bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Exodus 38
Exodus 38
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 37
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 39 →
1
Ke kaloku uBhezaleli wenza iqonga lamadini ngomngampunzi. Lalilingana macala, liziimitha ezimbini namashumi amabini eesentimitha ubude nobubanzi; ukuphakama kuyimitha enye namashumi amathathu eesentimitha.
2
Izibonda zalo ezikoneni phaya wazenza zalabalaba zenza iimpondo. Walityabeka ngobhedu jikelele.
3
Ngokunjalo ke walenzela izixhobo zalo: iimbiza zokukhongozela uthuthu, iifotsholo, izitya, iifolokhwe, neepleyiti zomlilo. Zonke ezi zixhobo wazenza ngobhedu.
4
Wenza isisefu ngobhedu, waza wasifaka phantsi kongqameko olujikeleze iqonga, ngohlobo lokuba sithathe isiqingatha sokuphakama kweqonga.
5
Ezikoneni phaya wafakela amakhonkco okungena imiqobo yesisefu.
6
Wenza nemiqobo yokuphatha ngomngampunzi, wayityabeka ngobhedu,
7
waza wayifaka kulaa makhonkco ngapha nangapha. Iqonga elo ke walenza langumhaba-haba nje.
8
Waza ke uBhezaleli wenza isitya sokuhlambela ngobhedu; nesiseko saso wasenza kwangobhedu. Olu bhedu ke baluthatha kwizipili zobhedu ezanikezelwa ngamakhosikazi awayelungiselela apho esangweni *lesibingelelo.
9
*Isibingelelo ke uBhezaleli wasenzela inkundla ngomkhusane owenziwe ngelaphu elisontwe ngobuchule. Kwicala langezantsi lo mkhusane wawuziimitha ezimashumi mane nane ubude.
10
Wawumisa ngeentsika zobhedu ezimashumi mabini, zixhaswe ziziseko zobhedu ezimashumi mabini, waza wenza namahaki nemiqadi ngesiliva.
11
Nakwicala langasentla ke wayenza kwangolu hlobo.
12
Ngasentshona ke umkhusane wawenza ngelaphu eliziimitha ezimashumi mabini nambini ubude, wawenzela neentsika ezilishumi, zaxhaswa ziziseko ezikwalishumi; wenza namahaki nemiqadi ngesiliva.
13
Kwicala lasempuma, apho kwakukho isango, umkhusane wawuziimitha ezimashumi mabini nambini ububanzi.
14
Ngapha nangapha esangweni umkhusane wawenza waziimitha ezintandathu mashumi omathandathu eesentimitha; wawenzela neentsika ezintathu, zaxhaswa ziziseko ezikwazithathu.
16
Umkhusane wenkundla jikelele wawenza ngelaphu elisontwe ngobuchule.
17
Iziseko zeentsika wazenza ngobhedu; ke wona amahaki nemiqadi wayenza ngesiliva, futhi neentloko zeentsika wazityabeka kwangayo. Iintsika zenkundla zonke wazidibanisa ngemiqadi yesiliva.
18
Umkhusane wesango lenkundla wawenza ngelaphu elisontwe ngobuchule, liyile mibala: ozuba, omsobo, obomvu, wawaqhoqhonya wawahombisa ngobunono. Umkhusane wawuziimitha ezilithoba ubude, zimbini ukuphakama, kwanjengalowo wenkundla.
19
Lalixhaswe ziintsika ezine, zimi ngeziseko ezikwazine zobhedu. Iintloko zeentsika wazityabeka ngesiliva, futhi namahaki nemiqadi wayenza kwangayo.
20
Zonke izikhonkwane zesibingelelo ndawonye nenkundla jikelele wazenza ngobhedu.
21
Nabu ubungakanani bezinto ezasetyenziswayo ekwakhiweni *kwesibingelelo apho kwakuhlala khona amacwecwe amabini amatye ekwakubhalwe kuwo imithetho elishumi. Uludwe olu lwagunyaziswa nguMosis, lwenziwa ngabaLevi, bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.
22
UBhezaleli unyana kaUri, umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, wenza yonke into ngokomyalelo *kaNdikhoyo.
23
Ugxa wakhe uHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki, wendlu kaDan, wayengumkroli nomyili, engumluki wamalaphu asontwe ngobugcisa: azuba, amsobo, nabomvu.
24
Iyonke igolide eyanikelwa kuNdikhoyo ngenjongo yokwakha isibingelelo yayiliwaka leekhilogram ubunzima ngokomlinganiselo ovunyiweyo.
25
Yona isiliva yomnikelo wababaliweyo yayingamawaka amathathu, makhulu omane anamashumi amathathu eekhilogram ubunzima.
26
Le mali ke ngumrhumo owakhutshwa ngabo bonke abantu ababalwayo, bekhupha ngokomlinganiselo omisiweyo. Inani lamadoda abalwayo angaphezu kwamashumi amabini ubudala ayengamakhulu mathandathu nantathu amawaka, makhulu mahlanu, mashumi omahlanu.
27
Kule siliva ke amawaka amathathu anamakhulu amane eekhilogram asetyenziswa ekwakheni ikhulu leziseko zesibingelelo nomkhusane. Iikhilogram ezingamashumi amathathu anane zaba zezesiseko ngasinye.
28
Ke wona amashumi amathathu eekhilogram aseleyo esiliva uBhezaleli wenza ngawo imiqadi, amahaki eentsika, nokutyatyekwa kweentloko zazo.
29
Ubhedu olwanikelwayo kuNdikhoyo lwaluziikhilogram ezimawaka mabini, makhulu omane, namashumi amabini anantlanu.
30
Ngalo ke wenza iziseko zesango lesibingelelo, iqonga nesisefu salo, nazo zonke izixhobo zeqonga,
31
iziseko zenkundla jikelele, kunye nesango layo, ngokunjalo nezikhonkwane zesibingelelo nenkundla.
← Chapter 37
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 39 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40