bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Exodus 29
Exodus 29
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 30 →
1
“Nantsi ke imigqalisela omawuhambe ngayo xa umisela uAron noonyana bakhe kumsebenzi wabo wobubingeleli. Thatha inkunzana yenkomo kunye neenkunzi ezimbini zeegusha, zonke ke zibe zezingenasiphako.
2
Thatha umgubo wengqolowa wodidi oluphambili, wenze isonka sentlama engenagwele, namaqebengwana anamafutha, nemiqathane yentlama engenagwele ethanjiswe ngamafutha.
3
Ezo zonka zifake ebhaskitini, wenze ngazo umnikelo xa ubingelela ngezaa nkunzi, eyenkomo nezeegusha ezimbini.
4
“UAron noonyana bakhe mabeze esangweni lesibingelelo, ubahlambe ngamanzi.
5
UAron ke makanxibe ezobubingeleli: ihempe, *isidanga, umnweba, isikhuselo-sifuba, nebhanti;
6
umthwalise iqhiya, ulebele ngelaa cwecwe libhalwe ukuthi: ‘*OkaNdikhoyo pheleleyo.’
7
Wakukhov' ukwenjenjalo ke, mthi jize ngamafutha entloko, umthambise.
8
“Thatha oonyana bakhe, ubafake iminweba;
9
bafake imixwayo, bathwale iminqwazi yabo. Le ke yindlela oya kummisela ngayo uAron noonyana bakhe; ububingeleli iya kuba ngummiselo wabo nanini nanini.
10
“Uze uthathe inkunzi yenkomo, uze nayo ngasesangweni lesibingelelo. UAron noonyana bakhe mababeke izandla zabo phezu kwentloko yayo.
11
Yixhelele phambi koNdikhoyo apho ngasesangweni lesibingelelo.
12
Yithi nkxu igazi ngomnwe, uqabe iimpondo zeqonga lamadini ngalo. Inxalenye yegazi ke yigalele emazantsi eqonga elo.
13
Ngoku thatha umhlehlo, nenxalenye yesibindi, izintso zombini, ndawonye namanqatha azo, uzitshise phezu kweqonga lamadini.
14
Ke yona inyama yenkunzi leyo, ufele, ndawonye nezibilini, uya kuzitshisela ngaphandle komzi. Eli ke lidini lokususa izono.
15
“Kwakhona thatha enye yeenkunzi zegusha, aze uAron noonyana bakhe babeke izandla zabo phezu kwentloko yayo.
16
Yixhele, uze uthathe igazi layo uliphose macal' omane kwiqonga lamadini.
17
Inyama leyo yihlahle, ke zona izibilini uzihlambe ndawonye namanqina. Ezi ndawo ndizibalileyo ke, nenyama xa iyonke, ngokunjalo nentloko, zidibanise uzitshisele phezu kweqonga lamadini. Eli ke lidini elitshiswayo. Litsho ngevumba elimyoli kuNdikhoyo.
19
“Kananjalo thatha enye inkunzi yegusha leyaa, utsho uAron noonyana bakhe babeke izandla zabo phezu kwentloko yayo.
20
Yixhele, uthathe kwigazi layo, uqabe isithinzi sendlebe yasekunene kuAron nakoonyana bakhe. Kwakhona qaba oobhontsi babo basekunene ezandleni, ngokunjalo noobhontsi basekunene beenyawo zabo. Igazi eliseleyo ke lisarhaze macal' onke apho kwiqonga lamadini.
21
Thatha kwigazi elilapho phezu kweqonga lamadini, ndawonye neoyile yokuthambisa, ufefe uAron noonyana bakhe ndawonye neempahla zabo. Xa bebonke ke, ngokunjalo neempahla zabo, baya kumiselwa banikezelwe emsebenzini wam.
22
“Thatha amanqatha enkunzi yegusha leyo ke, iketelele lomsila, umhlehlo, inxalenye yesibindi, izintso zombini, ndawonye namanqatha azo, nomlenze wasekunene.
23
Phaya ebhaskitini caphula kwiintlobo zonke: isonka, iqebengwana, nomqathane.
24
Zibeke ezandleni zika-Aron noonyana bakhe, baziwangawangise, bandenzele ngazo umnikelo owodwa.
25
Kamva ke uya kuzithatha kubo, uzitshise ndawonye nedini elitshiswayo. Elo ke lidini elivumba liyolileyo kuNdikhoyo – kaloku lidini elitshiswayo.
26
“Ke kaloku uya kuthatha incum yale nkunzi yegusha, uyiwangawangise, uyenze umnikelo kum. Kambe ke esi iya kuba sisabelo sakho.
27
“Xa kumiselwa umbingeleli incum nomlenze waloo nkunzi yegusha isetyenzisiweyo zingumnikelo kum, omawubekelwe bucala, ube sisabelo sababingeleli.
28
Lo ke ngummiselo wam ongasoze uthini. Nanini na abantu bam besenza idini lobudlelwane, incum nomlenze sisabelo sababingeleli; ngoko sisipho esinikelwa kuNdikhoyo.
29
“Xa engasekho uAron, izivatho zakhe zobubingeleli ziya kunikwa oonyana bakhe, banxitywe zona mhla bethanjiswa bemiselwa.
30
Lo nyana ka-Aron ungena esikhundleni sakhe asebenze *esibingelelweni endaweni engcwele, wonxitywa ezi zivatho iintsuku zibe sixhenxe.
31
“Inyama leyo yenkunzi yegusha amiselwa ngayo uAron noonyana bakhe wòyiphekela endaweni enyulu.
32
Baya kuyithatha ke bayitye kunye nesaa sonka besisele ebhaskitini, bayityele apho esangweni lesibingelelo.
33
Ke zona eziya ndawo ziseleyo xa bekusenziwa idini lokungxengxeza ekumiselweni kwabo, baya kuzitya. Kambe ke ngababingeleli bodwa abanelungelo lokukutya oku kutya, kuba kunyulu.
34
Inyama okanye isonka esiseleyo kwada kwakusasa, mazitshiswe, zingàtyiwa; kaloku zinyulu.
35
“Uyabona ke lo msitho wokumisela uAron noonyana bakhe mawube ziintsuku ezisixhenxe njengoko ndakuyalelayo.
36
Mini nganye ke uya kwenza idini lokungxengxezela izono ngenkunzi yenkomo ibe nye. Ngokwenjenjalo uya kuhlambulula iqonga lamadini, uze ke ngokunjalo ulithambise ngeoyile libe nyulu.
37
Uya kwenjenjalo ke iintsuku zibe sixhenxe. Xa kunjalo ke iqonga lamadini liya kuba nyulu ngokugqibeleleyo, aze athi nabani na okanye nantoni na elichukumisayo ibe nyulu nayo.”
38
“Ukusukela ngoku, yonke imihla yenza idini ngamaxhwane amabini phaya kwiqonga lamadini.
39
Thatha elinye kusasa, lize eli liseleyo libe lelasemalanga.
40
Kweli lakusasa nikela nomgubo wengqolowa wodidi oluphambili, ube yikhilogram enye ubunzima, uwudibanise nelitha enye yamafutha omnquma acwengileyo. Yenza idini ngelitha yewayini.
41
Nakweli lasemalanga idini sebenzisa umgubo, amafutha, kunye newayini, kwangalaa ndlela wenze ngayo kusasa. Eli ke lidini elitshiswayo – litsho ngevumba eliyolileyo *kuNdikhoyo.
42
Ukusukela ngoku eli dini litshiswayo mandilenzelwe phaya esangweni *lesibingelelo. Kaloku apho kulapho ndiya kuhlangana khona nabantu bam, ndithethe nawe khona.
43
Ewe, ndiya kuhlangana khona namaSirayeli; baye ubuqaqawuli bam buya kuyitsho loo ndawo ibe yekhethekileyo.
44
Ndiya kusenza nyulu isibingelelo ndawonye neqonga lamadini. Ke yena uAron noonyana bakhe ndiya kubachonga ukuze babe ngababingeleli bam.
45
Ndiya kuhlala phakathi kwamaSirayeli, ndibe nguThixo wawo.
46
Kananjalo ke aya kundiqonda ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wawo owawakhulula eJiputa, ukuze ndihlale phakathi kwawo. Ngenene ndinguNdikhoyo uThixo wawo.”
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 30 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40