bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Proverbs 27
Proverbs 27
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 28 →
1
Musa ukuqhayisa ngengomso, kuba akuyazi loo mini ukuba iya kukuphathela ntoni na.
2
Yeka ibe ngomnye okuncomayo, ingabi ngowakho umlomo; ewe, mayibe ngowasemzini, kungaphumi emilebeni yakho.
3
Amatye nesanti ngumthwalo onzima; kodwa kona ukucatshukiswa sisityhakala luxanduva olungaphezulu.
4
Umsindo unenkohlakalo, ingqumbo sisiphango; kodwa ke akakho onokumelana nobukhwele.
5
Akunani kwaisiluleko esisekuhleni kunothando olufihlwayo.
6
Isihlobo sinyanisekile noba singade sikwenzakalise; siyakugqitha ukwangiwa kaninzi lutshaba.
7
Umntu ohluthayo akabukhathalele nobusi, kanti ke olambayo ukufumana kunencasa nokutya okukrakrayo.
8
Umntu okude nekhaya unjengentaka elahlekene nendlu yayo.
9
Amafutha neziqholo zonwabisa intliziyo; ke lona ulonwabo oluzuzwa kumhlobo ziingcebiso ezinyanisekileyo.
10
Ungaze wahlukane nezihlobo zakho, ungazilibali nezakowenu. Xa usengxakini sukubalekela kumntakwenu – isenokuba ngummelwane osondeleyo onokukunceda ngaphezulu komntakwenu okude.
11
Yoba luvuyo kum, mfo wam, ukuba uthe waba sisilumko; ndotsho ndibe nako ukubaphendula abo bandigxekayo.
12
Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi, kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale.
13
Zithathe izambatho zomntu omele ityala londwendwe; ewe, bambisa ngazo kuba umele umntu wasemzini.
14
Umntu okhahlela ummelwana wakhe ngemibuliso kwasekuseni kusenokuba ngathi uyamshwabulela.
15
Umfazi osoloko eqhwaya ingxabano ufana namathontsi emvula engumvimbi.
16
Unjengomoya wona ungenakunqandwa, nqwa namafutha wona angenako ukufunjathwa.
17
Iintsimbi ziyalolana; ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana.
18
Umntu owukhathaleleyo umthi womkhiwane uyawafumana amakhiwane, nomntu oyibusayo inkosi yakhe uya kuwongwa.
19
Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe; ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.
20
Ingcwaba nelabafileyo alize lihlúthe; akwanjalo namehlo omntu.
21
Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni; igolide ivavanywa ngokuyinyibilikisa kwiziko lomlilo; ke yena umntu uvavanywa ludumo alufumana ebantwini.
22
Nokuba ungade usingqushe kunye nombona isityhakala, soze ubukhuphe ubutyhakala baso.
23
Qinisekisa ukuba uyayazi imo yemfuyo yakho, uyaluse ngononophelo imihlambi yakho.
24
Kaloku ubutyebi obu yinto edlulayo, nesithsaba sobukhosi asihlali sihleli kwizizukulwana ngezizukulwana.
25
Xa uyisikile ingca, wayenza ifulu, lo gama enye isaqala ukuntshula, nditsho xa utyani lwasezintabeni luhlanganisiwe,
26
impahla yokunxiba ungayenza ngoboya beegusha, futhi uthengise iibhokhwe, ufumane ixabiso lentsimi.
27
Kwezi ziseleyo unganako ukusenga uyondle intsapho yakho, ude uzibonelele nezicakazana zakho.
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 28 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31