bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Proverbs 20
Proverbs 20
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 21 →
1
IVEYINE ingumgxeki, noselo olunamandla luyadlongoza; nosukuba eyoba ngalo akalumkile.
2
Isoyikeko sokumkani sinjengokuvungama kwengonyama entsha; omqumbisayo uyawona owake umpefumlo.
3
Ukuyeka ipike bubungewalisa emntwini; kodwa onke amahilihili oba shushu kulo.
4
Ngenxa yobusika ivila aliyi kulima; ngako lonqiba ekwindla, kanti akuko nto.
5
Icebo entliziyweni yomntu lingamanzi anzulu; kodwa umntu wokuqonda wolir̔ola.
6
Abantu abaninzi boshumayela abanye ngabanye obabo ububele; kodwa umntu onyanisekileyo, ngubanina ongamfumanayo?
7
Olungileyo uyahamba ngenene yake; banetamsanqa ke abantwana bake emva kwake.
8
Ukumkani ohleli pezu kweterone yokugweba, uyacita konke okukohlakeleyo ngamehlo ake.
9
Ngubanina ongatshoyo ukuti: Ndicokisile intliziyo yam; ndingewele kuso isono sam?
10
Ilitye ngelitye, neyefa ngeyefa, ziyintshontsho ezonto kuyehova kwa zombini.
11
Kwa umntwana uyaziwa ngezenzo zake, nokuba ungcwele, nokuba ulungile, umsebenzi wake.
12
Indlebe evayo, neliso elibonayo, uyehova uzenzile kwa zombini.
13
Ungatandi ubutongo, hleze ungene ebuhlwentshini; vula amehlo ako, uhlutiswe ngesonka.
14
Imbi! imbi! utsho otengayo; kanti esakumka, andul’ ukuqa̔yisa.
15
Kuko igolide, nento eninzi yerubi; kodwa umlomo wokwazi uyimpahla enqabileyo wona.
16
Bamba ingubo yake obambele owasemzini; utabate umbambiso kuye obamb ele abangaziwayo.
17
Isonka senkohliso simnandi emntwini; kodwa kamva umlomo wake wozaliswa luhlalutye.
18
Amaqinga ayaqiniswa ngecebo; ngako yenza imfazwe ngamaqinga alumkileyo.
19
Ohambahamba ehleba, uyatyila amahlebo; ngako ungakolani nalowo uhendayo ngomlomo wake.
20
Otukayo uyise nonina, isibane sake socinyelwa ebumnyameni obukulu.
21
Imfuyo ingazuzwa msinya ekuqaleni; kanti ukupela kwayo akuyi kutanyusanqelwa.
22
Ungatsho ukuti: Ndiya kupindezela ububi; kangela kuyehova, wokusiza yena.
23
Amatye ngamatye ayintshontsho kuye uyehova; nesilinganiselo senkohliso asilungile sona.
24
Amanyatela omntu angaye uyehova; angati nina ke umntu ukuqonda indlela yake?
25
Ngumgibe emntwini ukuba atete okuyingcwele ngokunxama, andule ati, emva kwezibambiso, abuye abuze.
26
Ukumkani olumkileyo uyacita abakohlakeleyo, ayijikelise pezu kwabo ivili.
27
Umpefumlo womntu usisibane sikayehova, esipengulula zonke indawo zapakati zombilini.
28
Ukumkani uyalondolozwa bububele nenyaniso; neterone yake uyayisekela ngobubele.
29
Ubungcwalisa bamadodana ngamandla awo; nobuhle bamaxego zizimvi.
30
Imivimbo yenxeba iyintlambululo kokohlakeleyo, nezibeto ezifikela indawo zapakati zombilini.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31