bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Exodus 23
Exodus 23
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 24 →
1
“Ungaze uhlwayele iindaba zolwimi. Sukuncedisana netshijolo ngokulingqinela ngobuxoki.
2
Sukuvuma ukona ngenxa yokukhukuliswa sisihlwele. Ungaze uyigqwethe inyaniso ngenxa yefuthe lesihlwele.
3
Sukuba negobe ngakwihlwempu xa kuthethwa ityala lalo.
4
“Xa ubhaqe inkomo okanye idonki yotshaba lwakho ilahleka, yithathe uyigoduse.
5
Ukuba ubona umntu okuthiyileyo eqhuba idonki ebuthisayo isoyiswa ngumthwalo, sukumyekela; mncedise niyivuse.
6
“Musa ukugqwetha umthetho xa kuthethwa ityala lehlwempu.
7
Bucezele ubuqhophololo bokutyhola umntu ongenatyala, ungabi sisizekabani sokufa kwelungisa elimsulwa, kuba iqhophololo ndiyaligweba.
8
Sukuvuma ukunyotywa, kuba unyobo luyamfamekisa, luwawexule amalungisa.
9
Ungamcinezeli umbhaceli. Kaloku uyazi ukuba kunjani na ukuba ngumbhaceli, kuba wawukhe wangumbhaceli kwelaseJiputa.”
10
“Amasimi akho walime uwavune iminyaka ibe mithandathu.
11
Ke ngowesixhenxe wayeke alale. Into evelayo kuwo yoba yeyamahlwempu; eseleyo ke ibe yeyeenyamakazi. Yoba seso nakwisidiliya nesinquma sakho.
12
“Sebenza iintsuku zibe ntandathu, kodwa ngolwesixhenxe ungawuphathi umsebenzi, ukuze izicaka nababhaceli ngokunjalo nemfuyo yakho ifumane ikhefu ihlaziyeke.
13
“Wanyamekele amazwi endiwathethileyo kuwe. Ungazinquli *izithixo, ungaze uzikhankanye nokuzikhankanya oku.”
14
“Ndenzeleni itheko kathathu ngonyaka.
15
Ngenyanga uAbhibhi enaphuma ngayo eJiputa, yenzani itheko lesonka sentlama engenagwele njengoko ndaniyalelayo. Kwithuba leentsuku ezisixhenxe zeli theko ze nitye sona sodwa. “Sanukuza phambi kukaThixo ningaphathanga mnikelo.
16
“Yenzani itheko lolibo ukuqala kwenu ukuvuna. “Yenzani itheko lesivuno xa niqokelela iziqhamo zomsebenzi wenu emasimini.
17
Minyaka le ngexesha lala matheko mathathu amadoda makeze kundinqula mna *Ndikhoyo iNkosi yenu.
18
“Xa niphalaza igazi, nisenza idini, ze ninganikeli ngaxa-nye ngesonka sentlama enegwele. Ngala mathuba ke amanqatha edini elo makangabekwa mbeko.
19
“Minyaka le zisa ulibo lwesivuno sakho endlwini kaNdikhoyo uThixo wakho. “Uze ungaze ulipheke itakane lebhokhwe ngobisi lukanina.”
20
“Uyabona ke, ndiya kukuthumela isithunywa sam, sikulondoloze endleleni yakho, sikuse kuloo ndawo ndikulungiselele yona.
21
Uze usithobele, ungasivukeli, kuba simele mna; ibe ke asiyi kuba nalusini kulowo usivukelayo.
22
Kambe ke ukuba uyayiphulaphula ngenyameko into ethethwa siso, wenze ngokomyalelo wam, iintshaba zakho ziya kuba zezam, ndibachase abakuchasayo.
23
Isithunywa sam siya kukukhokela, sikuse kwilizwe lama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaKanana, amaHivi, namaJebhusi, ndize mna ndiwatshabalalise.
24
Ungakhe ulinge uguqe unqule *izithixo zawo; ungazingeni neendlela zawo zonqulo. Ndaweni yaloo nto uzuzikhiqe izithixo zawo; uyiqhekeze uyiqethule imifanekiso yazo yamatye.
25
Ukuba ke uthe wanqula mna *Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu.
26
Kwelo lizwe lenu akukho mfazi uya kuphuma sisu, kungayi kubakho mfazi ungaphathiyo. Ewe, ndiya kunenza niphile nide nikhokhobe.
27
“Ndiya kubenza barhwaqele bonke abantu abakuchasayo, ndizenze zidideke zonke izizwe olwa nazo. Ewe, ndiya kuba ngakuwe, utsho uziswantsulise zonke iintshaba zakho.
28
Ndozithumela ngoonomeva iintshaba zakho, atsho asabe ungekafiki amaHivi, amaKanana, namaHiti.
29
Andiyi kuwagxotha ngonyaka omnye, khon' ukuze kungabi senkangala kwelo lizwe, uthi wena ufika abe amarhamncwa selegunyile.
30
Ndaweni yaloo nto ndiya kuthi chu ukuwafifinga oku, ude wena wande ngokwaneleyo, ube nako ukulithatha elo lizwe ulimé.
31
Imida yakho iya kusuka kuLwandle oluBomvu, iye kuthi xhaxe kulwandle iMeditera; isuke kumlambo iEfrati, iye kuthi gaa ngentlango. Ndiya kubanikezela kuwe abemi belo zwe, ubagxothe phambi kwakho.
32
Uze ungenzi mnqophiso nabo, okanye *nezithixo zabo.
33
Uze ungabavumeli beme emhlabeni wakho, hleze bakulukuhle undivukele. Mhla wazinqula izithixo zabo, woba ungenile emgibeni.”
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40