bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Proverbs 22
Proverbs 22
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 23 →
1
Igama elihle lilungile ngaphezu kwentabalala yobutyebi; ukuba nesidima kungaphezu kwayo isiliva negolide.
2
Umntu osisityebi nomntu olihlwempu ikho into ebadibanisayo: kaloku bobabini badalwe nguNdikhoyo.
3
Umfo ohlakaniphileyo uthi akuyibona isiza ingozi ayiphephe; ke yena ongaqondiyo uthwabaza aye kungena kuyo, aze ke ave ubuhlungu yiloo nto.
4
Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo, uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.
5
Indlela yamatshijolo iphahlwe ngameva nemigibe; ke yena umntu okhusela ubomi bakhe uyayicezela.
6
Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha, soze ahlukane nayo naxa selekhulile.
7
Umntu osisityebi uyalilawula ihlwempu; nalowo ubolekayo likhoboka lalowo ubolekisayo.
8
Umntu ohlwayela inkohlakalo uvuna iinkxwaleko, nentonga yomsindo wakhe iya kwaphuka.
9
Umntu onezinwe uyathamsanqeleka, kuba kaloku uyawapha amahlwempu kukutya anako.
10
Wakumgxotha umgxeki itsho iphele ingxabano, ngokunjalo zitsho zinqamke iingxwaba-ngxwaba nokunyelisa.
11
Umntu onyanisekileyo nontetho inambithekayo uyathandwa nditsho nangukumkani.
12
Amehlo kaNdikhoyo ayalwalusa ulwazi; ke zona iintetho zabantu abaphixanisayo uyaziphanzisa.
13
Ivila lithi: “Kukho ingonyama phandle! Ndobulawa ezitalatweni!”
14
Umlomo womfazi ongakwaziyo ukuziphatha nqwa nenzonzobila yomhadi; ke bona abashwatyulelwe nguNdikhoyo batshona kuyo.
15
Ingqondo yomntwana idla ngokunxaxha, kodwa ke into emlulekayo luswazi.
16
Omnye ucinezela amahlwempu ngeenjongo zokwandisa ubutyebi bakhe, wumbi anikezele ngezipho kwizinhanha, kodwa bobabini baphelela ebuhlwempini.
17
Wabazele iindlebe uwaphulaphule amazwi ezilumko, imfundiso yam uyibethelele entliziyweni yakho.
18
Kaloku kumnandi xa unawo engqondweni yakho, ube nako ukumana ucaphula kuwo ungathintilizi.
19
Ndikwazisa wona ke namhlanje, ukuze wena kanye ube nako ukukholosa *ngoNdikhoyo.
20
Ngoko ke nazi iingongoma endikubhalele zona zimashumi mathathu, ziqulethe ubulumko namacebiso.
21
Ezi ngongoma ziya kukunceda ukwazi ukuyicalula inyaniso, utsho ukwazi ukunika ingxelo enyanisekileyo xa uthunyiwe.
22
Musa ukuthi kuba umntu elihlwempu umxhaphaze; futhi sukumcinezela umntu ohlelelekileyo xa esematyaleni.
23
Kaloku uNdikhoyo ngokwakhe uya kuba ngummeli wabo, abaphange abo babaphangayo.
24
Musa ukuhlobana nomntu onephuku; sukuhambisana nonkom' iyahlaba.
25
Kaloku xa usenjenjalo uya kugcayiseleka, nawe uzibhaqe sesikusulele eso simo sakhe.
26
Sukuyenza into yokubamba isandla ubhambathisa, umele ityala lomnye umntu.
27
Kaloku xa ungasenako ukuhlawula uya kuthinjwa wohluthwe nditsho kwanebhedi olala kuyo.
28
Ungaze uwugudlule umlima-ndlela wakudala owamiswa ngookhokho bakho.
29
Ungazibonela ngokwakho: umntu olichule emsebenzini usebenzela ukumkani, akasoze asebenzele abantu abangenagama.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31