bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Proverbs 28
Proverbs 28
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 29 →
1
ABAKOHLAKELEYO bayesaba nxa kungasukelwa mntu; kodwa abalungileyo banqabile njengengonyama.
2
Ngenxa yokwona kwelizwe ziba zininzi inkosi zalo; kodwa ngenxa yomntu onokuqonda nokwazi, ubume balo buya kwolulwa.
3
Umntu olihlwempu obandezelayo amahlwempu, u njeng emvula ekukulisayo, kude kungabiko ukudla.
4
Abashiyayo umteto, bayadumisa abakohlakeleyo; kodwa abagcinayo umteto, bayamelana nabo.
5
Abantu abangalungileyo abaqondi ubugwebo; kodwa abo bamfunayo uyehova bayaqonda izinto zonke.
6
Ihlwempu elihambayo ngenene yalo, ligqitisele ondlela zigwenxa, noko asisityebi yena.
7
Obambayo umteto, ungunyana oqondayo; kodwa odlelana nababawayo, uyahlazisa uyise.
8
Oyandisa imfuyo yake ngokudla abanye nangenzuzo engalungileyo, woyihlanganisela umntu oya kukedamela amahlwempu.
9
Oyinqandayo indlebe yake ukuba angeva umteto, kwa nomtandazo wake woba yintshontsho.
10
Olahlekisa abalungisayo baye endleleni yobubi, uya kweyela yena kwa sesihogweni sake; kodwa abayinene bodla ilifa lokulungileyo.
11
Umntu osisityebi ulumkile kwawake amehlo; kodwa ihlwempu eliqondayo liya kumpanda.
12
Kuti kwakuvuyelela abalungileyo, kubeko ubungcwalisa obukulu; kodwa kwakupakama abakohlakeleyo, umntu uyafunwa.
13
Ofihlayo izono zake, akayi kutamsanqeleka; kodwa ozixelayo azishiye, wofumana ububele.
14
Unetamsanqa umntu omana esoyika; kodwa oyenza lukuni intliziyo yake, uya kweyela engozini.
15
Umpati okohlakeleyo pezu kwabantu abangamahlwempu, uyingonyama egqumayo nebere ehambahambayo.
16
Inkosi esweleyo ingqondo, ifuti ekubandezeleni kanjalo; kodwa otiyayo uqwebo olungalungileyo, uya kwolula imihla yake.
17
Umntu obandezelwa ligazi lobomi, uya kubalekela esihogweni; makungabiko omtintayo.
18
Ohambayo ngokulungisa, wosindiswa; kodwa ondlela zigwenxa, uya kweyela kanye.
19
Olimayo umhlaba wake, wohlutiswa sisonka; kodwa olandela abantu abangendawo, wohlutiswa bubuhlwempu.
20
Umntu wenyaniseko uya kwanelwa ngamatamsanqa; kodwa onxamela ukutyeba, akayi kuswela ityala.
21
Ukugqalisela ubuso akulungile; ngokuba umntu owenje njalo eya kwona ngenxa yeqekeza lesonka.
22
Onxamela ubutyebi ungumntu oliso likohlakeleyo; kanti akazi ukuba uya kuhlelwa kukuswela.
23
Omohlwaya umntu, woti kamva afumane ufefe ngapezu kwoteta ngobutelezi.
24
Odlayo uyise nonina, esiti: Asi siso isono; lowo ungumlingane womcitakalisi.
25
Ompefumlo ukukumeleyo, uyavusa ipike; kodwa otembela kuyehova, uya kutyetyiswa.
26
Otembayo eyake intliziyo, usisidenge yena; kodwa ohambayo ngobulumko, yena uya kusindiswa.
27
Opayo ihlwempu, akayi kuswela; kodwa ofihla amehlo ake, uya kwanelwa ziziqalekiso.
28
Kuti kwakupakama abakohlakeleyo, kuzimele abantu; kodwa bakutshabalala, kwandul’ ukwanda abalungileyo.
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 29 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31