bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Exodus 13
Exodus 13
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 14 →
1
*UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi:
2
“Ndiphawulele onke amazibulo azalwayo kwaSirayeli abe ngawam, nditsho awabantu nawemfuyo.”
3
UMosis wathetha nabantu wathi: “Ze ningaze niwulibale lo mhla wokukhululeka kwenu ebukhobokeni kwelaseJiputa. Kaloku nikhululwe bubungangamsha *bukaNdikhoyo. Ngawo makungatyiwa sonka sinyusiweyo.
4
Lo mhla wale nyanga inguAbhibhi yimini yokunduluka kwenu.
5
UNdikhoyo wabathembisa ookhokho benu ukuba uya kubanika ilizwe lamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaHivi, namaJebhusi. Nakufika kwelo lizwe lihle liyinzwakazi, livuza ubisi nobusi, ze nenze isikhumbuzo ngawo wona lo mhla wale nyanga minyaka le.
6
Niya kutya isonka esinganyuswanga iintsuku zibe sixhenxe. Ngolu lwesixhenxe ke niya kwenza itheko lokuwonga uNdikhoyo.
7
Niya kutya isonka esinganyuswanga iintsuku zibe sixhenxe; into evutyelweyo okanye igwele lingakhe lifumaneke kummandla wenu.
8
Xa nisenza eli theko ke, ze nibaxelele abantwana benu, nithi: ‘Ngalo mhla siwonga uNdikhoyo ngokusikhupha kwakhe eJiputa.’
9
Lo mbhiyozo ke uya kufana nomqondiso osesandleni okanye ebunzi, ukuze ningalibali ukubalisa ngommiselo kaNdikhoyo. Kaloku kwaba ngesandla sakhe ukuphuma kwenu eJiputa.
10
Ngoko ke eli siko lenzeni ngexesha lalo minyaka le.”
11
“Ke kaloku xa *uNdikhoyo ede wakufikisa kwelaseKanana njengoko wakuthembisayo wena nooyihlo,
12
uze umphawulele onke amazibulo azalwayo. Onke amazibulo emfuyo yakho angamaduna ngakaNdikhoyo.
13
Ke lona izibulo ledonki uya kulikhulula ngokulihlawulela ngexhwane; ungayenzanga loo nto uze ulophule ilungu lentamo. Nonyana wakho wamazibulo uze umkhulule ngentlawulo.
14
Kuya kuthi ke xa oonyana bebuza ukuba lithetha ntoni na elo siko, uthi: ‘Sisikhumbuzo sokuba saphuma ebukhobokeni baseJiputa ngokusebenza kwamandla kaNdikhoyo.
15
Kaloku wathi ukumkani waseJiputa akungavumi ukusikhulula, uNdikhoyo wawabulala amazibulo abantu nawemfuyo kwelaseJiputa. Ngesi sizathu ke amazibulo angamaduna kwimfuyo ndenzela ngawo uNdikhoyo idini. Ke wona amazibulo oonyana ndiwakhulula ngokuwahlawulela.
16
Eli siko ke liya kufana nomqondiso osesandleni okanye ebunzi, lihlale lisikhumbuza ukuba kukusebenza kwamandla kaNdikhoyo okwasikhupha eJiputa.’ ”
17
Wathi ukumkani waseJiputa akuwakhulula amaSirayeli, uThixo akawakhokela ngendlela ecanda kwelamaFilistiya, nakuba yayiyeyona imfutshane. Kaloku uThixo wathi: “AmaSirayeli akuzibona egaxeleka emfazweni, angafuna ukubuyela eJiputa.”
18
Ngoko ke uThixo wawakhokela ngendlela yasentlango esinga kuLwandle oluBomvu. AmaSirayeli ke aphuma eJiputa exhobele imfazwe.
19
Ke kaloku uMosis wawathatha wahamba nawo amathambo kaJosefu, kuba uJosefu wayethe kumaSirayeli: “Ngenye imini uThixo uya kuze anivelele, anikhuphe nimke apha; ngoko ke fungani ukuba niya kuhamba nawo amathambo am.”
20
AmaSirayeli ke anduluka eSukoti, aya kuphumla e-Etam enyeleni yentlango.
21
Apho ke eluhambeni *uNdikhoyo wayewakhokela ngomqulu welifu emini, aze ebusuku awakhokele ngesithatha somlilo.
22
Lo mqulu welifu ke wawuhlala uhamba phambi kwawo emini, nesithatha somlilo sisenjenjalo ebusuku.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40