bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Proverbs 29
Proverbs 29
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 30 →
1
Umntu okhalinyelwa njalo, kodwa abe neenkani, wosuka aphalale ngephanyazo, angaze abe nabuyambo.
2
Wakuba sezandleni zamalungisa umbuso, batsho bavuye abantu; kambe ke kwakulawula isikhohlakali iba ziincwina zodwa.
3
Othanda ubulumko uvuyisa uyise, kodwa ke yena othene nca namahenyukazi uchitha impahla yakhe.
4
Xa ukumkani elawula ngobulungisa litsho lizinze ilizwe lakhe; kambe ke yena orhwiphiliza irhafu uyalibhuqa.
5
Umntu onyhwalaza ummelwana wakhe uzenzela umgibe iinyawo zakhe.
6
Umntu ogwenxa uthiyelwa sisono sakhe; kambe ke yena olilungisa uyaziculela onwabile.
7
Umntu olilungisa unemfobe ngâbo bahlelelekileyo, ke yena umntu okhohlakeleyo akayiqondi nokuyiqonda into enjalo.
8
Abagxeki baphembelela udushe esixekweni, kambe ke zona izilumko ziyawuthomalalalisa umsindo.
9
Umntu osisilumko xa emangalelene nesiyatha sisuka sivuke umnyele siphoxise, kungabikho mvisiswano.
10
Izibulala-mntu zimthiyile umntu onyanisekileyo, ke bona abathe ngqo bayamkhusela umntu onjalo.
11
Isiyatha asiwulawuli umsindo; kambe ke sona isilumko siyaphola sizibambe.
12
Ukuba umlawuli nguthoba-sikutyele, onke amaphakathi akhe oba ngoongcothoza.
13
Ihlwempu ndawonye nalowo ulingcungcuthekisayo bafana ngale nto yokuba bobabini banikwe amehlo abonayo nguNdikhoyo.
14
Ukumkani ogweba ityala lehlwempu ngokunyanisekileyo ulawulo lwakhe luya kuhlala luzinzile.
15
Uswazi lokululeka ludala ubulumko; kambe ke umntwana ongaqeqeshwayo umzisela ihlazo unina.
16
Xa kulawula izikhohlakali siyanda isono, kambe ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwazo.
17
Umntwana olulekwayo uya kukunika ukuxola, aze ayivuyise intliziyo yakho.
18
Abantu abangenawo umbono kaThixo baba ziindlobongela; phofu ke unoyolo umntu owuthobelayo umthetho kaThixo.
19
Akuncedi nto ukulingxolisa ikhoboka, kuba nokuba liyaqonda aliyi kuphulaphula.
20
Uyambona na umntu othetha nje engaqiqanga? Akunani kwaisityhakala kunaye.
21
Ukuba uyalitefisa ikhoboka kwasebutsheni balo, ekugqibeleni liya kukudela.
22
Umntu ofan' acaphuke udala ingxabano; umfo onephuku uwa ewile esonweni.
23
Ikratshi liyamwisa umntu; kambe ke othobekileyo uba nesidima.
24
Ihlakani lomntu olisela lizibeka emngciphekweni; nakuba lisazi ukuba liza kohlwaywa nguThixo noko lithe cwaka.
25
Ukuxhalela abantu kusenokuba ngumgibe; kambe ke othembela kuNdikhoyo ukhuselekile.
26
Baninzi abazithandekisa kwiziphathamandla, kambe ke bona ubulungisa bufumaneka kuNdikhoyo.
27
Umntu onobuqhetseba uyacekiswa ngamalungisa; ngokunjalo nomntu othe ngqo uyacekiswa ngabakhohlakeleyo.
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 30 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31