bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Proverbs 1
Proverbs 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 2 →
1
IMIZEKELISO ka‐Solomone, unyana ka‐Davide, ukumkani wo‐Sirayeli;
2
yokuba kwaziwe ubulumko nemfundiso; yokuba kuqondwe iziteto zengqondo;
3
yokuba kwamkelwe imfundiso yobutelekelelo; ubulungisa, nobugwebo, nolungelelwano;
4
yokunika izidenge ubuciko, n omfana ukwazi nentelekeleliso.
5
Ilumko liya kuva, landise ufundo; noqondayo uya kuzuza amaqinga alumkileyo:
6
kuze kuqondwe umzekeliso nenteto esiteleyo, amazwi amalumko nezintsonkotelo zawo.
7
UKWOYIKA uyehova kusisiqalo sokwazi: ubulumko nemfundiso amahilihili ayazidela.
8
Yiva, nyana wam! imfundiso kayihlo, ungalahli umteto kanyoko.
9
Ngokuba ziya kuba sisitsaba esihle zona kuyo intloko yako, nemixokelelwane entanyeni yako.
10
Nyana wam! ukuba aboni bayakuhenda, zungavumi ke.
11
Ukuba bati: Hamba nati, masilalele igazi, masizifihlele ofumana engenatyala;
12
masibaginye behleli njengayo ihadesi; kwa besapilile, babe njengabahleleyo esihogweni:
13
yonke impahla enobomi soyifumana; siya kuzalisa izindlu zetu ngamaxoba:
14
iqashiso lako uya kulenza pakati kwetu; inxowa inye yoba kuti sonke:
15
nyana wam! zungahambi nabo endleleni; nqanda unyawo lwako emizileni yabo:
16
ngokuba inyawo zabo zibalekela ububi, zinxamela ukupalaza igazi.
17
Ngenyaniso kufumana kusanekwa utambo emehlweni enye intaka:
18
kanti bona bayalalela elabo igazi, bayazifihlela obabo ubomi.
19
Zinjalo ke indlela zabo bonke ababawela impango; iyasusa ubomi bomniniyo.
20
UBULUMKO buyadanduluka ngapandle; buyapakamisa ilizwi labo ezitarateni:
21
kwezinkulu indawo zembutumbutu buyabiza, ezitubeni zamasango; esixekweni buyateta iziteto zabo, busiti:
22
Kwoba kade kangakananina, zidenge! niya kutanda ubudenge, nabagxeki bazinqwenele ukugxeka, namageza atiye ukwazi?
23
Ziguquleni ngokwohlwaya kwam; bona ke, ndiya kunigalelela umoya wam; ndiya kunazisa amazwi am.
24
Ngokokuba ndibizile, nala nina; ndolulile isandla sam, kungabangako owapulapulayo;
25
koko nilahlile lonke icebo lam, nesohlwayo sam ningasivumanga;
26
nam ndiya kuhleka ilishwa lenu; ndiya kugculela kwakufika isoyiko senu;
27
kwakufika isoyiko senu njengalo uquta, liti ilishwa lenu lize njengaso isaqwiti; kwakufika pezu kwenu ubunzima nesitukutezi.
28
Baya kwandul’ ukundibiza, kanti andiyi kusabela; baya kundifuna msinya, kanti abasayi kundifumana:
29
ngenxa yokuba betiyile ukwazi, nokuba bengaqashanga ukwoyika uyehova.
30
Abavumanga icebo lam; badela konke ukwohlwaya kwam:
31
ngako baya kutya kwisiqa̔mo seyabo indlela, badikwe ngawabo amacebo.
32
Ngokuba ukupambuka kwezidenge kuya kuzibulala, nokungakatali kwamageza kuya kuwabubisa.
33
Kodwa ondivayo mna wohlala ngokunqaba; uya kwonwaba, kungeko kwoyika ububi.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31