bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezekiel 1
Ezekiel 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 2 →
1
Ke kaloku ngomhla wesihlanu kwinyanga yesine yonyaka wamashumi amathathu kwathi ndihleli nabanye abathinjwa phezu komlambo oyiKebhare, asuka avuleka amazulu, ndaza ndabona imibono ephathelele kuThixo.
2
Ngomhla wesihlanu enyangeni, ngonyaka wesihlanu wokuthinjwa kukakumkani uYoyakin,
3
lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuHezekile umbingeleli, unyana kaBhuzi, engasemlanjeni oyiKebhare kwilizwe lamaKaledi. Kanye ngelo xesha ke wonganyelwa ngamandla kaNdikhoyo.
4
Ndathi ndakujonga ndabona umbono: Nâso isiphotshongwane sesaqhwithi sivela ngasentla, sitsho ngelifukazi elitshawuza umlilo, lithe wambu ubuqaqawuli. Emlilweni apho kwakudangazela into engathi sisinyithi esitshe sada sabomvu.
5
Kwalapho kwakukho isine sezidalwa eziphilayo, ezimilise okomntu.
6
Ngasinye kuzo sasinobuso obumacala mane namaphiko amane.
7
Imilenze yazo yayithe tswi, iinyawo zifana namanqina ethole. Zazibengezela okobhedu olugudisiweyo.
8
Zazinezandla zomntu phantsi kwamaphiko macala omane. Zone izidalwa zazinobuso namaphiko.
9
Ayayamene ngamacala amaphiko. Isidalwa ngasinye sasihamba ngqo, singajika-jiki.
10
Babunje ubuso bazo: Ngasinye kuzo sasinobuso bomntu, nobuso bengonyama kwicala lasekunene, nobuso benkabi yenkomo kwicala lasekhohlo, kwanobuso bokhozi.
11
Babunjalo ke ubuso bazo. Amaphiko ayetwezwe ajonga phezulu. Amaphiko amabini esidalwa ngasinye ayeyamene ngamacala nawezinye izidalwa, kodwa amabini ethe wambu umzimba.
12
Isidalwa ngasinye sasihamba ngqo, singajika-jiki, sisiya kwelo cala sikhokelelwa kulo nguMoya.
13
Ngokwembonakalo ezi zidalwa ziphilayo zazingathi ngamalahle avuthayo okanye izikhanyisi ezidangazelayo. Idangatye lomlilo lalisithi likwesi isidalwa libe likwesiya, kutshawuza nemibane kulo.
14
Izidalwa zazisenza amatshe okombane, zithi ziphambili zibe zibuyela emva.
15
Ndakuzondela izidalwa eziphilayo ndabona ivili limi emhlabeni ngakwisidalwa ngasinye esinobuso obunxa-ne.
16
Yayinje imbonakalo yokwakheka kwamavili: Ayefana ncam, onke eqaqambe okwekrisolite. Ivili ngalinye laba ngathi linqumleze elinye ivili.
17
Xa zihamba zazisiya nakwiliphi na icala kumacala omane ezazijonge kuwo izidalwa, amavili engajika-jiki naxa zihambayo izidalwa.
18
Iifeleni zamavili zaziphakamile zisoyikeka, zinamehlo ngeenxa zonke.
19
Bezisithi zakuhamba izidalwa eziphilayo, nawo amavili emi ngakuzo ahambe; zithi zakuphakama emhlabeni izidalwa, nawo amavili aphakame emhlabeni.
20
Izidalwa bezisiya apho zikhokelelwa khona nguMoya, ngokunjalo namavili, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo ezo yayikwangulo uqhuba amavili.
21
Bezisithi izidalwa zakusuka, nawo amavili asuke; zithi zakuma bhuxe, nawo eme bhuxe; zithi zakuphakama emhlabeni izidalwa, nawo amavili aphakame emhlabeni, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo ezo yayikwangulo uqhuba amavili.
22
Phezu kweentloko zezidalwa eziphilayo kwakukho into efana nesibhakabhaka. Yayinkulu, imangalisa, imenyezela okomkhenkce.
23
Iseso isidalwa esiphilayo sawatwabulula amaphiko aso phantsi kwesibhakabhaka eso, aza amaphiko amabini ayamana nawezinye izidalwa, amabini asala ethe wambu umzimba.
24
Zathi zakushukuma izidalwa, ndasiva isandi samaphiko azo, saba ngathi sisandi samanzi agqumayo, safana nezwi likaSomandla, sanjengengxokozelo yomkhosi. Zakuma zawasonga amaphiko.
25
Zathi zimi njalo ziwasongile amaphiko, kwavakala ilizwi, liphuma esibhakabhakeni ngasentla kweentloko zazo.
26
Kwakho nto ifana nesihlalo sesafire sokumkani esithe zinzi esibhakabhakeni, kungqendeve kuso into enembonakalo yomntu.
27
Ndaphawula ukuba ukusuka esinqeni kunyuke yayibonakala ngathi sisinyithi esitshe sada sabomvu, kanti ukuhla yayibonakala ingumlilo, iyonke irhangqwe kukukhanya okuqaqambileyo.
28
Oku kukhanya nqwa nomnyama emafini mhla kunayo. Nguwo lowo ke umbono wobuqaqawuli nobungangamsha bukaNdikhoyo. Ndithe tywaa phantsi ngesisu ndakuwubona lo mbono, ndaza ndeva ilizwi lothethayo,
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48