bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Exodus 35
Exodus 35
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 34
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 36 →
1
UMosis waliqokelela lonke ibandla lamaSirayeli, wathi: “Nantsi imiyalelo *kaNdikhoyo:
2
iintsuku zokusebenza imisebenzi yenu zintandathu evekini, kodwa lona usuku lwesixhenxe ngumhla owodwa okhethekileyo; ngumhla kaNdikhoyo, umhla wokuphumla. Nabani na ke owenza nawuphi na umsebenzi ngawo wobulawa.
3
Ngawo akunakubaswa nomlilo lo emizini yenu.”
4
UMosis waliyalela lonke ibandla lamaSirayeli, wathi: “*UNdikhoyo uthi
5
wonke umntu oziva elangazelela ukunikela kuye makathathe kwinto anayo: igolide, isiliva, ubhedu,
6
nelaphu elihle, elizuba, elimsobo, nelibomvu, nelaphu loboya bebhokhwe,
7
nofele lwenkunzi yegusha olubomvu, nesikhumba esisukiweyo; nomngampunzi,
8
neoyile yezibane, nobulawu bokuqhola ioyile nokuqhola isiqhumiso sitsho sibe nevumba elimnandi;
9
amatye ekarneli namanye amatye exabiso okuhombisa *isidanga nesikhuselo-sifuba sombingeleli omkhulu.”
10
Waqhuba uMosis wathi: “Onke amagcisa omsebenzi wezandla akhoyo phakathi kwenu makeze azokwenza *isibingelelo nezinto ayalele ukuba zenziwe *uNdikhoyo:
11
intente kunye nesigqubuthelo sayo, amahaki, uphahla lwentente, izakhelo, imiqadi, kunye neziseko;
12
ityesi yomnqophiso, inemiqobo yokuyiphatha, nesivalo, kunye nomkhusane;
13
itafile, inemiqobo namasolotya ayo, kunye nesonka esingumnikelo kuThixo;
14
isibane nobuxhaka-xhaka baso, neoyile;
15
iqonga lesiqhumiso nemiqobo yokuliphatha, amafutha okuthambisa, isiqhumiso esivumba limnandi, umkhusane wesango lesibingelelo;
16
iqonga lamadini linxityelelwe isisefu esenziwe ngobhedu, imiqobo yalo nako konke okwalo; isitya sokuhlambela nesiseko saso;
17
umkhusane wenkundla neentsika neziseko zayo; umkhusane wesango lenkundla;
18
izikhonkwane neentsontela zomphakathi ngokunjalo nenkundla;
19
kunye nezo zivatho zingayiwayo zinxitywa ngababingeleli xa bebusa kwigumbi elingcwele, ngokunjalo nezivatho ezizodwa zika-Aron kunye noonyana bakhe.”
20
Ke kaloku lonke ibandla lamaSirayeli lamshiya uMosis,
21
waza uwonke-wonke kulo owayeziva elangazelela ukunikela *kuNdikhoyo khon' ukuze kwakhiwe *isibingelelo, weza ephethe umnikelo. Beza nayo yonke into eyayiyimfuneko kwezonqulo nasekwenzeni izivatho zababingeleli.
22
Amadoda nabafazi ababeziva belangazelela ukunikela beza nezipeliti zokuhombisa, amacici, imisesane, amaso, nazo zonke iintlobo-ntlobo zobunewu-newu begolide, bazenza umnikelo owodwa kuNdikhoyo.
23
Bezisa amalaphu amahle, azuba, amsobo, nabomvu; ilaphu loboya bebhokhwe, ufele olubomvu lwenkunzi yegusha, nesikhumba esisukiweyo.
24
Kanti ke nabathanda ukunikela ngesiliva okanye ubhedu benjenjalo. Abanye banikela ngomngampunzi, khon' ukuze usetyenziswe nakuwuphi na umsebenzi.
25
Onke amakhosikazi angamagcisa okusonta ezisa amalaphu amahle nemisonto ezuba, emsobo, nebomvu, awayeyisontile.
26
Benza umsonto ngoboya bebhokhwe.
27
Iinkokheli zona zeza namatye ekarneli namanye amatye okuhombisa *isidanga nesikhuselo-sifuba,
28
iziqholo neoyile yesibane, neziqholo zeoyile, neziqhumiso ezivumba limnandi.
29
Onke amaSirayeli awayeziva enolangazelelo ezisa iminikelo kuNdikhoyo, khon' ukuze kufezekiswe umsebenzi owawuyalelwe uMosis.
30
UMosis wathi kumaSirayeli: “Niyabona, *uNdikhoyo unyule uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda.
31
Umzalisile ngoMoya wakhe, wamthi jize ngobugcisa nobuchule nengqiqo ephangaleleyo,
32
ukuze akwazi ukucwangcisa nokuyila nokusebenza ngegolide, isiliva, nobhedu,
33
ukukrola nokuqingqa amatye, nokuchwela, nawo wonke umsebenzi wobugcisa.
34
Yena enoHoliyabhi unyana ka-Ahisamaki wendlu kaDan ubaphile ubuchule bokufundisa abanye ubugcisa.
35
Ubaphe ubuchule beendidi zonke kumsebenzi wabakroli nabayili, nomsebenzi wokusonta amalaphu azuba, amsobo, nabomvu, nazo zonke iindidi zamalaphu. Ewe, bangamachule angawo kuyo yonke imisebenzi yobugcisa nokuyila.
← Chapter 34
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 36 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40