bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Exodus 5
Exodus 5
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 6 →
1
Ke kaloku uMosis noAron baya kukumkani waseJiputa, bathetha naye bathi: “Wenjenje ukuthetha *uNdikhoyo uThixo wamaSirayeli: ‘Khulula abantu bam bahambe baye kundenzela itheko entlango.’ ”
2
Ukumkani ke yena waphendula wathi: “Kanti kuxa engubani uNdikhoyo ukuba ndingade ndimthobele ndiwakhulule amaSirayeli? Hayi bo! Andazani naye mna; ngoko ke amaSirayeli àkahamb' apha.”
3
Ke bona bathi: “Sibonene naye uThixo wamaHebhere. Siyakubongoza ke ngoko ukuba usivumele sithathe uhambo lweentsuku ezintathu, siye entlango, siyokwenzela uNdikhoyo uThixo wethu idini; kungenjalo úya kusihlasela ngezibetho okanye ngekrele.”
4
Ukumkani wabaphendula ooMosis noAron wathi: “Kutheni ke ngoku nibaphazamisa nje aba bantu emsebenzini wabo? Buyelani emsebenzini!”
5
Waza ukumkani waleka ngelithi: “Niyabona ukuba olu hlanga lwenu selwande kakhulu, kodwa nina nithi maluyeke lungasebenzi!”
6
Kwangaloo mini ukumkani wabhekisa kwiinduna kunye namagosa abasebenzi,
7
wathi: “Ze ningabi sabanika ingca yokwenza izitena abasebenzi njengangaphambili, koko mabazizabalazele ngokwabo,
8
kodwa lona inani lezitena abazenzayo lingabi ngaphantsi nakancinci kwelesiqhelo, kuba bangenwe bubuvila, yiyo le nto sebekhala ngokuya kubingelela kuThixo wabo.
9
Ngamampunge lawo; baqhubeni basebenze bathi nca, khon' ukuze bangabi nalo ithuba lokuphulaphula imbudede yobuxoki.”
10
Ngoko ke iinduna namagosa zabaxelela abasebenzi zathi: “Ukumkani uthi anisazukuyinikwa ingca yokwenza izitena,
11
koko noyichola-chola ngokwenu naphi na apho ninokuyizuza khona; kambe ke lona inani lezitena akufuneki lihle nakancinci.”
12
Abasebenzi ke bathi saa kulo lonke elaseJiputa, berhugula ingca.
13
Ke zona iinduna zazingabaphi thuba, zisithi: “Wugqibeni umsebenzi wosuku ngalunye ngokwesiqhelo, njengangokuya beniyinikwa ingca.”
14
Amagosa angamaSirayeli awayemiselwe ziinduna ezingamaJiputa ayekatswa zizo, kusithiwa: “Kutheni izitena zingafikeleli nje kwinani lesiqhelo?”
15
Kwesi sithuba ke amagosa lawo aya kukhalaza kukumkani, athi: “Mhlekazi, ngani ukuba uziphathe ngolu hlobo izicaka zakho?
16
Awusasiniki ingca yokwenza izitena, kodwa siyaqhutywa, kusithiwa masenze izitena. Ewe, siyabethwa, kanti isizathu sisebantwini bakho.”
17
Ukumkani waphendula wathi: “Niyanqena, mavilandini! Yiyo le nto nibhomboloza ngokuya kubingelela kuNdikhoyo.
18
Hambani nimk' apha! Emsebenzini! Anizukunikwa nangca apha, ibe ke zona izitena enimiselwe ukuba nizenze soze ziwe phantsi.”
19
Amagosa lawo athe akuva kusithiwa inani lezitena soze lihle, aqonda ukuba lixubayele.
20
Athi ke akudibana noMosis noAron, bevela kwakumkani:
21
“Wanga uNdikhoyo wayibona le nto wanigweba, kuba nisigqwalisile kukumkani neenduna zakhe; ngoku bafumene isizathu sokusibulala.”
22
UMosis ke waya kukhala *kuNdikhoyo, wathi: “Awu, Mhlekazi, ngani ukuba aba bantu ubazisele ishwangusha elinje? Wawundithumela ntoni kakade?
23
Kuba ke oko ndaya kuthetha nokumkani ngenxa yakho, wabaphatha gadalala, ibe ke nawe awubahlanguli konke.”
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40