bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Proverbs 4
Proverbs 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 5 →
1
YIVANI, bonyanandini! ukululeka kwoyise, nipulapule ukukwazi ukuqonda.
2
Ngokuba ndinipa imfundiso elungileyo; umteto wam ningawushiyi.
3
Ngokuba ndibe ndingunyana kabawo, ndingotambileyo nowokupela ebusweni bukama̔.
4
Waza wandifundisa, wati kum: Intliziyo yako mayibambe amazwi am; gcina imiyalelo yam, upile.
5
Qweba ubulumko, qweba ukuqonda; ungalibali, ungapambuki nokupambuka kuzo iziteto zomlomo wam.
6
Ungabushiyi, bokugcina ke; butande, bokulondoloza ke.
7
Eyona nto inkulu bubulumko; qweba ubulumko: ewe, ngako konke ukuqweba kwako kuqwebe ukuqonda.
8
Bumise pezulu ke, babuya kukupakamisa: bokwenzela udumo, xa ubusingatayo.
9
Buya kunika intloko yako isitsaba sobuhle; ikrone yobungcwalisa boyinikela kuwe.
10
Yiva, nyana wam! uzamkele iziteto zam; yaiya kuba mininzi kuwe iminyaka yobomi.
11
Ndikufundisile endleleni yobulumko; ndikukokele emikondweni yokulunga.
12
Ekuhambeni kwako, ukunyatela kwako akuyi kuxinwa; naxeshekweni ubalekayo, akuyi kuku̔beka.
13
Bambelela kuyo imfundiso, ungayeki; yibambe ke, ngokuba ibubomi bako yona.
14
Ungangeni emendweni wabakohlakeleyo, ungahambi nokuhamba endleleni yabangalungileyo.
15
Yipepe, ungadluli ngayo; tyeka kuyo, ugqite ke.
16
Ngokuba bengalali, nxa bangenzanga bubi; bayahlutwa ubutongo, nxa bangaku̔bekisanga mntu.
17
Ngokuba besidla isonka sobuncwangu, besela iveyine sobudlwengu.
18
Kodwa indlela yabalungileyo injengokukanya okukazimlayo, okumana kukanya kude kube semini efezekileyo.
19
Indlela yabakohlakeleyo injengesitokotoko; abazi into abaya kuku̔beka pezu kwayo.
20
Nyana wam! pulapula amazwi am; tobela indlebe yako kuzo iziteto zam.
21
Mazingalahlekani namehlo ako; zigcine pakati entliziyweni yako.
22
Ngokuba zibubomi kwabazifumanayo, nopiliso kuyo yonke inyama yabo.
23
Linda intliziyo yako pezu kwako konke okugcinwayo; ngokuba kuvela kuyo izipumelo zobomi.
24
Shenxisa kuwe ubugwenxa bomlomo, nenkani yomlomo yikwelelise kude kuwe.
25
Amehlo ako makati ngqo ukukangela, nenkope zako mazonde ukubeka pambi kwako.
26
Gqala ukuhamba kwonyawo lwako, ziti zonke indlela zako ziqiniswe.
27
Ungapambukeli nangasekunene nangasekohlo; shenxisa unyawo lwako ekukohlakaleni.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31