bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Proverbs 24
Proverbs 24
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 25 →
1
Ungabi namona ngabantu abangalungileyo, kanjalo ungakanuki ukuba nabo.
2
Ngokuba intliziyo yabo icamanga ubandezelo, nomlomo wabo uyateta ububi.
3
Indlu iyakiwa ngobulumko; nangengqondo iyaqiniswa:
4
kanjalo ngokwazi inkambili ziya kuzaliswa ngobutyebi bonke obunqabileyo obuhle.
5
Umuntu olumkileyo unamandla; ewe, umntu onokwazi uyomeleza amandla.
6
Ngokuba ngawo amaqinga alumkileyo uya kuzenzela imfazwe; kanjalo kuko ingciniso ebuninzini babacebisi.
7
Ubulumko buyinto epezulu kwihilihili; alivuli umlomo walo esangweni.
8
Ocingayo ukwenza ububi, uya kubizwa ngokuba ngumntu wamaqinga akohlakeleyo.
9
Iqinga lobuhilihili lisisono; kanjalo umgxeki uyintshontsho ebantwini.
10
Ukuba uyacubuka emhleni wobunzima, amandla ako axinene.
11
Ukuba uyalandula ukusindisa abo bar̔olelwayo ekufeni, nabo bahexelayo ekubulaweni;
12
nxa utshoyo ukuti: Bona ke, besingakwazi oku; olinganisa intliziyo, akaqondi na yena? ogcinayo umpefumlo wako, akazi na yena? kanjalo akayi kuvuza abantu njengokwemisebenzi yabo na?
13
Nyana wam! yidla ubusi, ngokuba bumnandi; nencindi, e yolileyo ekuhlangubo lako.
14
Kwoba njalo ke ukwaziwa kwobulumko empefumlweni wako: nxa ubufumeneyo, kwandul’ ukubako umvuzo, netemba lako ahyi kunqunyulwa.
15
Musa, wena mntu okohlakeleyo! ukulalela ikaya lolungileyo; ungaciti indawo yake yokupumla:
16
ngokuba olungileyo esiwa kasixe̔nxe, abuye avuke; kodwa abakohlakeleyo baya kukubekela engozini.
17
Nxa utshaba lwako luwayo, ungavuyi; naxeshekweni luku̔bekayo, mayingagcobi intliziyo yako;
18
hleze abone uyehova, kube kubi emehlweni ake, aze anqande kulo umsindo wake.
19
Ungaziqumbisi pezu kwabenzi bokungalungileyo; ungabi namona pezu kwabakohlakeleyo;
20
ngokuba kungayi kubako umvuzo kuye ongalungileyo; isibane sabakohlakeleyo siya kucinywa.
21
Nyana wam yoyika uyehova nokumkani; ungadibani nabo baguquguqukayo;
22
ngokuba ilishwa labo liya kuvuka ngebaqo; nentshabalaliso yabo bobabini, ngubanina oyaziyo?
23
LA MAZWI nawo ngawabalumkileyo. Ukugqalisela ubuso ekugwebeni, akulungile.
24
Otshoyo kokohlakeleyo ukuti: Ulungile; abantu baya kumnywebelela, izizwe ziya kumzonda:
25
kodwa kubo abamohlwayayo, kwoba mnandi; napezu kwabo kwoza itamsanqa elilungileyo.
26
Kuya kwangwa umlomo walowo owenza impendulo ngamazwi asekuhleni.
27
Lungisa umsebenzi wako pandle, uwulungiselele entsimini yako; wandule ukwaka indlu yako.
28
Ungabi linqi̔na ngakuye ummelwane wako kungeko tuba; uya kuhanahanisa ngomlomo wako yinina?
29
Ungatsho ukuti: Njengokuba enze kum, ndiya kwenje njalo kuye; ndopindezela emntwini njengokwomsebenzi wake.
30
Ndadlula ngasentsimini yomutu olivila, nangasemyezweni womntu oswele ingqondo:
31
kekaloku, bona ke, ubumilelwe upela ngamakakakaka; ubuso bawo bebugujungelwe ngamaṙau; notango lwamatye lwawo lube lucitekile.
32
Ndaza ndawukangela, ndawubekela intliziyo yam; ndawubonela, ndamkela ululeko:
33
Ibe yintwana yobutongo, ibe yintwana yokunqenqa, ibe yintwana yokuxabanisa izandla kuze kulalwe,
34
bandul’ ukuza ubuhlwempu bako njeng omhambi, nokuswela kwako njengoxo̔bileyo.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31