bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezekiel 39
Ezekiel 39
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 38
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 40 →
1
“Mntundini, mkhalimele uGogi, uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nawe, Gogi, nkosi enkulu yaseMesheki naseTubhali.
2
Ndiza kukujika ndikurhuqe. Ndiza kukulanda kwelikude emantla, ndikuse ezintabeni zakwaSirayeli.
3
Isaphetha sakho ndiya kusibetha siwe kwisandla sakho sasekhohlo, neentolo zakho ziwe kwisandla sakho sasekunene.
4
Wena nawo wonke umkhosi wakho nesizwe sakho siphela niya kufela ezintabeni zakwaSirayeli. Ndiya kunenza nibe kukutya kweentaka namarhamncwa.
5
Niya kufela endle elubala, kuba kuthethe mna, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
6
IMagogi nabemi baselunxwemeni abangalindele ngozi ndiya kubathumela ngomlilo ukuze bazi ukuba ndinguNdikhoyo.
7
“Ndiya kulazisa igama lam elingcwele kubantu bam amaSirayeli. Andiyi kuvuma lingcoliswe igama lam elingcwele, kwaye nezizwe ziya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndinguYedwa wakwaSirayeli.
8
Iyeza! Ewe, iza kufika, itsho iNgangalala uNdikhoyo. Yile mini bendiyixela ke leyo.
9
Noko abantu abahlala ezixekweni zakwaSirayeli baya kuphuma bazibase zitshe izixhobo zabo, iingweletshetshe namakhaka amakhulu, izaphetha neentolo, amabhunguza nemikhonto. Iya kuphela iminyaka esixhenxe bezenza iinkuni zokubasa.
10
Akusayi kubakho mfuneko yakutheza endle nokugawula iinkuni emahlathini, kuba baya kubasa izixhobo. Baya kuthimba kwa-abo bebefudula bethinjwa ngabo, batyhuthule abo bebefudula betyhuthulwa ngabo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
11
“Ngaloo mhla uGogi uya kungcwatyelwa kwaSirayeli, kwintlambo ekuhanjwa kuyo ngabahambi abaya ngasempumalanga ngakuLwandle oluFileyo. Elo ngcwaba liya kuxaba endleleni yabahambi, kuba aya kuba elapho amangcwaba kaGogi nesihlwele sakhe siphela. Iya kubizwa ngokuba yintlambo yesihlwele sikaGogi.
12
“Indlu kaSirayeli iya kubangcwaba iinyanga ezisixhenxe ukuze licoceke ilizwe.
13
Baya kungcwatywa sisizwe siphela, ize loo mini yobungangamsha bam ibe ludumo kubo, itsho iNkosi uNdikhoyo.
14
“Kuya kumiselwa amadoda aya kuzingisa ngokulicoca ilizwe. Amanye aya kuhamba lonke ilizwe, amanye angcwabe ezo zidumbu zisabonakalayo phezu komhlaba. Emva kweenyanga ezisixhenxe aya kuqalisa ukuzingela kulo lonke ilizwe,
15
kuze kwenziwe umqondiso apho kubhaqwe khona ithambo lomntu de lingcwatywe ngabangcwabayo kwintlambo yesihlwele sikaGogi.
16
Apho kuya kubakho nesixeko esiyiHamona. Kuya kuba njalo ke ukuhlanjululwa kwelizwe.
17
“Mntundini, itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Biza zonke iintlobo zeentaka nazo zonke izilo zasendle, uthi: ‘Yizani niqokelelane kweli dini ndinilungiselela lona, inyhikityha yedini phezu kweentaba zakwaSirayeli. Apho niza kutya inyama nisele negazi.
18
Niya kutya inyama yeengangamsha, nisele negazi leenkosi zalo mhlaba ngokungathi ziinkunzi zeegusha namatakane, iibhokhwe neenkunzi zeenkomo, zonke zityetyiswe eBhashan.
19
Kwidini endinilungiselela lona niya kutya amanqatha nide niwatyekeze, nisele igazi nide ninxile lilo.
20
Kwisithebe sam niya kutya amahashe nabakhweli bawo, iingangamsha nazo zonke iindidi zamadoda omkhosi,’ itsho iNkosi uNdikhoyo.
21
“Udumo lwam ndiya kulubonisa ezizweni, ukuze zonke izizwe zisazi isohlwayo nobugadalala besandla sam.
22
Ukususela kuloo mini isizwe sakwaSirayeli siya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo uThixo waso.
23
Izizwe ziya kwazi ukuba abantu bakwaSirayeli bathinjwa ngenxa yesono sabo, kuba babenganyanisekanga kum. Ke mna ndazifihla kubo, ndaza ndabanikezela ezintshabeni zabo, bonke babulawa ngekrele.
24
Ndabohlwaya kangangokudyobheka kwabo nakangangezikreqo zabo. Ndazifihla kubo.
25
“Ngako oko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuyijika imeko kaYakobi, ndibe novelwano kubo bonke abantu bakwaSirayeli; ndiya kuba nekhwele ngenxa yegama lam elingcwele.
26
Ngexesha abahleli bekhuselekile ezweni labo bengalindele ngozi baya kulilibala ihlazo labo nokunganyaniseki kwabo kum ngaphambili.
27
Ndakuba ndibaphuthumile ezizweni, ndababutha emazweni eentshaba zabo, zonke izizwe ndiya kuzibonisa ngabo ukuba akukho namnye unjengam.
28
Baya kwazi ngoko ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wabo, kuba, nakuba ndabathumela ezizweni baba ngabathinjwa, ndiya kubaqokelela, ndibabuyisele ezweni labo, ndingashiyi namnye.
29
Andiyi kuphinda ndizifihle kubo, kodwa ndiya kuphokozela uMoya wam kumaSirayeli, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”
← Chapter 38
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 40 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48