bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezekiel 32
Ezekiel 32
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 31
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 33 →
1
Ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi elinambini yonyaka weshumi elinambini ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2
“Mntundini, yitsho isililo ngokumkani waseJiputa, uthi kuye: “Kuphelile kuwe, ngonyama yezizwe! Unjengegongqongqo elwandle xa uzibhija-bhija kuloo mlambo wakho uwagxobha-gxobha amanzi ngezo nyawo zakho, atsho amdaka amanzi emlanjeni.
3
Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuza nesihlwele sabantu, ndikubambise ngomnatha, baze bakurhole ngawo.
4
Ndiya kukuphosa emhlabeni, ndikugibisele elubala. Iintaka ziya kuhlala phezu kwakho; zonke izilwanyana zehlabathi ziya kukwenza ixhwayelo.
5
Ndiya kuyisasaza ezintabeni inyama yakho; iintlambo ziya kuzala ngamaxhwayelo akho.
6
Igazi lakho liya kuqukuqela lizalise ilizwe kude kuye ezintabeni; inyama yakho iya kuzalisa zonke iingxingwa.
7
Xa ndikucima igama, ndiya kuligquma izulu, ndizigubungele iinkwenkwezi. Ilanga ndiya kulisitha ngelifu; inyanga ayisayi kukhanya.
8
Phezu kwakho ndiya kukucima ukukhanya kwezulu, ndihlise ubumnyama phezu kwelizwe, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
9
“Intlaninge yezizwe yosuka ikhathazeke zakuva ngokutshatyalaliswa kwakho, nditsho namazwe ongazange uwazi.
10
Ndiya kukwenza ube nomdintsi ezizweni; iikumkani ziya kuba namanwele ngenxa yakho, xa ikrele lam limenyezela zijongile. Mhla waphelelwa ziya kuthuthumela zonke; zovakala zisithi: ‘Sosinda kanjani thina?’
11
“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: “Liza kungena kuwe ikrele lekumkani yaseBhabheli.
12
Ndiya kwenza ukuba izihlwele zakho zityakatywe ngekrele lamadoda azizigantsontso – ezona zikhohlakali zikhoyo. Aya kulitshitshisa ikratshi laseJiputa, zitshatyalaliswe ezo zihlwele.
13
Imihlambi yeenkomo ngakwezo zatyhwentywe zamanzi ndiya kutsho ife tu. Kuzo akusayi kuphinde kugxobhe nyawo lwamntu nanqina lankomo.
14
Osuka angcwenge amanzi, imilambo iqukuqele ngathi ngamafutha omnquma, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
15
Xa ndiyibharhisayo iJiputa kube sebugxwayibeni kanye, xa ndibhubhisa konke khona, baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.
16
“Esi sililo siya kwenzelwa yona. Siya kwenziwa ziintombi zezizwe, sisenzelwa iJiputa nezihlwele zayo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”
17
Ngomhla weshumi elinesihlanu enyangeni, kunyaka weshumi elinambini, ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
18
“Mntundini, zenzele isijwili izihlwele zaseJiputa, uzithobele phantsi komhlaba kunye nezizwe ezinamandla, behle bangene kwelabafileyo kunye nâbo bangena khona.
19
Yithi kubo: ‘Ngaba nina niyalungiselelwa kunabanye? Yihlani niye kulala phakathi kwabangalukanga.’
20
Baya kuwa nâbo babulewe ngekrele. Ikrele lithiwe rhuthu esingxotyeni salo; iJiputa mayirhuqwe imke kunye nezihlwele zayo.
21
Kwelabafileyo iingangalala zeenkokheli ziya kuthetha ngeJiputa namahlakani ayo, zithi: ‘Behla baza kulala nabangalukanga, abo babulewe ngekrele.’
22
“Ilapho iAsiriya kunye nomkhosi wayo wonke; urhangqwe ngamangcwaba abantu bayo bonke ababuleweyo, bebulawa ngekrele.
23
Amangcwaba abo asezantsi kwelabafileyo; arhangqwe zizidumbu zomkhosi wayo. Bonke abahlwayela ivuso elizweni labaphilayo batyakatyiwe babulawa ngekrele.
24
“Ilapho iElam; ingcwaba layo lirhangqwe zizihlwele zayo. Bonke batyakatywe ngekrele. Bonke abatyala ivuso elizweni labaphilayo baye kulala ngaphantsi komhlaba kunye nabangalukanga. Bathwele ihlazo kunye nâbo behlayo bengena kwelabafileyo.
25
IElam yenzelwe umandlalo phakathi kwezidumbu zababuleweyo, ingcwaba layo lirhangqwe zizihlwele zayo. Bonke bafe ngekrele bengalukanga. Ngenxa yevuso labo kwilizwe labaphilayo balithwele ihlazo kunye nâbo bahlela kwelabafileyo. Balele nababuleweyo.
26
“Balapho ooMesheki nooTubhali; amangcwaba abo angqongwe zizihlwele zabo. Bonke abolukanga, batyakatywe ngekrele kuba ilizwe labaphilayo bebeliphethele ngoqhushululu.
27
Balele ndawonye namanye amajoni angalukanga angcwatywe kunye nezikhali zawo zokulwa, enze ngazo umqamelo. Isohlwayo sezono zawo naso emathanjeni abo. Kaloku ivuso lawo laligqiba lonke ilizwe labaphilayo.
28
“Nawe nkqu, kumkani waseJiputa, uza kunqanyulwa ungcwatywe nabangalukanga, ababulewe ngekrele.
29
“Ilapho iEdom, iikumkani neenkosana zayo; nakuba zingamakroti zilele nâbo bafe ngekrele. Bangcwatywe ndawonye nabangalukanga, abo bahlele kwelabafileyo.
30
“Zilapho iinkosana zasentla nawo onke amaSidon; awe kunye nabatyakatyelwe ehlazweni, nakuba ubunganga babo bubabanga ivuso. Balele apho bengalukanga, kunye nâbo bafe ngekrele; bathwele ihlazo labo kunye nâbo bahlele kwelabafileyo.
31
“Ukumkani waseJiputa uya kubabona, aze axole ngenxa yomkhosi wakhe wonke owatyakatywa ngekrele, itsho iNkosi uNdikhoyo.
32
Nakuba ndamenza wadala uloyiko ezweni labaphilayo ukumkani waseJiputa nezihlwele zakhe baya kuhlala engcwabeni kunye nabangalukanga, abo babulewe ngekrele, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”
← Chapter 31
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 33 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48