bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Exodus 15
Exodus 15
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 16 →
1
Kwesi sithuba ke uMosis namaSirayeli bahlabela le ngoma, bedumisa *uNdikhoyo: “Ndosuka ndintyiloze ndiculele uNdikhoyo; kaloku yena woyise wada watshatshela. Ihashe ngokunjalo nophezu kwalo ulintywilisele phakath' elwandle.
2
UNdikhoyo yinqaba negwijo lam; ndinje-nje-nje ndisindiswe nguye. Nanko ke uThixo wam, ndiyamdumisa; nguThixo woobawo, ndotshila ngaye.
3
“*UMhlekazi yena ulijoni; igama lakhe *nguNdikhoyo.
4
Umkhosi wamaJiputa neenqwelo zawo wasuka waziphos' elwandle; iingqwayi-ngqwayi zomkhosi ezinamagama uzigubungele ngoLwandl' oluBomvu.
5
Ngoku zambathiswe yinzonzobila; suka zazika ngathi lilitye.
6
“Hayi kamb' isandla sakho, Ndikhoyo, yingwanyalal' etshatsheleyo! Ewe, isandla sakho, wena Ndikhoyo, siyaluvikiva utshaba lwakho.
7
Ngangamsh' engatshonelwa langa, ezikhahlela phants' izibhoja; umavulel' umsindo ozayo, uzithi lenye ngathi kutsh' ingca!
8
Ngokuphefumla kwakho nje qha suka ulwandle lwaba ziingqimba, amanzi asuka aba ludonga, inzonzobila yolwandle yakhenkceza.
9
Utshaba lwathi: ‘Mandisukele ndibabambe. Ndiya kuxhaphaz' amaxhoba, ndizanelise. Ndiya kuxhoba ndif' amacala, nditshayele nditshabalalise ngekrele.’
10
Suka ke uNdikhoyo wafutha, kwaba kanye antywiliseleka amaJiputa. Ewe, azika nywam emanzini, kwanga kukweyela kwesinyithi.
11
“Kodw' angavela ph' onjengawe, Ndikhoyo, obalasele kangaka ngobunyulu, omiqondiso ikhamnqisa kangaka, ozenzo zimangalisa ngokuncamisayo?
12
Wathi wakusolula esakho isandla, umhlaba wazithi bimbilili iintshaba zethu.
13
Thembekil' othando lungatshitshiyo, uyabakhokel' abant' obahlawuleleyo; ngobungangamsha bakho ubathundezile, bagaleleka kwikhaya lakho elingcwele.
14
Izizwe zithe zingeva zaphithizela liphaphu, atshw' amaFilistiy' arhwaqela luvalo.
15
Iinkosi zakwaEdom zibamb' ongezantsi; izinxiba-mxhaka zakwaMowabhi ziyatyhwatyhwa. Asisathethi ke ngezima-mhlaba zaseKanana, kuba zona ziya kunyibilika.
16
Suka zazibhija-bhija zinkwantya; ngobungangamsha bakho zaw' isiduli. Baz' abakaNdikhoyo bagqitha bengcambaza; nditsho abakhululwa awabathengayo.
17
Wabathatha wabemisa entabeni yakho, ndawo leyo ilikhaya lakho, Ndikhoyo; ewe, endlwini yakho, Ndikhoyo, leyo wazakhela yona.
18
Hayi ke bethu, yena uNdikhoyo uya kulawula ngonaphakade kanaphakade.”
19
Kaloku kwathi esakungena elwandle amahashe okumkani neenqwelo nabaqhubi, *uNdikhoyo wawagubungela ngamanzi, atshona. Kanti ke wona amaSirayeli aluwela ulwandle ehamba emhlabeni owomileyo.
20
Ke kaloku umshumayelikazi uMiriyam, udade boAron, waqubula igubu lakhe, baza bonke ababhinqileyo bamlandela namagubu abo, batsho ngentsholo bengqungqa.
21
UMiriyam ke wahlabela ingoma wenjenje: “Hoyina! Memelelani nitsholoze! UNdikhoyo woyise wada watshatshela! Ihashe ngokunjalo nophezu kwalo ulintywilisele phakath' elwandle.”
22
UMosis ke wawakhokela amaSirayeli, balushiya uLwandle oluBomvu, baya kungena kwintlango iShure. Baba ntsuku-ntathu behamba kuloo ntlango; bengafumani manzi.
23
Ngelikade baya kufika kwindawo ekuthiwa yiMara. Apha ke bawafumana amanzi, koko ayekrakra engaseleki. Kungenxa yeso sizathu kwakusithiwa nguKrakrayo nje igama layo.
24
Ke kaloku amaSirayeli amkhalazela uMosis, athi: “Uthi siza kusela ntoni ke?”
25
UMosis wakhala *kuNdikhoyo, waza ke yena wathi makakhe ihlamvu lomthi othile, alifake emanzini apho. Akuba enjenjalo ke, baphela ubukrakra emanzini, aba nokuselwa. Apha ke kulapho wabanika imimiselo yokuziphatha uNdikhoyo, wabavavanya.
26
Wenjenje ukuthetha: “Ukuba nithe nandithobela ngokupheleleyo, nenza okuhle nokufanelekileyo ngokuhamba ngemimiselo yam, soze ndinohlwaye ngezibetho nezifo endaziwisela amaJiputa. Kaloku mna ndinguNdikhoyo, ugqirha wenu.”
27
Kamva ke bafika e-Elim, apho kwakukho imithombo elishumi elinambini, nemithi yesundu engamashumi asixhenxe. Bahlala ke bakhe baphumla kufuphi naloo manzi.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40