bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Exodus 36
Exodus 36
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 35
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 37 →
1
“Ngoko ke uBhezaleli noHoliyabhi, nawo onke amagcisa anikwe ezi ziphiwo nokuqonda, anabo ubuchule bokuzenza zonke ezi zinto zifunekayo ekwakhiweni *kwesibingelelo, makazenze zonke zibe matwa nomyalelo kaNdikhoyo.”
2
Ke kaloku uMosis wathetha noBhezaleli noHoliyabhi, nabo bonke abaphiwe ubugcisa nababelangazelela ukunceda, wathi mabaqalise ukusebenza.
3
UMosis wazigqithisela kubo zonke izinto zokusebenza ezazingumnikelo ovela kumaSirayeli ngeenjongo zokwakha *isibingelelo. Baza abantu bathi rhoqo ukuzisa iminikelo yabo ngeentsasa zonke.
4
Amagcisa lawo ayesebenza awuyeka umsebenzi,
5
aya kuMosis, athi: “Lo mnikelo bawuzisayo aba bantu ngoku mninzi ngaphezu kwemfuneko yomsebenzi esiwuyalelwe *nguNdikhoyo.”
6
Ngoku ke uMosis wakhupha umyalelo, kwaza kwavakaliswa kumzi wonke kwathiwa: “Makungabikho bani, nokuba yindoda okanye obhinqileyo, ozisa omnye umnikelo esibingelelweni.” Ngoko ke abantu banqumama ekunikeleni.
7
Lo mnikelo wawuselugqithisiwe wawungaphezu kwemfuneko.
8
Awona madoda angamagcisa kulawo ayesebenza, enza *isibingelelo ngemikhusane elishumi yelaphu elihle kunene, linombala ozuba, omsobo, nobomvu; lihonjiswe laqhoqhonywa ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko, ezenziwe ngobugcisa nobunono.
9
Le mikhusane yayilingana, iziimitha ezilishumi elinambini ubude, nesibini seemitha ububanzi.
10
Imikhusane leyo ke bayithunga bayidibanisa ngamihlanu ngamihlanu.
11
Benza amarhintyela ngelaphu elizuba phaya emphethweni ngapha nangapha.
12
Bafaka amarhintyela angamashumi amahlanu kuloo macala omabini, bawenza alungelelana.
13
Benza namashumi amahlanu amahaki ngegolide, khon' ukuze la macala mabini emikhusane ahlanganiswe abe yinto enye.
14
Baza ke benza intente yangaphandle ngemiqulu elishumi elinanye eyenziwe ngoboya bebhokhwe.
15
Bayenza yalingana yaziimitha ezilishumi elinantathu ubude, zambini ke ububanzi.
16
Isihlanu sayo ke basithunga basidibanisa sayinto enye; ngokunjalo nesithandathu eso basithunga basidibanisa sayinto enye naso.
17
Bafakela amarhintyela angamashumi amahlanu emphethweni wecala ngalinye.
18
Bathatha ubhedu, benza ngalo amahaki angamashumi amahlanu, khon' ukuze la macala mabini adityaniswe.
19
Baza intente bayenzela izigqubuthelo ezibini, esangaphantsi senziwe ngofele olubomvu lwenkunzi yegusha, esangaphezulu ngesikhumba esisukiweyo.
20
Benza izakhelo zokuxhasa intente leyo ngomngampunzi.
21
Isakhelo ngasinye sasiziimitha ezine ubude neesentimitha ezingamashumi amathandathu nesithandathu ububanzi.
22
Bazenza ke zalabalaba ngapha nangapha, ukuze zibe nokuhlanganiswa. Zonke ke izakhelo zenziwa ngale ndlela.
23
Izakhelo ezo zaba ngamashumi amabini ezangezantsi.
24
Ngokunjalo bazenzela iziseko ngesiliva zamashumi mane, zazibini esakhelweni, ukuze zibambe nale ndawo ilabalabayo.
25
Amantla bawenzela izakhelo ezingamashumi amabini,
26
ngokunjalo neziseko zesiliva ezingamashumi amane, zazibini esakhelweni.
27
Kwicala langasemva entshona benza izakhelo zazithandathu,
28
baza benza izakhelo zazibini ezikoneni.
29
Ezi zakhelo zeekona zaziqhagamshelwe emazantsi, zaya kuqhina phezulu. Kunjalo ke okwezi zakhelo zibini zeekona.
30
Ngoko ke zazisibhozo izakhelo, zixhaswe ngeziseko ezilishumi elinesithandathu – zizibini esakhelweni.
31
Kwakhona benza imiqadi yezakhelo ngomngampunzi. Yayimihlanu ngapha
32
nangapha, ngokunjalo nakwicala langasentshona ngasemva.
33
Lo uphakathi bawubeka esizikithini, wasuka ngapha waya kuthi ngqu ngaphaya.
34
Izakhelo ezo bazityabeka ngegolide, bazinxibelela amakhonkco enziwe ngegolide apho kwakungena khona imiqadi – miqadi leyo eyayityatyekwe ngegolide nayo.
35
Baza ke bathatha imiqulu yelaphu elisontwe kakuhle, benza umkhusane. Wawuyile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu. Futhi ke wawuhonjiswe ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko, eyenziwe ngobugcisa nobunono.
36
Lo mkhusane ke wawuxhonywe kwiintsika zomngampunzi, bezityabeke ngegolide, bazenzela amahaki; zona ke zazixhaswe ngeziseko ezine zesiliva.
37
Esangweni lesibingelelo bafaka umkhusane owenziwe ngelaphu lisontwe kakuhle, linale mibala: ozuba, omsobo, nobomvu; baza ke baliqhoqhonya balihombisa ngobugcisa nobunono.
38
Lo mkhusane ke bawenzela iintsika ezintlanu, bazifakela amahaki. Iintloko zeentsika, ngokunjalo nemiqadi, bayityabeka ngegolide, baza bazenzela iziseko ezihlanu ngobhedu.
← Chapter 35
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 37 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40