bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Genesis 31
Genesis 31
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 30
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 32 →
1
UYakobi weva ukuba oonyana bakaLabhan bathi uzithathe zonke izinto zikayise, yaye nobu butyebi bakhe ubuzuze ngezinto zikayise.
2
Waphawula nokuba akasathandwa nguLabhan.
3
*UNdikhoyo wathi kuYakobi: “Buyela kwilizwe looyihlo-mkhulu, kumawenu. Mna ndiya kuba nawe.”
4
UYakobi ke wathumela ukuba kubizwe uRakeli noLeya ukuba beze kuye endle apho wayesalusa khona imihlambi.
5
Uthe kubo: “Ndiyabona ukuba uyihlo akasandithandi ngoku; ukanti uThixo kabawo ubesoloko enam.
6
Nazi kakuhle nobabini indlela ebendimsebenzela ngayo uyihlo.
7
Kodwa yena wandiqhatha, wawuguqu-guqula umvuzo wam kalishumi. Kodwa uThixo akavumanga ukuba andenzakalise.
8
Ubesakuthi uLabhan akuthi ezinamachaphaza ziya kuba zezam, zisuke zonke zizale amatakane anamachaphaza. Kuthi akuthi ziya kuba zezinemizila ezam, zisuke zonke zizale amatakane anemizila.
9
UThixo uyihluthile imfuyo kayihlo, wayinika mna.
10
“Ngexesha ekwakukhwelwa iimazi ndaba nephupha: ndaphakamisa amehlo, ndabona iinkunzi zeebhokhwe ezazikhwela iimazi, zingcitha, zingcaka.
11
Sathi kum isithunywa sikaThixo ngephupha: ‘Yakobi!’ Ndasabela ndathi: ‘Ndim lo.’
12
Sithe ke sona: ‘Phakamisa amehlo, ubone zonke iinkunzi zeebhokhwe ezikhwelayo zingcitha, zingcaka. Ndiyibonile yonke into akwenze yona uLabhan; kungoko ndisenza le nto.
13
Mna ndingulaa Thixo wabonakala kuwe eBhetele, apho wathambisa khona ngamafutha ilitye lesikhumbuzo, apho wawenze khona isifungo. Ngoku ke lishiye eli lizwe, ubuyele kwelakowenu.’ ”
14
Bathe ukuphendula ooRakeli noLeya: “Asisenabango thina kwizinto zikatata.
15
Usiphethe okwabantu basemzini. Wasithengisa, wayitya yaphela naloo nto wayifumana ngathi.
16
Ngoko ke seliyeyethu nabantwana bethu yonke loo nto uThixo asihluthele yona kutata. Yenza loo nto wena uThixo akuyalela yona.”
17
Kwangoko uYakobi wabakhwelisa ezinkameleni abafazi bakhe noonyana bakhe.
18
Wayiqhuba yonke loo mihlambi wayifumana ePadan-aram, wenjenjeya ukusinga kuyise uIsake eKanana.
19
ULabhan wayeye kucheba iigusha zakhe. Lo gama angekhoyo uRakeli waya kuba *imilonde-khaya kuyise.
20
UYakobi yena wamkhohlisa uLabhan ngokungamazisi uLabhan ukuba uyemka.
21
Wathatha konke okwakhe, wemka ngokungxama. Waya kuwela umlambo iEfrati, wenjenjeya ejonge kweleenduli eGiliyadi.
22
Emva kweentsuku ezintathu uLabhan weva ukuba uYakobi ubalekile.
23
Wahamba nezihlobo zakhe, basukela iintsuku zada zasixhenxe, bamfumana kwezo nduli zeGiliyadi.
24
Ngobo busuku uThixo wavela ngephupha kuLabhan, wathi: “Uze ulumke, ungathethi nto kuYakobi konke, nenjani na.”
25
ULabhan wafika uYakobi emise kwezo nduli zeGiliyadi, waza yena namadoda awayehamba nawo wemisa kwalapho.
26
ULabhan wathi kuYakobi: “Yintoni le uyenzileyo? Kutheni undikhohlisa nje, ude uqhube neentombi zam oku kwabathinjwa emfazweni?
27
Kutheni le nto usuka uzimele, ungatsho xa umkayo? Ukuba ubuxelile ngendikukhulule kakuhle, wenzelwa iingoma ngamagubu nangeehapu.
28
Akukhange undinike nethuba lokuba khe ndange abazukulwana bam neentombi zam, ndithi ndlela-ntle kubo. Hayi noko, bubudenge into oyenzileyo!
29
Ndingakwenza into embi ngoku. Kodwa phezolo uThixo kayihlo uthe ze ndingathethi nto kuwe.
30
Ndiyazi ukuba umkiswe kukukhumbula ikhaya, kodwa ke uyibele ntoni yona *imilonde-khaya yam?”
31
Uthe uYakobi: “Ndoyike ukuba undihluthe iintombi zakho.
32
Kodwa ke ukuba kukho umntu apha onayo imilonde-khaya yakho, maze abulawe lowo. Ngoku sikhoyo sonke khangelani nantoni na eyeyenu, niyithathe.” UYakobi wayengazi ukuba imilonde-khaya kaLabhan ibiwe nguRakeli.
33
ULabhan waya kukhangela ententeni kaYakobi, wadlulela nakwekaLeya, waya nakweyeempelesi zeentombi zakhe, akafumana nto apho. Wesuka apho waya ententeni kaRakeli.
34
URakeli wayeseleyithathile imilonde-khaya wayifaka engxoweni, wahlala phezu kwayo. Wakhangela wagqogqa yonke indawo uLabhan, akayifumana noko.
35
URakeli uthe kuyise: “Akuyi kukhathazeka, mhlekazi, xa ndingasukumiyo. Kaloku ndiya exesheni.” Wagqogqa uLabhan, wabuya ze nalapho engayifumananga imilonde-khaya yakhe.
36
UYakobi wangcangcazela ngumsindo, wathi: “Uthi yintoni le imbi ndiyenzileyo? Mthetho wuphi lo ndiwaphuleyo ukugunyazisa ukuba uzingelane nam?
37
Kukho nto yendlu yakho oyifumeneyo apha wakugqiba ukugqogqa umzi wam? Yirhole ibonwe ngala madoda uhamba nawo nala am, khon' ukuze alathe oyena wonileyo: indim, inguwe.
38
“Bendihleli nawe iminyaka engamashumi mabini. Ngalo lonke elo xesha bezizala rhoqo iibhokhwe zakho, yaye andizange nditye nanye igusha yakho.
39
Bendisoloko ndiyihlawula igusha nganye eqwengwe zizilwanyana. Andizange ndize nayo kuwe ndisithi asilotyala lam. Wawudla ngokuthi mandibuyise yonke into ebiweyo, nokuba kusemini, nokuba kusebusuku.
40
Ndanditshiswa ngamalanga emini, ndidliwa naziingqele ebusuku, kungehli nobuthongo obu,
41
kule minyaka imashumi mabini ndinawe. Ndasebenza ishumi elinane leminyaka, ndifuna iintombi zakho. Ndabuya ndasebenza eminye emithandathu, ndisebenzela imfuyo. Kanti ke phezu koko uwuguqu-guqule kwada kwakalishumi umvuzo wam.
42
Ukuba ebengenam uThixo woobawo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, ngewandigxotha ndemka ndingaphethe nto. Kodwa ke uThixo ububonile ubunzima ebendikubo nomsebenzi wam, waza ke phezolo wandigwebela.”
43
Wenjenje ukuphendula uLabhan: “Ziintombi zam ezi; naba bantwana bazo ngabam; nale mihlambi yeyam; nditsho yonke le nto ilapha. Kodwa ngenxa yokuba ndingenako ukubanqanda abantwana bam,
44
ndingáyenza imvumelwano kunye nawe. Masithathe amatye, siwafumbe ndawonye, abe sisikhumbuzo saloo mvumelwano.”
45
UYakobi ke wathatha ilitye, walimisa ukuba libe sisikhumbuzo.
46
Wathi amadoda makaqokelele amatye, awafumbe apho. Enjenjalo ke, aza ahlala phantsi apho ngakuloo matye, atya.
47
ULabhan wathi loo ndawo yiJegare-saduta, uYakobi wathi yiGaledi.
48
ULabhan wathi kuYakobi: “Le ngqumba yamatye iya kuba sisikhumbuzo kuthi.” Yiyo loo nto loo ndawo kwathiwa yiGaledi.
49
ULabhan wabuya wathi: “Wanga *uNdikhoyo angasijonga naxa sesahlukene.” Yaza loo ndawo kwathiwa yiMizpa.
50
Waqhuba wathi uLabhan: “Ukuba ukhe wabaphatha kakubi abantwana bam, okanye wathatha bafazi bambi, nokuba andiyazanga loo nto, uzukhumbule ukuba uThixo usijongile.
51
Nanga la matye afunjwe apha, phakathi kwethu; nali nelitye lesikhumbuzo.
52
Zizombini ke ezo zinto zisisikhumbuzo. Andisoze ndidlule apha ndize kukuhlasela; nawe ungaze uzidlule uze kundihlasela.
53
NguThixo ka-Abraham, uThixo kaNahore, oya kusigweba.” Waza ke uYakobi wafunga egameni loMhlonitshwa kayise uIsake.
54
Waxhela, wenza idini apho, wamemela izihlobo zakhe esidlweni. Bakugqiba ukutya bahlala kuloo ntaba ubusuku bonke.
55
Kwakusasa ngengomso uLabhan wanga abazukulwana bakhe neentombi zakhe, esithi ndlela-ntle kubo, wajika wagoduka.
← Chapter 30
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 32 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50