bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezekiel 46
Ezekiel 46
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 45
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 47 →
1
“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Isango lentendelezo ephakathi elijonge empumalanga kufuneka livalwe mba ngazo zonke iintsuku ezintandathu zomsebenzi, luze luvulwe *ngoMhla wokuPhumla nangoMhla wokuThwasa kweNyanga.
2
Inkosi iya kungena ngevaranda yesango, ize ime malunga nomgubasi. Ababingeleli baya kuyilungiselela idini elitshiswayo nomnikelo wobudlelwane. Iya kukhahlela isemgubasini wesango, ize yandule iphume, kodwa isango aliyi kuvalwa kude kube ngokuhlwa.
3
NgeMihla yokuPhumla neyokuThwasa kweNyanga abantu belizwe bonqula phambi kukaNdikhoyo ekungeneni kwesango.
4
Idini elitshiswayo eliya kuza nenkosi phambi kukaNdikhoyo ngoMhla wokuPhumla liya kuba ngamaduna amathandathu amaxhwane nenkunzi yegusha, zonke zingenasiphako.
5
Umnikelo weenkozo okhapha inkunzi yegusha uya kuba ziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha ezihamba neelitha ezintathu zamafutha omnquma, kodwa lowa ukhapha amaxhwane uya kuba kangangokuthanda kwakhe, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha.
6
NgoMhla wokuThwasa kweNyanga wonikela ngenkunzi eselula yenkomo, isithandathu samaxhwane, nenkunzi yegusha, zonke zingabi nasiphako.
7
Kufuneka akhuphe umnikelo weenkozo oziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha uhamba nenkunzi yenkomo, kwanongako ohamba nenkunzi yegusha, yombini ikhatshwa ziilitha ezintathu zamafutha omnquma, kanti kumaxhwane uya kukhupha kangangokuthanda kwakhe, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha.
8
Xa inkosi ingena yongena ngesango elinevaranda, ize iphume kwangalo.
9
“ ‘Xeshikweni abantu belizwe beze phambi koNdikhoyo ngexesha lemisitho emiselweyo, umntu othe wangena ngesango langentla eze kunqula kufuneka aphume ngesango langezantsi; othe wangena ngesango langezantsi kufuneka aphume ngesango langentla. Akukho mntu uya kuphuma ngesango ebengene ngalo, kodwa umntu ngamnye makaphume ngesango elijongene nalo.
10
Inkosi kufuneka ibe phakathi kwabo, ingene kunye nabo, ize iphume kunye nabo.
11
“ ‘Emibhiyozweni nakwimisitho emiselweyo umnikelo wokutya okuziinkozo ziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha kunye neelitha ezintathu zamafutha omnquma ezihamba kunye nenkunzi yenkomo, ngokunjalo kunye nenkunzi yegusha. Phofu ezihamba namaxhwane ziya kuba ngangokuthanda komntu, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha.
12
Xa inkosi yenza umnikelo kuNdikhoyo iqhutywa yintliziyo, nokuba lidini elitshiswayo, okanye umnikelo wobudlelwane, iya kuvulelwa isango elingasempuma. Idini layo elitshiswayo okanye umnikelo wobudlelwane iya kuwunikela njengoko isenza ngoMhla wokuPhumla. Yophuma ke, ize ithi yakuphuma livalwe isango.
13
“ ‘Yonke imihla khuphani ixhwane elimnyaka mnye elingenasiphako libe lidini likaNdikhoyo elitshiswayo; likhupheni yonke imihla kusasa.
14
Xa nilikhuphayo ngeentsasa zonke niya kukhupha nomnikelo womgubo wengqolowa oziikhilogram ezimbini oxutywe nelitha yamafutha omnquma. Ukwenza lo mnikelo kuNdikhoyo ngummiselo oya kuhlala uhleli.
15
Ngoko ke idini lexhwane nomnikelo wokutya okuziinkozo namafutha liya kwenziwa yonke imihla kusasa, libe lidini elitshiswayo eliya kuhlala lihleli.’
16
“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa inkosi ithatha umhlaba elifeni layo ize yenze isipho komnye woonyana bayo loo mhlaba uya kuba lilifa lesizukulwana sakhe.
17
Kodwa ukuba ithathe umhlaba elifeni layo ize iphe isicaka sayo, loo mhlaba siwuphiweyo isicaka ngowaso de kufike unyaka wenguqulelo; ngelo thuba ke wobuyela enkosini. Ilifa layo leloonyana bayo kuphela.
18
Inkosi mayingabahluthi abantu ilifa labo, ibagxothe emhlabeni wabo. Ilifa loonyana bayo maliphume kumhlaba wayo, ukuze kungabikho mntu uhluthwa umhlaba wakhe.’ ”
19
Le ndoda yangena nam kumnyango omalunga nesango lamagumbi awodwa ababingeleli ajonge emantla, yandibonisa indawo esentla kwicala lasentshonalanga.
20
Yathi ke kum: “Le ndawo kulapho ababingeleli baya kupheka khona amadini etyala nawesono, baze boje khona umnikelo wokutya, khon' ukuze bangezi nayo kwinkundla engaphandle, baze ngokwenza njalo babeke abantu esichengeni.”
21
Yandisa kwinkundla engaphandle, yandibonisa iimbombo zone zayo, kwimbombo nganye ndabona indawana ebiyelweyo.
22
Kuzo zone iimbombo zenkundla engaphandle kwakukho iindawana ezibiyelweyo ezibude bungamashumi amabini eemitha, nobubanzi obulishumi elinantlanu leemitha. Zazilingana zonke ezi ndawana ezikwiimbombo zone.
23
Umphakathi wezi ndawana nganye wawujikelezwe lungqameko lwamatye, olutyhutyhwe ngamaziko okuphemba umlilo ngaphantsi kwalo.
24
Yathi kum: “Ezi ziindawo zokupheka apho abaququzeleli bendlu kaThixo baphekela khona amadini aze nabantu.”
← Chapter 45
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 47 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48