bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Exodus 33
Exodus 33
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 32
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 34 →
1
*UNdikhoyo wathi kuMosis: “Hamba apha, wena nabo bonke abantu owabakhokelayo waphuma nabo eJiputa, usingise kwilizwe endabathembisa lona ngesifungo uAbraham, uIsake, noYakobi, ndisithi: ‘Loba lelezizukulwana zenu.’
2
Ndiya kuthumela isithunywa sinikhaphe, siwagxothe amaKanana, ama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.
3
Hambani niye kwelo lizwe lendyebo nentlutha. Kambe ke mna andizukuhamba nani, hleze ndisuke ndinitshabalalise ningekafiki, kuba niluhlanga oluneenkani.”
4
Athe ke amaSirayeli akuziva ezi ndaba zibuhlungu, asuka azila, azikhulula iintsimbi awayehomba ngazo.
5
Kaloku uNdikhoyo wayethe kuMosis: “Xelela amaSirayeli: ‘Niluhlanga oluneenkani, ngoko ke andizukuhamba nani, kuba xa bendinokuhamba nani nomzuzwana lo, bendiya kusuka ndinitshabalalise. Zikhululeni iintsimbi zesihombiso; ndisaza kuyibona into endiza kunenza yona.’ ”
6
Ngoko ke amaSirayeli azikhulula iintsimbi nezinye izihombiso zawo ukunduluka kwawo kwintaba iHorebhe.
7
Ke kaloku kolu hambo lwawo amaSirayeli ayesithi apho emise khona, uMosis agxumeke iintente, emise enye intente mganyana nje nendawo leyo bahlala kuyo. Le ke yayiyintente yokuhlangana; nabani na owayefuna ukuva *kuNdikhoyo wayesiya kuyo.
8
Wayesithi uMosis xa esiya ententeni yokuhlangana amaSirayeli wona eme emnyango ezintenteni zawo, ambukele ade aye kungena.
9
Wayesithi nje ukuba angene uMosis, umqulu welifu uhle ufike uhlale emnyango ententeni apho, aze ke yena uNdikhoyo athethe noMosis.
10
AmaSirayeli ayesithi akuwubona umqulu welifu usemnyango apho ententeni yokuhlangana, asuke ee guqaqa anqule.
11
Ke yena uNdikhoyo wayeye athethe noMosis ubuso ngobuso, njengaye nabani na othetha nomhlobo wakhe. UMosis ke wayesithi akugqiba agoduke, kodwa yena uYoshuwa umfana olihlakani lakhe, unyana kaNune, wayesala apho ententeni yokuhlangana.
12
UMosis wathetha *noNdikhoyo, wathi: “Kaloku undiyalele ukuba ndikhokele aba bantu, ndibase kwelo lizwe, kodwa akutshongo ukuba kolu hambo ndokhatshwa ngubani na. Ewe, utshilo nokuthi: ‘Ndikwazi ngokupheleleyo; kwaye futhi ndikholisekile nguwe.’
13
Ngoko ke, xa kunjalo, ndazise intando yakho, ukuze ndikwazi, ndihlale ndikholisekile kuwe. Kwakhona khumbula ukuba olu hlanga ngabantu bakho ncakasana.”
14
UNdikhoyo waphendula wathi: “Hayi kaloku, ndiza kuhamba nani ngenkqu, ndinithi jize ngokuphumla.”
15
Ke yena uMosis waleka ngelithi: “Ukuba akuhambi nathi, sukuba sasindulula simke apha.
16
Xa ungahambi nathi kuya kwaziwa njani ukuba ukholisekile ndim naba bantu? Kanti ke xa ukho phakathi kwethu, siya kutsho sahluke kulo lonke uluntu.”
17
UNdikhoyo wathi: “Ndiza kwenza kanye ngokwesicelo sakho, kuba kaloku ndikholisekile nguwe, futhi ke ndikwazi kakuhle.”
18
UMosis waphinda wenza isicelo, wathi kuNdikhoyo: “Ke ngoku khawundivelele ngobuqaqawuli bakho.”
19
UNdikhoyo wathi: “Ndiza kukubonisa isidima sam njengoko sinjalo, futhi ndilikhankanye igama lam ezindlebeni zakho, mna Ndikhoyo. Kaloku ndiya kuba nenceba kwabo ndinenceba kubo, ndibe novelwano kwabo ndinovelwano kubo.
20
Andizukukubonisa ubuso bam; kaloku akukho mntu unokububona aphinde aphile.
21
Kambe ke nantsi indawo ecaleni kwam apho ungema khona phezu kweliwa.
22
Ndiya kuthi ke xa ndidlula khona ngobuqaqawuli bam, ndikufihle emfanteni yeliwa, ndize ndikugqume ngesandla ndide ndidlule.
23
Ndakuba ndidlule ke, ndiya kusisusa isandla, ukuze ube nokundibona ndifulathele, hayi ebusweni.”
← Chapter 32
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 34 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40