bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezekiel 40
Ezekiel 40
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 41 →
1
Ngonyaka wamashumi amabini anesihlanu wokuthinjwa kwethu, kanye ekuqalekeni konyaka, ngomhla weshumi enyangeni, kunyaka weshumi elinane emva kokoyiswa kweJerusalem, ngaloo mini kanye ndasiva isandla *sikaNdikhoyo, wandithatha wandisa eJerusalem.
2
Wandithatha ngemibono evela kuThixo, wandisa kwilizwe lakwaSirayeli, waza wandibeka phezu kwentaba ephakamileyo eyayinezakhiwo ezazingathi sisixeko kwicala langezantsi.
3
Wandisa apho, ndaza ndabona umfo owayekhangeleka ngathi sisinyithi. Wayemi esangweni, ephethe intsontelo yelinen noluthi lokulinganisa.
4
Wathi kum: “Mntundini, uze ujonge ngamehlo akho, uphulaphule ngeendlebe zakho, uyithathele ingqalelo yonke into endiza kukubonisa yona, kuba ulapha nje uziselwe loo nto. Uze umzi wakwaSirayeli uwuxelele konke okubonileyo.”
5
Ndabona udonga olujikeleze yonke inkundla yendlu kaThixo. Ubude boluthi lokulinganisa olwaluphethwe yiloo ndoda babuziimitha ezintathu. Yalinganisa udonga, yaza yafumana luziimitha ezintathu ububanzi ngokunjalo nomphakamo.
6
Iye kwisango elijonge empumalanga. Ihambe ngezinyuko zesango, yalinganisa umgubasi walo, yaza yafumana uziimitha ezintathu ukungena.
7
Amagumbi abalindi eludongeni ayeziimitha ezintathu ubude nobubanzi, baza ububanzi beendonga eziwahlula-hlulayo baziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Umgubasi wesango ekungeneni kwevaranda ejongene nendlu kaThixo wawuziimitha ezintathu ukungena.
8
Yaza ke yalinganisa ivaranda yesango.
9
Yayiziimitha ezine ukungena, aza amacala ayo ayimitha ububanzi. Ivaranda yesango yayijongene nendlu kaThixo.
10
Apha ngaphakathi kwesango elijonge empumalanga ayemathathu amagumbi eludongeni macala. Ayelingana omathathu, ngokunjalo neendonga eziwahlula-hluleyo.
11
Ke ngoko yalinganisa ububanzi besango; babuziimitha ezintlanu, ubude bona buziimitha ezintandathu ezinesiqingatha.
12
Phambi kwegumbi eliseludongeni ngalunye kwakukho udonga olusisiqingatha semitha ukuphakama, wona amagumbi aseludongeni enamacala alinganayo aziimitha ezintathu.
13
Yaza ke yalinganisa isango ukusuka emantla odonga olungemva lwegumbi olusedongeni elikwelinye icala kuye kuthi nqo kwelingaphesheya, yafumana ingumgama oziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha phakathi kwawo.
14
Yenze umlinganiso wazo zonke iindonga eziphongomileyo apha ngaphakathi kwesango, yafumana iimitha ezingamashumi amathathu. Lo mlinganiso uthi ngqu ngevaranda ejongene nentendelezo.
15
Umgama ukusuka ekungeneni kwesango kuye kuma entla evaranda wawungamashumi amabini anantlanu eemitha.
16
Phezu kwamagumbi aseludongeni kunye neendonga eziphongomileyo ngaphakathi kwesango kwakwakhiwe udongana olulungqameko luneendawo ezivulekileyo. Kwakunjalo nasevarandeni. Zonke iindawo ezivulekileyo zazijonge ngaphakathi. Iindonga eziphongomileyo bezihonjiswe ngesundu.
17
Le ndoda yandingenisa kwintendelezo yokuqala. Apho ke ndabona amagumbi nendlela egangathiweyo ejikeleze yonke intendelezo. Amagumbi ayayamene nendlela le ayengamashumi amathathu.
18
Le ndlela igangathiweyo yayihamba ithi ngqu emasangweni, ububanzi bayo bulingana nobude bawo. Le ke ibiyindlela esemazantsi.
19
Yalinganisa umgama ukusuka phakathi kwisango elingezantsi kuye kuthi gaa ngaphandle kwentendelezo engaphakathi; wawuziimitha ezimashumi mahlanu kwisango lasempumalanga ngokunjalo nakwelingentla.
20
Yaza yalinganisa ubude nobubanzi besango elijonge emantla nelingena kwintendelezo yokuqala.
21
Amagumbi aseludongeni, emathathu kwicala ngalinye, iindonga zawo, eziphongomileyo kwanevaranda yalo, zifana nqwa ngomlinganiselo neziya ndawo zesango lokuqala. Ubude bebuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.
22
Iimbombo zalo nevaranda yalo nemihombiso yesundu zazilingana totse neziya zesango elijonge empumalanga. Amanqwanqwa alo asixhenxe ayejongene nevaranda.
23
Kwakukho isango lenkundla engaphakathi elijongene nesango elingentla njengoko kunjalo empumalanga. Wenza umlinganiselo ukusuka kwelinye isango ukuya kwelinye, waza waba ngamashumi amahlanu eemitha.
24
Yaza yandisa kwicala elingezantsi, apho ndibone isango elijonge ngezantsi. Yenza umlinganiselo wamacala alo kwanowevaranda yalo, yafumana ufana nowamanye amasango.
25
Isango nevaranda yalo lalineembobo phezulu njengakwamanye amasango. Ubude balo yayiziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.
26
Amanqwanqwa alo ayesixhenxe, ejongene nevaranda yalo. Lalinemihombiso yesundu ezindongeni eziphongomileyo macala omabini.
27
Nayo intendelezo engaphakathi yayinesango elijonge emazantsi. Yenza umlinganiso womgama ukusuka kwisango elingaphakathi kuye kwelingaphandle, waba ngamashumi amahlanu eemitha.
28
Le ndoda yandingenisa kwintendelezo engaphakathi ngesango langezantsi, yaza yenza umlinganiso wesango elo. Lalilingana namanye.
29
Amagumbi aseludongeni neendonga eziphongomileyo nevaranda yalo zazilingana nezamanye amasango. Isango nevaranda yalo zazineembobo zijikelezile macala onke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.
30
(Iivaranda zamasango angena kwintendelezo engaphakathi ayeziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha ububanzi, neemitha ezimbini ezinesiqingatha semitha ukungena.)
31
Ivaranda yayijonge kwintendelezo yokuqala. Amacala ayo ayehonjiswe ngamasundu. Amanqwanqwa okuya kuyo ayesibhozo.
32
Yaza yandisa empumalanga yentendelezo yangaphakathi, yenza umlinganiso wesango; wawulingana nowamanye.
33
Amagumbi aseludongeni neendonga eziphongomileyo nevaranda yayo zazimlinganiso mnye nowamanye. Isango nevaranda zazineembobo zijikelezile macala onke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.
34
Ivaranda yalo yayijonge kwintendelezo yokuqala, amacala ayo ehonjiswe ngamasundu, esibhozo amanqwanqwa okungena kuyo.
35
Yandisa kwisango elingentla, yaza yenza umlinganiso walo. Ifumene lilingana namanye,
36
ngokunjalo namagunjana aseludongeni neendonga eziphongomileyo kwanevaranda eyayineembobo yonke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.
37
Ivaranda yalo yayijonge kwintendelezo engaphandle. Amacala ayo omabini ayehonjiswe ngesundu, amanqwanqwa aya kuyo esibhozo.
38
Malunga nevaranda yesango ngalinye kwaphakathi kwakukho igumbi elinomnyango apho ayehlanjwa khona amadini atshiswayo.
39
Kwivaranda yesango kwakumi iitafile ezimbini macala omabini ekwakuxhelelwa kuzo amadini atshiswayo, nawesono, nawetyala.
40
Malunga nodonga olungaphandle lwevaranda yesango kufuphi namanqwanqwa aya ekungeneni kwesango elingentla kwakumi iitafile ezimbini, zaza zambini kwakhona ngaphaya kwawo.
41
Ngoko ke zazine iitafile kwicala ngalinye lesango – iitafile ezisibhozo zizonke – apho ayexhelelwa khona amadini.
42
Kwakukho iitafile ezine zelitye elilungisiweyo zokusebenzela amadini atshiswayo, itafile nganye iziisentimitha ezingamashumi asixhenxe anantlanu ubude, ikwanjalo nobubanzi, neesentimitha ezingamashumi amahlanu umphakamo. Amadini atshiswayo namanye amadini ayehlinzwa phezu kwazo ngempahla yokuhlinza
43
eyayibekwa ethaleni eliseludongeni, thala elo elalibubanzi bungangesandla. Iitafile zazenzelwe ukubeka inyama yamadini.
44
Ngaphandle kwesango elingaphakathi kwakukho amagumbi amabini, elinye limi ecaleni lesango elingentla lijonge ezantsi, elinye ecaleni lesango elingezantsi lijonge entla.
45
Le ndoda yathi kum: “Igumbi elijonge ngezantsi lelababingeleli abasebenza indlu kaThixo,
46
elijonge ngentla lelababingeleli abasebenza iqonga. Abo ngoonyana bakaZadoki, ekukuphela kwabaLevi abanokusondela *kuNdikhoyo babingelele phambi kwakhe.”
47
Yenza umlinganiso wentendelezo, yafumana amacala elingana: amashumi amahlanu eemitha ubude namashumi amahlanu eemitha ububanzi. Lona iqonga lamadini laliphambi kwendlu kaThixo.
48
Le ndoda yandisa kwivaranda yendlu kaThixo, yaza yalinganisa amacala evaranda leyo; ububanzi macala babuziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Ekungeneni ububanzi babuziimitha ezisixhenxe, ububanzi beendonga eziphongomileyo macala buyimitha enesiqingatha.
49
Ivaranda yayiziimitha ezilishumi ububanzi, yaza yaba ziimitha ezintandathu ukusuka ekungeneni kuye entla. Bekunyukwa ngamanqwanqwa ukuya kuyo, kumi iintsika malunga namacala ayo.
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 41 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48