
Uthathe imela ukuze ambulale unyana wakhe.
11
Suka kwavakala isithunywa *sikaNdikhoyo simemeza sisezulwini sisithi: “Abraham! Abraham!” Yena ke uthe: “Ndim lo!” Sathi isithunywa kuye:
12
“Uze ungayenzakalisi loo nkwenkwe, ungayithi cha nakancinci! Ngoku ndiyazi ukuba uThixo uyamoyika; kaloku akwalanga nonyana wakho oyintandane ekuphela kwakhe.”
13
UAbraham wabheka-bheka, wabona inkunzi yegusha ibambeke ngeempondo etyholweni. Waya kuyirhola, wenza ngayo idini endaweni yonyana wakhe.
14
UAbraham wathi loo ndawo yiYawe-yire. Unangoku kusathiwa xa kuthethwayo: “UNdikhoyo uyabonelela endulini yakhe.”
15
Siphindile savakala sithetha ezulwini isithunywa, sisithi kuAbraham:
16
“Uthi uNdikhoyo: ‘Mna ngokwam ndiyafunga; ndithi ngenxa yale nto uyenzileyo, akwala ukuncama intandane ekuphela kwayo,
17
ndiza kukuthamsanqelisa kanobom, ndikuphe inzala eninzi, ibe ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni nentlabathi eselunxwemeni lolwandle ubuninzi bayo. Abazukulwana bakho boyithimba imihlaba yeentshaba zabo.
18
Zonke izizwe emhlabeni zothamsanqeliswa ngenzala yakho. Iyonke loo nto kungenxa yokundithobela kwakho.’ ”
19
UAbraham wabuyela kwizicaka zakhe, bonke baphindela eBheshebha apho waba ngummi khona.
20
Emva kwexesha uAbraham weva ukuba uMilika uzalele uNahore umninawa wakhe abantwana abasibhozo.
21
Yayingu-Uzi izibulo, yaba nguBhuzi, kweza uKamweli uyise ka-Aram.
22
Kulandele uRhesedi, noHazo, noPildashe, noJidelafu, kunye noBhetuweli.
23
UBhetuweli wazala intombi uRabheka. Aba bantwana basibhozo bazalwa nguMilika umka-Nahore umninawa ka-Abraham.
24
Iqadi likaNahore, uRewuma, lazala uTebha, noGaham, noTahashe, kunye noMahaka.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50