bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Proverbs 1
Proverbs 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 2 →
1
Ezi zizafobe zikaSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli.
2
Ezi zafobe ziluncedo: umntu ziyamqeqesha, zimnike ubulumko, abe nokuziqonda neentetho ukuba ngaba zezengqondo na.
3
Ewe, zimenza aqeqesheke, akwazi ukuziphatha, abe ngumntu owenza okulungileyo, nothe ngqo engenagobe.
4
Ongekabi namava zimenza abe krele-krele, nomfana atsho akwazi ukwenza izigqibo ngobulumko.
5
Isilumko siyeva, sivune ulwazi; kanti nengcaphephe itsho ifumane amacebo aphilileyo,
6
khon' ukuze ikwazi ukuqonda izaci nezafobe, nditsho amazwi ezilumko nokuntsonkotha kwawo.
7
Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo, kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho.
8
Mfo wam, yithobele ingqeqesho kayihlo, ungazityesheli neziluleko zikanyoko.
9
Zona ziya kuyiphuhlisa ihambo yakho, oku kwentsimbi ehombisa intloko, nditsho oku kwamaso anika intamo umfaneleko.
10
Nyana wam, sukuvuma xa uwexulwa ngoongantweni.
11
Mhlawumbi bangathi: “Yiza silalele umntu ongenatyala, ukuze simhlasele simbulale engacingele nto.”
12
Basenokuthi: “Yiza, siza kumcim' igama njengosengcwabeni, abe ngathi uginywe lelabafileyo,
13
size ke thina sizithathele konke okunexabiso, izindlu zethu zitsho zizale ngamaxhoba.
14
Hayi, mfondini, yiza, uzibandakanye nathi; yoba nye ingxowa yethu sonke.”
15
Nyana wam, zikhwebule kwiindlela zabo, ulubuyise nonyawo lwakho kuzo.
16
Kaloku iinyawo zabo aziva ntambo ukuleqeka esonweni; bayakhawuleza ukuphalaza igazi.
17
Nakuba kungancedi nto nje ukuthiyela intaka xa isibona isabatha eso,
18
kodwa bona balalela elabo igazi; ewe, bazonda owabo umphefumlo.
19
Sinjalo ke isiphelo sazo zonke izikrelemnqa: ophila ngobugebenga ufa kwangobugebenga.
20
Ke bona ubulumko bumemeza nasezitalatweni; kanti ke bude bukhwaze nasezindaweni zembutho.
21
Izwi labo aligqunyelelwa nayingxolo yasezitalatweni; ewe, buvakala nasemasangweni ezixeko:
22
“Ziyathandini, koda kube nini nithe nca ebudengeni? Yaz'ba koda kube nini na abagculeli bekuvuyela ukuphoxisa? Koda kube nini izityhakala ziluthiyile ulwazi?
23
Kambe ke xa beninokukugqala ukukhalima kwam, bendinganiphokozela umoya wobulumko, ndabelane nani ngolwazi lwam.
24
Kaloku ndibe ngabiza, anisabeli; ndibe nganolulela isandla sam, akukho bani usamkelayo!
25
Ewe, anilikhathalele icebiso lam; anivumi kusamkela nesilumkiso sam.
26
Ke mna ndiya kuhlekisa ngani nakungena enkathazweni; ndiya kuphoxisa ngani ngomhla wonxunguphalo.
27
Ewe, nditsho naxa senirhwaqele lunxunguphalo, lunihlasela njengesaqhwithi; seningathi nirhiwulwa sisivunguvane, imbandezelo neenzingo zinifikele.
28
“Ngenene, niya kuzibika kum, kodwa ke mna ndingasabeli. Niya kuba ngabhadula nindifuna, ningandizuzi.
29
Kaloku nisuke naluthiya ulwazi, anakukhathalela ukuthobela *uNdikhoyo.
30
Ewe, anilamkelanga icebiso lam, anivumanga naxa ndinilumkisa.
31
Ngoko ke niya kuvuna loo nto niyilimileyo; amacebo enu lawo niya kuwatya nide niwatyekeze.
32
Kaloku iziyatha zifa kuba zibumangala ubulumko; zona izityhakala zizibhubhisa ngokungakhathaleli nto.
33
Kambe ke bona abandiphulaphulayo bahlala bekhuselekile; ewe, bathi zava, bengaxhalele kwenzakaliswa nto.”
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31