bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Exodus 1
Exodus 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 2 →
1
Nanga amagama oonyana bakaSirayeli abâfuduka kunye naye baya eJiputa nezindlu zabo:
2
uRubhen, uSimon, uLevi, noJuda;
3
uIsakare, uZebhulon, noBhenjamin;
4
uDan, uNafetali, uGadi, noAshere.
5
Bebonke abayinzala kaYakobi babengamashumi asixhenxe. Kaloku yena uJosefu wayeseleseJiputa kakade.
6
Ekuhambeni kwexesha wafa uJosefu nabantakwabo, naso sonke eso sizukulwana.
7
Kambe ke yona inzala yabo, amaSirayeli, yaqhama yanda kakhulu. Ewe, yanda yaphinda-phindana, yakhula nangamanani, futhi iluqilima, yada yalizalisa elaseJiputa.
8
Ke kaloku kwavela kumkani wumbi owayengazi nto ngoJosefu, wangumlawuli kwelaseJiputa.
9
Wabhekisa kubantu bakhe, wathi: “Niyawabona na ukwanda kwawo la maSirayeli, niqonda na ukuba aluqilima?
10
Ngoko ke masihlale sivundlile, hleze athi akwanda ngaphezu koku adibane neentshaba zethu ngexesha lemfazwe, asihlasele, afumane ithuba lokubaleka emke kweli lizwe.”
11
Ngoko ke, ukuwaphul' iimpondo amaSirayeli, amaJiputa awamisela iinduna, khon' ukuze asetyenziswe nzima. Zakhiwa ngolu hlobo ke izixeko zokumkani, iPitom neRamesi, ezazingoovimba.
12
Kambe ke, okukhona bawatshutshisayo amaSirayeli, yaba kokukhona andayo, alizalisa lonke ilizwe. Le meko ke yawenza ahlala exhaleni elingathethekiyo amaJiputa ngenxa yamaSirayeli.
13
Ngoku ke aphatheka kabuhlungu amaSirayeli, akhohlakalelwa, enziwa amakhoboka ngamaJiputa. Latsho laxubayela ke ngakumaSirayeli, kuba asetyenziswa ekwenzeni izitena, nasemasimini, nakuyo yonke imisebenzi enzima. Aye ke ebhexeshwa kungekho lusini tu!
15
Ukumkani waseJiputa wathetha noShifra noPuwa ababelekisi bamaHebhere, wathi:
16
“Xa ninceda amaHebherekazi, aze afumane abantwana abangamakhwenkwe, babulaleni; kanti ke ningabayeka abangamantombazana baphile.”
17
Kodwa ke ababelekisi abo yayingabafazi abamoyikayo uThixo. Basuka bawaphula umyalelo kakumkani, àbawabulala amakhwenkwe lawo.
18
Ukumkani ke wababiza ababelekisi abo, wababuza wathi: “Ngani ukuba nibayeke abantwana bamaHebhere abangamakhwenkwe ningababulali?”
19
Ababelekisi baphendula bathi: “AmaHebherekazi akafani namaJiputakazi; wona akufikelwa yinimba abeleka lula, singekafiki nokufika thina.”
20
Ngenxa yokuba ababelekisi bemoyika uThixo, uThixo wabavuza ngeentsapho. Ke wona amaSirayeli aya esanda ngokwanda, aba luqilima.
22
Ekugqibeleni ke ukumkani wayalela bonke abantu bakhe wathi zonke iintsana ezingamakhwenkwe zamaHebhere maziphoswe emlanjeni iNayile, ke zona ezingamantombazana ziyekwe.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40