bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Exodus 22
Exodus 22
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 23 →
1
“Xa umntu ebe inkomo okanye igusha, waza wayixhela okanye wayithengisa, makahlawule iinkomo ezintlanu ngenkomo enye, aze ahlawule iigusha ezine ngegusha enye.
2
“Ukuba ngaba isela libhaqwe liqhekeza ebusuku, laza labulawa, akanatyala lowo ulibuleleyo.
3
Kambe ke ukuba le nto yenzeke emini, woba netyala lokubulala lowo ulibuleleyo.
4
“Into umntu ayibileyo makayihlawule. Ukuba kuthe kanti ungumntu ongenanto, makathengiswe abe likhoboka ukubuyekeza ubusela obo. Ukuba ke inkomo, idonki, okanye igusha, leyo ayibileyo, ifunyenwe kuye isaphila, wohlawula zibe mbini ngenye.
5
“Ukuba umntu uthe ebhuqisa intsimi yakhe yaza impahla yaphumela kweyomnye, umonakalo lowo makawuhlawule ngemveliso yentsimi yakhe.
6
“Xa umntu etshisa entsimini yakhe, waza umlilo lowo wanwenwela entsimini yomnye umntu, watshisa ukutya osekuvuniwe okanye okungekavunwa, loo monakalo mawuhlawulwe nguloo mntu uqale umlilo.
7
“Xa umntu egcinise omnye impahla ethile okanye imali, yaza ke yebiwa apho kuye, xa libanjiwe isela eliyibileyo liya kuyihlawula ngokuphindiweyo;
8
kanti ke xa lingafumaneki, umgciniswa lo uya kusiwa *esibingelelweni phambi kukaThixo, afunge ukuba ngenene le nto ibiweyo ayikho kuye.
9
“Kuyo yonke imicimbi yembambano nokuba inxulumene neenkomo, iidonki, iigusha, impahla yokunxiba, okanye nantoni na elahlekileyo, abo babangisanayo mabasiwe esibingelelweni phambi kukaThixo. Lowo uthe wagwetywa ke nguThixo uya kumhlawula ngokuphindiweyo ogwetyelweyo.
10
“Xa abantu ababini begcinisene iidonki, iinkomo, iigusha, okanye nasiphi na isilwanyana, saza safa okanye senzakala, kungenjalo sibiwe, kungabikho ngqina,
11
umgciniswa lowo makaye kufunga esibingelelweni phambi kukaThixo ukuba umsulwa kule nyewe. Ukuba ke le mfuyo kubanjenwe ngayo ayibiwanga ngumgciniswa, umniniyo makaselexola, umgciniswa angayivusi.
12
Kodwa ke ukuba imfuyo leyo ibiwe nguye, makayihlawule.
13
Kambe ke ukuba kufumanisekile ukuba iqwengwe ngamarhamncwa, lo iqwengwe ikuye makezise ixhwayela, ibe bubungqina; xa kunjalo ke akayi kuyivusa.
14
“Ukuba ababini babolekene ngemfuyo, yaza ke yenzakala okanye yafa engekho umniniyo, lo ubebolekiwe makayivuse.
15
Kanti ke ukuba ebekho umniniyo, umbolekwa lowo akanakude ayihlawule. Phofu ke ukuba ibiqeshiwe kohlawulwa imali yengqesho yodwa.”
16
“Xa umntu one intombi nto engekabonwa lisoka, makayilobole batshate.
17
Ukanti ke xa uyise wayo engavumi ukuyendisela kuye, makakhuphe intlawulo elingana nekhazi lentombi.
18
“Ke lona igqwirha malibulawe.
19
“Umntu olala nesilwanyana makabulawe.
20
“Umntu obingelela nakwisiphi na *isithixo ngaphandle *kukaNdikhoyo makagwetyelwe ukufa.
21
“Ningaze nimphathe kakubi nimcinezele umntu obhacele kwelakowenu. Kaloku nani ngokwenu naningababhaceli kwelaseJiputa.
22
Ningaze nimphathe kakubi umhlolokazi nenkedama.
23
Ukuba niyenzile loo nto, mna Ndikhoyo ndiya kusiva isikhalo sabo,
24
ndikhathazeke, nina ndiniyekele nife emfazweni, ukuze abafazi benu babe ngabahlolokazi, abantwana bona babe ziinkedama.
25
“Xa uboleke omnye kubantu bam abahlelelekileyo imali, mayingabi ngathi ùngumbolekisi-mali; ngoko ke sukumbiza nzala.
26
Ukuba ke umntu úbambise ngengubo yakhe kuwe, ze uyibuyisele kwakuye lingekatshoni ilanga,
27
kuba kaloku yena kuphela kwesambatho anaso sokumfudumeza. Kakade ke ùthi úya kulala ngani? Ukuba ke úthe wakhala kum, ndiya kumphendula, kuba kaloku mna ndinovelwano.
28
“UThixo ungaze umnyelise; ngokunjalo ungayithuki nenkokheli yesizwe sakho.
29
“Ungathandabuzi ukuthatha kwisivuno nakwiwayini yakho, wenze ngazo umnikelo kum. “Unyana wakho wamazibulo nikela ngaye kum.
30
Namazibulo enkomo okanye igusha makabe ngumnikelo kum. Makahlale nonina iintsuku zibe sixhenxe qha, aze ngolwesibhozo anikelwe kum.
31
“Ningabantu bam ncakasana; ke ngoko sanukuyitya inyama yemfuyo eqwengwe ngamarhamncwa asendle – ndaweni yaloo nto yinikeni izinja.”
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40