bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Proverbs 10
Proverbs 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 11 →
1
IMIZEKELISO ka‐Solomone. Unyana olumkileyo uyavuyisa uyise; kodwa unyana osidenge ulusizi kuye unina.
2
Indyebo zenkohlakalo azincedi luto; kodwa ubulungisa buyasindisa ekufeni.
3
Uyehova akayi kuvumela umpefumlo wolungileyo ulambe; kodwa unqwenelo lwabakohlakeleyo wolutya̔la.
4
Woda abe lihlwempu osebenzayo ngesandla esinqenayo; kodwa isandla sokuteleyo siyatyebisa.
5
Obutayo ehlotyeni, ungunyana olumkileyo; olala butongo ekwindla, ungunyana ohlazisayo.
6
Amatamsanqa apezu kwentloko yolungileyo; kodwa umlomo wabakohlakeleyo uyafihla ubudlwengu.
7
Inkunjulwa yolungileyo yoba netamsanqa; kodwa igama labakohlakeleyo lobola.
8
Ontliziyo ilumkile, uya kwamkela imiyalelo; kodwa ohilizayo ngomlomo, uya kuwiswa pantsi.
9
Ohambayo ngenene, uyahamba ngokugcineka; kodwa ozenza gwenxa indlela zake, uya kwaziwa.
10
Opanyazayo ngeliso, wonika ubuhlungu; nohilizayo ngomlomo, uya kuwiswa pantsi.
11
Umlomo wolungileyo ngumtombo wobomi; kodwa umlomo wabakohlakeleyo uyafihla ubudlwengu.
12
Utiyo luyavusa amapike; kodwa utando luyagubungela izigqito zonke.
13
Emlonyeni wonokuqonda bufunyanwa ubulumko; kodwa uswazi lulung ele umhlana woswele ingqondo.
14
Abalumkileyo bayabekela ukwazi; kodwa umlomo wehilihili uyintshabalaliso ekufupi.
15
Imfuyo yesityebi isisixeko esinamandla saso; intshabalaliso yamahlwempu bubuhlwempu bawo.
16
Umsebenzi wolungileyo ubang’ ubomi; inzuzo yokohlakeleyo ibang’ isono.
17
Usendleleni yobomi ogcina imfundiso; kodwa oshiyayo ukwohlwaywa uyaposisa.
18
Ofihlayo utiyo, unomlomo wobuxoki; nopumisayo intlebo, yena usisidenge.
19
Ebuninzini bamazwi akusweleki isigqito; kodwa obamba umlomo wake ulumkile.
20
Ulwimi lwolungileyo lu njeng esilivere edlulisileyo; intliziyo yabakohlakeleyo yinto encinanana.
21
Umlomo wolungileyo uyondla abaninzi; kodwa amahilihili ayabuba ngokuswela ingqondo.
22
Itamsanqa likayehova, lilo elityebisayo; akongezi ubuhlungu kulo.
23
Kunjengokufeketa kwisidenge ukwenza ubumenemene; kodwa umntu wokuqonda unobulumko.
24
Isoyiko sokohlakeleyo, sona siyakumfikela; kodwa inkanuko yabalungileyo iya kupiwa.
25
Njengokugqita kwesaqwiti, kunjalo ukungabiko kwokohlakeleyo; kodwa olungileyo usisisekelo esingunapakade.
26
Njengeyasine kuwo amazinyo, nanjengomsi kuwo amehlo, linjalo ivila kubo abalitumayo.
27
Ukwoyika uyehova kuyandisa imihla: kodwa iminyaka yabakohlakeleyo iya kuncitshiswa.
28
Itemba labalungileyo liluvuyo; kodwa isikangelo sabakohlakeleyo siya kububa.
29
Yinqaba koyinene indlela kayehova; kodwa yintshabalaliso kwabenzi benkohlakalo.
30
Olungileyo akasayi kuza ashukunyiswe; kodwa abakohlakeleyo abayi kuma umhlaba.
31
Umlomo wolungileyo uvelisa ubulumko; kodwa ulwimi lwobumenemene lwonqanyulwa.
32
Umlomo wolungileyo uyakwazi okukolekileyo: kodwa umlomo wabakohlakeleyo unobumenemene.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31