bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Proverbs 14
Proverbs 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 15 →
1
UMFAZI osukuba elumkile, uyaka indlu yake; kodwa lowo unyabileyo, uyayicita ngezandla zake.
2
Ohambayo ngokulungisa kwake, uyamoyika uyehova; kodwa onokanda emikweni yake uyamdela.
3
Emlonyeni wehilihili kuko uswazi lwer̔atshi; kodwa umlomo wabalumkileyo wobagcina.
4
Nxa kungeko zinkabi, isibaya sizé; kodwa kuko ubuninzi benzuzo ngamandla enkabi.
5
Inqi̔na elinyanisekileyo aliyi kuxoka; kodwa inqi̔na lobuxoki lopimisela ilwimi.
6
Umgxeki uyafuna ubulumko, kanti abuko; kodwa ukwazi kulula konokuqonda.
7
Suka ebusweni bomntu osidenge, ngokuba ungaboni kuye umlomo wokwazi.
8
Ubulumko botelekelelayo, kukuqonda indlela yake; kodwa ubudenge bawo amahilihili, buyinkohliso.
9
Idini letyala liyagculela amahilihili; kodwa pakati kwabalungileyo kuko ukubukwa.
10
Intliziyo iyabazi obayo ubuṙaṙa; kanjalo owasemzini akangedibane novuyo lwayo.
11
Indlu yabakohlakeleyo iya kucitwa; kodwa intente yabalungileyo yohluma.
12
Kuko indlela engati ilungile emntwini, kanti ukupela kwayo kuzindlela zokufa.
13
Kwa sekuhlekeni intliziyo inobuhlungu; nokupela kwalo uvuyo kulusizi.
14
Ohlehlileyo ngentliziyo, wodikwa yeyake imikwa; kodwa umntu olungileyo ukude kuye.
15
Isidenge siyakolwa ngamazwi onke; kodwa otelekelelayo wobonela ekuhambeni kwake.
16
Ilumko liyoyika, lize lipambuke ebubini; kodwa ihilihili likukumele, lingenakukatala.
17
Oqumba msinya uyenza ngobugeza; kanjalo umntu onamaqinga akohlakeleyo uyatiywa.
18
Izidenge zidla ilifa lobugeza; kodwa abatelekelelayo baya kupahlwa ngokwazi.
19
Abangalungileyo bayatoba pantsi ebusweni babalungileyo, nabakohlakeleyo ngasemasangweni abalungisayo.
20
Ihlwempu liyatiywa kwa ngowalo ummelwane; kodwa isityebi abatandi baso baninzi.
21
Omdelayo ummelwane wake, uyona; kodwa owenza ngofefe kumahlwempu, hai itamsanqa lake!
22
Abaposisi na abaqingayo okubi? kodwa banobubele nenyaniso abo baqinga okulungileyo.
23
Kuko ukwanda ngako konke ukusebenza; kodwa ukuteta kwomlomo kubang’ ukuswela kupela.
24
Ikrone yabalumkileyo ibubutyebi babo; ubudenge bamahilihili bubudenge.
25
Inqi̔na lenyaniso liyasindisa imipefumlo; kodwa elenkohliso liyapimisela ilwimi.
26
Ngokwoyika uyehova kuko itemba elinamandla; nakulo usapo lwake kwobako indawo yokupepela.
27
Ukwoyikwa kwake uyehova kungumtombo wobomi, ukuba kumkiwe emigibeni yokufa.
28
Ubungcwalisa bokumkani bungobuninzi babantu; kodwa intshabalalo yenkosi ingokuswela abantu.
29
Oqumba kade unokuqonda okukulu; kodwa oqumba msinya uyapakamisa ubugeza.
30
Intliziyo elulamileyo ibubomi benyama; kodwa umona ukukubola kwamatambo.
31
Obandezelayo ihlwempu, uyamtuka umenzi walo; kodwa uyambeka, owenza ngofefe kosweleyo.
32
Okohlakeleyo uyagxotwa esekukohlakaleni kwake; kodwa olungileyo unetemba ekufeni kwake.
33
Ubulumko buyapumla entliziyweni yonokuqonda; kodwa okupakati kwazo izidenge kuya kwaziwa.
34
Ubulungisa buyapakamisa isizwe; kodwa isono silihlazo labantu bonke.
35
Imbuko yokumkani ingasesicakeni esilumkileyo; kodwa ubuṙalaṙume bake boba ngakuso esihlazisayo.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31