bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Exodus 9
Exodus 9
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 10 →
1
*UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Yiya kukumkani waseJiputa, uthi kuye: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthethe wenjenje: “Khulula abantu bam, baye kundikhonza.”
2
Ukuba uyala ukubakhulula,
3
uNdikhoyo uya kukohlwaya ngokuthumela isibetho esoyikekayo kwimfuyo yakho: amahashe, iidonki, iinkamela, iinkomo, iigusha, neebhokhwe.
4
Uya kuyikhetha imfuyo yamaSirayeli kweyamaJiputa. EyamaSirayeli imfuyo soze ife.
5
Le nto ke iya kwenzeka ngomso.’ ”
6
Ngengomso ke uNdikhoyo wenza njengoko wayethethile. Yonke imfuyo yamaJiputa yafa, kodwa kweyamaSirayeli zange kufe nob' ibe nye.
7
Ukumkani wathuma amadoda aye kukhangela ukuba kube njani na kwimfuyo yamaSirayeli, waza waxelelwa ukuba akufanga nale inye. Naxa kunjalo wankaniza, akavuma ukuwakhulula amaSirayeli.
8
*UNdikhoyo wabiza uMosis noAron, wathi kubo: “Yikhani uthuthu ngezandla, nize niye kwakumkani, uMosis aluphose phezulu ukumkani ebukele.
9
Luya kuphephetheka njengothuli kulo lonke elaseJiputa. Luya kudala amathumba aya kubhidla abe zizilonda ebantwini nasezilwanyaneni kulo lonke elaseJiputa.”
10
Baluthatha ke uthuthu eziko, baya kwakumkani, waza uMosis waluphosa phezulu ekho nokumkani. Lwaphephetheka ke, lwaza lwadala amathumba asuka abhidla aba zizilonda ebantwini nasezilwanyaneni.
11
Ngenxa yamathumba abo abemilingo bona abazange babe nako ukumelana noMosis. Kaloku onke amaJiputa ayenamathumba.
12
Kambe ke uNdikhoyo, njengoko wayetshilo kwangaphambili, wamenza waneenkani ukumkani, akavuma ukuphulaphula ooMosis noAron.
13
*UNdikhoyo waphinda wathetha noMosis wathi: “Vuka kusasa ngomso, uye kukumkani, umxelele ukuba uNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthi: ‘Khulula abantu bam, baye kundikhonza.
14
Kwesi sihlandlo ndiya kukuhlabanisela ngezibetho, wena namaphakathi nabantu bakho, nitsho niqonde ukuba ehlabathini liphela akakho onjengam.
15
Ukuba bendithanda ngesendisolule isandla sam, ndanitshayela ngesibetho, nanyamalala emhlabeni.
16
Kodwa ke ndisaniyekile, kuba ndifuna ukunibonisa ubungangamsha bam, luze luthi nodumo lwam lunwenwe ehlabathini liphela.
17
Njengokuba usazingca nje, ungavumi ukubakhulula abantu bam,
18
uyabona ke, ngomso ngeli xesha ndiya kuthumela isitshu sesichoto esingazanga sabonwa nanini na ezimbalini zeJiputa.
19
Ngoko ke thumela iye kuqokelelwa yonke imfuyo yakho, ivalelwe, khon' ukuze isinde. Kaloku ukufika kwaso yonke into ephandle, umntu kwanesilwanyana, iya kutshabalala.’ ”
20
Ke kaloku loo maphakathi kakumkani ayenevuso ngenxa yomlomo kaNdikhoyo, athumela amakhoboka, yaqokelelwa imfuyo yawo, yavalelwa.
21
Kambe ke lawo angazange alikhathalele ilizwi likaNdikhoyo awayeka emadlelweni amakhoboka kunye nemfuyo yawo.
22
UNdikhoyo wathi kuMosis: “Phakamisela isandla sakho esibhakabhakeni, ukuze kuwe isichotho kulo lonke elaseJiputa, sibethe abantu, izilwanyana, nako konke okuntshula emhlabeni.”
23
UMosis ke wayiphakamisa induku yakhe, waza uNdikhoyo wayivulela imibane, iindudumo, nesichotho, zatsho kwakubi kwelaseJiputa.
24
Wasithulula isichotho, yalenyeza imibane, zatsho ngenzwinini eyayingazange yabonwa ezimbalini zeJiputa.
25
Eso sichotho sageqa konke okwakuphandle, abantu, izilwanyana, izityalo, kunye nemithi, kulo lonke elaseJiputa.
26
Kanti ke eGoshen, umhlaba wamaSirayeli, zange sifike isichotho.
27
Ukumkani ke wathumela buphuthu-phuthu, wathi makubizwe uMosis noAron, waza wathi kubo: “Ngoku ndiyavuma, ndonile mna nabantu bam; uNdikhoyo yena akaphazamanga.
28
Khawuncede umbongoze uNdikhoyo. Kwanele ngoku – ezi ndudumo nemibane zisongamele! Ndiza kunikhulula ndingaphozisanga maseko!”
29
Waphendula uMosis wathi: “Nje ukuba ndiphume apha esixekweni, ndiya kuzolulela kuNdikhoyo izandla zam, sitsho sithothe isiphango, sinqamke isichotho, khon' ukuze uqonde ukuba lelikaNdikhoyo ihlabathi liphela.
30
Kambe ke wena namaphakathi akho ndiyanibona ukuba anikamqondi uNdikhoyo uThixo.”
31
Umqhaphu nerhasi zavuthuluka zatshabalala. Kaloku irhasi yona kwakuxa ihlanzayo; umqhaphu ke wona kuxa udubulayo.
32
Kanti ke ingqolowa nehabile zange zonakale, kuba zazisephantsi.
33
Akumka ke uMosis kwakumkani, ephumile nasesixekweni, waphakamela kuNdikhoyo ngomthandazo. Ngoko nangoko sathotha isiphango, yapheza nemvula.
34
Uthe ke ukumkani akubona ukuba sithothile isiphango nemvula inqamkile, waphindela ukona oku; kuba waphinda waqaqadeka, wankaniza, yena ngokunjalo namaphakathi akhe.
35
Ewe, wankaniza wala ukuwakhulula amaSirayeli ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40