bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezekiel 3
Ezekiel 3
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 4 →
1
Wathi: “Mntundini, yitye le nto uyifumeneyo, nditsho le ncwadi isongwayo, wandule uhambe uye kuthetha nendlu kaSirayeli.”
2
Ndawuvula ke umlomo, wandinika incwadi esongwayo khon' ukuze ndiyitye.
3
Waza wathi kum: “Mntundini, yitye le ncwadi ndikunika yona, uzalise umbilini wakho.” Nam ke ndayitya, yatsho yanencasa njengobusi emlonyeni wam.
4
Waza wathi kum: “Mntundini, hamba uye kwindlu kaSirayeli, uthethe amazwi am kubo.
5
Andikuthumi kubantu abantetho ingavakaliyo nabalwimi lunzima ukululandela, kodwa ndikuthuma kwindlu kaSirayeli.
6
Ewe, andikuthumi ezintlangeni, zona zintetho ingavakaliyo nezilwimi lungalandelekiyo, ongasuka ungàyiva into eziyithethayo. Ngokwenene ukuba bendikuthume kuzo beziya kukuphulaphula.
7
Kodwa indlu kaSirayeli ayivumi kuphulaphula, kuba ayifuni kundimamela. Kaloku yonke indlu kaSirayeli ilukhuni, inenkani.
8
Nawe ndiza kukwenza ube nenkani, ube lukhuni njengabo.
9
Ewe, ndiza kukwenza ube lukhuni njengelona litye lilukhuni; ube lukhuni ngaphezu kwelitye lenyengane. Musa ukoyika, ungòthuswa zizoyikiso zabo; kaloku bayindlu yabavukeli.”
10
Waza wathi kum: “Mntundini, phulaphula kakuhle, uze uwagcine onke amazwi endiwathetha kuwe.
11
Hamba ke ngoku, uye kumawenu angabathinjwa, uthi kuwo: ‘Itsho iNgangalala *enguNdikhoyo: ...’ Ewe, yitsho nokuba ayaphulaphula, okanye akaphulaphuli.”
12
Wasuka uMoya wandifunqula, ndaza ndeva isandikazi sizongoma emva kwam: “Mabudunyiswe ubungangamsha bukaNdikhoyo ekhayeni lakhe!”
13
Isandi sokukhuhlana kwamaphiko ezidalwa eziphilayo, nesandi samavili emi ngakuzo, yaba sisandikazi esizongomayo.
14
Wasuka uMoya wandifunqula, wemka nam, ndemka ndijijitheka, ndikhathazekile, ndonganyelwe ngamandla kaNdikhoyo.
15
Ndafika apho babehlala khona abathinjwa eTelabhibhi, kufuphi nomlambo iKebhare. Ndaya ndahlala phantsi phakathi kwabo iintsuku ezisixhenxe, ndikhwankqisiwe.
16
Lafika kum ilizwi *likaNdikhoyo emva kweentsuku ezisixhenxe, lathi:
17
“Mntundini, ndikwenze umlindi wendlu kaSirayeli; ngako oko ndiphulaphule, uze uwalumkise egameni lam.
18
Xa ndisithi kumntu okhohlakeleyo: ‘Wena uza kufa,’ waza wena akwamlumkisa okanye akwamkhalimela ukuze ahlukane nobugwenxa khon' ukuze aphile, ngokwenene loo mntu ukhohlakeleyo uya kufa ngenxa yezono zakhe, kodwa ityala lokufa kwakhe ndolixhoma phezu kwakho.
19
Kambe ukuba uthe wamlumkisa ngenxa yenkohlakalo yakhe, waza akajika kubutshijolo bakhe, úya kufa ngenxa yenkohlakalo yakhe, kodwa wena uya kusinda.
20
“Kwakhona ukuba umntu olilungisa uthe waphambuka kubulungisa bakhe, wenza isono, ndaza ndambeka emngciphekweni, uya kufa. Ewe, ukuba akumnqandanga uya kufela isono sakhe, nemisebenzi yakhe yobulungisa ilityalwe. Ke lona ityala lokufa kwakhe ndolixhoma phezu kwakho.
21
Kodwa ukuba uthe wamlumkisa umfo olilungisa ngesono asenzayo, waza wakuva, ngokwenene úya kudla ubomi, nawe ke usinde.”
22
Amandla kaNdikhoyo andongamela ndiselapho, waza wathi kum: “Phakama, uhambe uye ethafeni, apho ndiza kuthetha nawe khona.”
23
Nam ke ndaphakama, ndaya ethafeni. Babumi apho ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bunjengobuqaqawuli endabubona phezu komlambo iKebhare, ndasuka ndacambalala.
24
Wangena kum uMoya, wandimisa ngeenyawo. Wathetha nam wathi: “Hamba uye kuzivalela endlwini yakho.
25
Wena, mntundini, baza kukubophelela ngeentsontelo, khon' ukuze ungabi nako ukuya kubo.
26
Mna ke ulwimi lwakho ndiya kulwenza luthi nca enkalakahleni yomlomo wakho, ukuze ungakwazi ukuthetha ubakhalimele, kuba bangabantu abangabavukeli.
27
Kodwa ndakuthetha nawe ndiya kuwuvula umlomo wakho. Uze ke uthi kubo: ‘Itsho iNgangalala *enguNdikhoyo: ...’ Ewe, uze utsho nokuba bayaphulaphula, okanye abaphulaphuli. Kaloku bayindlu yabadelelayo.”
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48