bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Proverbs 19
Proverbs 19
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 20 →
1
Akunani kwaukuhleleleka unyanisekile kunokuba sisiyatha esinganyanisekanga.
2
Ukutyhuthuzela kungekho kuqonda akulunganga; onyawo zingxamileyo uyayiphosa indlela.
3
Ubuyatha bomntu buyabulimaza ubomi bakhe, aze ke entliziyweni yakhe asole uNdikhoyo.
4
Isinhanha siba nezihlobo ezininzi, kodwa lona ihlwempu libalekwa nazezikhoyo.
5
Ingqina elixokayo liyohlwaywa; umntu ongathethi nyani enkundleni akasindi.
6
Baninzi abacenga izikhulu; bonke abantu bazizihlobo zomntu ophayo.
7
Ihlwempu alifunwa nangabakowalo; yeka ke ukungafunwa kwalo zizihlobo! Noba selizifuna linezicengo soze lizifumane.
8
Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe; okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba.
9
Ingqina elixokayo liyohlwaywa; umntu ongathethi nyani enkundleni uyatshabalala.
10
Isiyatha asifanelwa kukuthi zava – kobeka phi ukuba kubi kokuba amatshawe aphathwe sisicaka?
11
Umntu onengqondo akacaphuki msinya; kuye linqaku ukungakhathali noba selesoniwa.
12
Umsindo kakumkani unjengokugragrama kwengonyama; ke kona ukwamkeleka kuye kunjengombethe phezu kohlaza.
13
Unyana osisiyatha uyamtshonisa uyise; kanti ke yena umfazi onochuku ufana nendlu enethontsi.
14
Indlu nobutyebi lilifa looyise, kodwa umfazi onengqondo uvela kuNdikhoyo.
15
Ubuvila bufuthanisela umntu ngobuthongo; ukanti ke umntu ongasebenziyo ubhuqwa yindlala.
16
Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi; ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.
17
Umntu opha ohlelelekileyo ufana noboleka uNdikhoyo; uNdikhoyo uya kumbuyisela.
18
Mqeqeshe unyana wakho, kuba oko kunika ithemba, kodwa ke ungagabadeli ude umbulale.
19
Umntu ocaphuka msinya uvuna loo nto ayilimileyo; ukuba ukhe wamnceda kwaba kanye uya kuphinda-phinda.
20
Waphulaphule amacebiso, ukwamkele ukululekwa – ekugqibeleni uya kuba nobulumko.
21
Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe, kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo.
22
Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo; phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki.
23
Obona bomi kukuhlonela uNdikhoyo; umntu owenjenjalo uyazonwabela, inkathazo ingamchaphazeli.
24
Ivila liyakha esityeni, kodwa lingabi nako ukusa emlonyeni.
25
Mohlwaye umntu odelelayo, ukuze bazuze ukuqonda abangekabi namava; isilumko siyafunda sakululekwa.
26
Unyana ophatha gadalala uyise, agxothe unina, ngunyana olihlazo nonamanyondololo.
27
Nyana wam, ukuba uthe walutyeshela uqeqesho, uya kuphulukana namazwi anolwazi.
28
Ingqina elingungantweni liyabugqwetha ubulungisa; okuphuma emlonyeni womntu okhohlakeleyo bububi bodwa.
29
Umgxeki ufanelwe kukugwetywa; ke sona isiyatha silindelwe kukutyatyushwa emhlana.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31