bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Proverbs 11
Proverbs 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 12 →
1
ISILINGANISELO senkohliso siyintshontsho kuyehova; kodwa ilitye lokulinganisa elizalisekileyo liyimvuyiso kuye.
2
Kuti kwakufika iratshi, kufike nehlazo; kodwa ubulumko bunabalulamileyo.
3
Inene yabalungisayo yobakapa; kodwa inkani yabenza ngobuxoki yobacita.
4
Ubutyebi abuncedi luto emhleni womsindo; kodwa ubulungisa buyasindisa ekufeni.
5
Ubulungisa bofezekileyo bolungelelanisa indlela yake; kodwa okohlakeleyo wowa ngokukohlakala kwake.
6
Ubulungisa babalungisayo bobasindisa; kodwa abenza ngobuxoki bobanjiswa ngo babo ubumenemene.
7
Uti akufa umntu okohlakeleyo, isikangelo sake siya kububa; kanjalo itemba labangendawo liyabuba.
8
Olungileyo uyahlangulwa ebunzimeni, aze angene okohlakeleyo esikundleni sake.
9
Ngawo umlomo umginwa uyatshabalalisa ummelwane wake; kodwa ngako ukwazi kwabalungileyo, baya kusindiswa.
10
Ebutamsanqeni babalungileyo, isixeko siyavuyelela; nasekububeni kwabakohlakeleyo, kuko umgcobo.
11
Ngesitamsanqeliso sabalungisayo isixeko siyapakanyiswa; kodwa ngomlomo wabakohlakeleyo siyacitwa.
12
Odela ummelwane wake, ngoswele ingqiqo; kodwa umntu wokuqonda woti cwaka.
13
Ohambahamba ehleba, uyatyila amahlebo; kodwa omoya unyanisekile, uyafihla umcimbi.
14
Nxa kungeko amaqinga alumkileyo, bayawa abantu; kodwa kuko ingciniso ebuninzini babacebisi.
15
Uya kuzuza ingozi ngenyaniso lowo obambisele owasemzini; kodwa otiyayo ukubambana kwezandla unqabile.
16
Umfazi onesoya uyabamba udumo; n amadoda anamandla ayabamba ubutyebi.
17
Umntu onobubele uyenzela owake umpefumlo okulungileyo; kodwa oyinqola uyakataza eyake inyama.
18
Okohlakeleyo uyenza umsebenzi wenkohliso; kodwa ohlwayelayo ubulungisa woba nomvuzo wenene.
19
Njengokuba ubulungisa bubang’ ubomi, kwa njalo oputuma inkohlakalo ubang’ ukufa kwake.
20
Bayintshontsho kuyehova abantliziyo ibugwenxa; kodwa bayimvuyiso kuye abandlela ilungile.
21
Nangona isandla sibambana nesandla, akayi kuswela ityala okohlakeleyo; kodwa inzalo yabalungileyo yosindiswa.
22
Njengawo umsesane wegolide empumlweni yehangu, injalo inzwakazi engenakuqiqa.
23
Inkanuko yabalungileyo kukulunga kupela; kodwa isikangelo sabakohlakeleyo singumsindo.
24
Kuko ocitayo, kanti kusandiswa; kuko ovimbayo okupezu kwokumfaneleyo, kodwa kubang’ ubuhlwempu.
25
Umpefumlo onesisa wotyetyiswa; nalowo onyelayo, uya kunyelwa yena naye.
26
Obambayo inqolowa, abantu baya kumnywebelela; kodwa amatamsanqa oba pezu kwentloko yalowo otengelayo.
27
Okutala ukufuna okulungileyo, uyafuna imbuko; kodwa ofunayo ububi, buya kumfikela.
28
Otembela ebutyebini bake, yena uya kuwa; kodwa abalungileyo bocu̔ma njengamagqabi.
29
Okatazayo eyake indlu, uya kulidla ilifa lomoya; kanjalo ihilihili loba sisicaka kolumkileyo ngentliziyo.
30
Isixakato solungileyo singumti wobomi; kanjalo obambayo imipefumlo ulumkile.
31
Bona ke, olungileyo uya kuvuzwa emhlabeni; kangakananina ngakumbi ke okohlakeleyo nomoni.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31