bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Exodus 17
Exodus 17
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 18 →
1
Ekuphumeni kwintlango iSin onke amaSirayeli ahamba amabanga ngamabanga ngokuyalelwa *nguNdikhoyo, ada aya kufika eRefidim, akhe aphumla khona. Kule ndawo ke ayengekho amanzi.
2
AmaSirayeli asuka ke alwa noMosis, athi: “Sinxaniwe; siphe amanzi!” UMosis wathi kuwo: “Kutheni nisilwa nam nje? Nimlingelani uNdikhoyo?”
3
Kambe ke amaSirayeli akayekanga ukumkhalazela uMosis, kuba ayenxaniwe. Athi: “Kodwa kodwa, ungathini ukusikhupha eJiputa, ukuze uze kusichana ngonxano, thina nentsapho nemfuyo yethu?”
4
UMosis wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Kodwa ndiza kubathini aba bantu? Bangasuka bandixulube ngamatye.”
5
UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi: “Thatha amadoda amakhulu, uhambe nawo, uwashiye amaSirayeli; ungayishiyi induku yakho owabetha ngayo umlambo iNayile.
6
Ke mna uya kufika ndikulinde eliweni eHorebhe. Libethe iliwa elo. Kuya kumpompoza amanzi, amaSirayeli abe nokusela.” Yonke ke le nto uMosis wayenza ekunye namadoda amakhulu.
7
Le ndawo ke yathiywa igama kwathiwa yiMasa neMeribha, kuba kaloku apha amaSirayeli alwa noMosis, amvavanya uNdikhoyo, esithi: “Ukho na phakathi kwethu uNdikhoyo, nokuba hayi?”
8
Apha eRefidim ke ama-Amaleki eza ahlasela amaSirayeli.
9
UMosis ke wayalela uYoshuwa wathi: “Khetha amadoda athile, niphume niye kulwa nama-Amaleki. Ngomso mna ndiya kuma phezu kwentaba ndiphethe laa nduku ndiyinikwe nguThixo.”
10
UYoshuwa wenza ngokomyalelo kaMosis, baphuma baya kulwa nama-Amaleki. Ke yena uMosis, enoAron noYuri, benyukela phezu kwentaba.
11
Ngalo lonke ixesha uMosis eziphakamisile izandla zakhe, amaSirayeli ayewagxotha ama-Amaleki; kodwa athi akuzithoba izandla, oyiswe amaSirayeli.
12
Wathi akudinwa uMosis, uAron noYuri bamhlalisa elityeni, bamxhaka, baphakamisa iingalo zakhe lada latshona ilanga.
13
Ngale ndlela ke uYoshuwa wawaswantsulisa ama-Amaleki.
14
*UNdikhoyo ke wathetha noMosis, wathi: “Yibhale ingcombolo yale mfazwe, khon' ukuze ingaze ilibaleke. Xelela uYoshuwa ukuba ndizimisele ukuwacim' igama ama-Amaleki kwelimiweyo.”
15
UMosis wenza iqonga lamadini, wathi igama lalo nguNdikhoyo intshinga yam,
16
esithi: “Yiphakamiseni intshinga kaNdikhoyo. UNdikhoyo uya kulwa naye uAmaleki kude kube ngunaphakade.”
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40