bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Exodus 25
Exodus 25
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 26 →
1
*UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:
2
“Xelela amaSirayeli ukuba bonke abaziva beqhutywa yintliziyo mabakhuphe umnikelo, bawuzise kum.
3
Lo mnikelo ke mawube kwezi ndidi: igolide, isiliva, ubhedu,
4
nelaphu elizuba, nelimsobo, nelibomvu, nelaphu elicikizekileyo, neloboya bebhokhwe,
5
nofele olubomvu lwenkunzi yegusha, nofele olusukiweyo, nomngampunzi,
6
neoyile yesibane, nobulawu bokuqhola, ioyile yesiqhumiso,
7
namatye ekarneli, namanye amatye okuhombisa *isidanga sombingeleli omkhulu ngokunjalo nesikhuselo-sifuba sakhe.
8
Mabandakhele indawo eyeyam ndodwa, ukuze nam ndihlale phakathi kwabo.
9
Ke yona nempahla engaphakathi mayakhiwe ibe matwa nomzekelo endokubonisa wona.
10
“Thatha umngampunzi, wenze ityesi ngawo. Mayibe ziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude bayo, ibe ngamashumi mathandathu nantandathu ububanzi, ngokunjalo nokuphakama.
11
Yityabeke ngegolide ngaphandle nangaphakathi, futhi uyiphethe kwangegolide jikelele.
12
Thatha igolide wenze amakhonkco abe mane, uwanxibelele emanqineni etyesi abe mabini cala-nye.
13
Yenza imiqobo ngomngampunzi, uyityabeke ngegolide;
14
yona ke yongena kuloo makhonkco, iphathwe ngazo ityesi.
15
Mayingakhutshwa, koko mayihlale ngolo hlobo lonke ixesha.
16
Ngaphakathi ke faka amacwecwe abubungqina bomnqophiso endiza kukunika wona.
17
“Kwakhona ke thatha igolide, wenze isivalo sibe ziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, ububanzi zibe ngamashumi amathandathu anesithandathu.
18
Thatha igolide ubumbe imifanekiso *yezithunywa ezimaphiko ibe mibini; yenze ibe nto-nye nesivalo eso,
19
imiswe ngapha nangapha phezu kwaso, ijongene; athi ke loo maphiko athe naa asigubungele isivalo eso.
21
Faka loo macwecwe mabini abubungqina bomnqophiso, uvale.
22
Kulapho ndiya kuhlangana nawe ke, apho phezu kwesivalo setyesi yomnqophiso, phakathi kwemifanekiso yezithunywa ezimaphiko, ndikunike yonke imiyalelo yamaSirayeli.”
23
“Thatha umngampunzi, wenze itafile ngawo. Mayibe ngamashumi asibhozo anesibhozo eesentimitha ubude; ibe ngamashumi mane anane ububanzi, kanti ke ukuphakama ibe ngamashumi amathandathu anesithandathu.
24
Yityabeke ngegolide, futhi uyiphethe kwangayo jikelele.
25
Mayijikelezwe lungqameko olububanzi bungangesandla, oluphethwe ngegolide jikelele.
26
Yenza amakhonkco egolide abe mane, abe sezikoneni phezu kwemilenze.
27
Amakhonkco okubamba imiqobo yokuthwala itafile makasondele kungqameko.
28
Yenza imiqobo leyo ngomngampunzi, uyityabeke ngegolide.
29
Yenza iipleyiti, iikomityi, iindebe, nezitya zokusetyenziswa xa kusenziwa idini lewayini. Kambe ke zonke ezi zinto mazenziwe ngegolide.
30
Kule tafile makusoloko kukho isonka esinikelwa kuThixo.”
31
“Thatha igolide engangxengwanga, wenze isibane ngayo. Amazantsi kunye nesiqu sesibane masibunjwe ngegolide. Izihombiso ezifana neentyatyambo, nemidumba, namagqabi eentyatyambo, mazibe nto-nye nesibane.
32
Kwalapho kuso isiqu sesibane nxibelela amasebe aso abe mathandathu, oko kukuthi abe mathathu ngapha nangapha.
33
La masebe mathandathu makahonjiswe ngomhombiso ofana neentyatyambo zealmondi, ibe nemidumba namagqabi eentyatyambo.
34
Sona isiqu saso naso masihonjiswe ngomhombiso ofana neentyatyambo zealmondi enemidumbu namagqabi eentyatyambo.
35
Onke amasebe ngambini makasekelwe ngumdumba.
36
Imidumba namasebe makabe nto-nye nesiqu sesibane esenziwe ngegolide engangxengwanga.
37
Kwesi siqu sesibane ke kofakwa izibane ezisixhenxe ngohlobo lokuba ziphose ilitha ngaphambili.
38
Umcephe wokucima isibane nezithetyana zaso mazenziwe ngegolide.
39
Iyonke igolide yokwenza esi sibane nobuxhaka-xhaka baso mayibe ngamashumi amathathu nantlanu eekhilogram ubunzima.
40
Xa iyonke le nto uzuyenze ngokomzekelo endakubonisa wona entabeni.”
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40