bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Proverbs 16
Proverbs 16
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 17 →
1
Umntu uyazenza izicwangciso, kodwa lona ilizwi lokugqibela lelikaNdikhoyo.
2
Zonke iindlela zomntu zilungile kwawakhe amehlo, kodwa nguNdikhoyo ocikida iinjongo zazo.
3
Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo, yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.
4
UNdikhoyo unenjongo ngayo yonke into; ewe, kwanomntu lo ukhohlakeleyo umenzele imini yobubi.
5
UNdikhoyo umthiyile umntu ontliziyo inekratshi; ngokuqinisekileyo ngekhe agwetyelwe.
6
Ngako ukuthembeka nokunyaniseka isono siyacanyagushelwa; ngokuhlonela uNdikhoyo umntu uyabucezela ububi.
7
Ukuba uNdikhoyo uyakholiswa yihambo yomntu neentshaba zakhe zitsho zihlalisane naye ngoxolo.
8
Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyo kunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama.
9
Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe, kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.
10
Ukuthetha kukakumkani kuba ludaba olundilisekileyo; umlomo wakhe mawungabi naxanasi xa agwebayo.
11
UNdikhoyo ufuna kusetyenziswe isilinganiso nesikali esingenagobe; ubunzima bamatye okuveyisha mabube ngokwezigqibo zakhe.
12
Ookumkani bayabucekisa ubugwenxa; kaloku uburhulumente buzinziswa bubulungisa.
13
Ookumkani bayakholiswa ngumntu onyanisekileyo; ewe, bayamxabisa umntu othetha inyaniso.
14
Umsindo kakumkani sisigidimi sokufa; ke yena umntu olumkileyo uyamthomalalisa.
15
Xa bukhululekile ubuso bukakumkani kudliwa ubomi; ukwamkeleka kuye nqwa nemvula entlakohlaza.
16
Kulungile ukuzuza ubulumko kunokufumana igolide; kungcono ukukhetha ulwazi kunokwamkela isiliva.
17
Umntu othe ngqo uhamba ngendlela ebucezelayo ububi; ewe, oyalusayo indlela yakhe ulondoloza ubomi bakhe.
18
Ikratshi lilandelwa yimbubho; ke kona ukudelela kutshayelela ukuwa.
19
Akunani kwaukugqush' eluthulini nabahlelelekileyo kunokuxhaphaza amaxhoba nabakhukhumeleyo.
20
Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela; ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.
21
Isilumko esizinzileyo siduma ngengqondo; ubuciko baso busenza silandelwe ngabantu.
22
Ingqiqo ngumthombo wobomi kwabo banayo; kambe ke imfundiso yeziyatha bubudenge.
23
Isilumko siyawabala amazwi esiwathethayo; intetho yaso isenza silandelwe ngabantu.
24
Amazwi amyoli nqwa nobusi; ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni.
25
Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emehlweni abantu, kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.
26
Indlala imenza umntu ukuba asebenze; ewe, iphango limtyhalela ekuxelengeni.
27
Itshijolo lihlala liqingqa ububi; kwa-amazwi nje alo agqatsa njengomlilo.
28
Umntu onobugwenxa udala ingxabano; umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.
29
Indlavini iyamkhukulisa ummelwane, imkhokelele kwimikhuba ephuthileyo.
30
Omana ewancina amehlo uceba ubugwenxa; ohlala eluma umlomo utyekele ebubini.
31
Izimvi sisithsaba sobuhandiba; zizuzwa ngabaphila ngobulungisa.
32
Onomonde ulungile kunegorha; olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko.
33
Abantu basenokulenza *iqashiso, kanti ke ngumnwe kaNdikhoyo ofezekisayo.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31