bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Proverbs 28
Proverbs 28
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 29 →
1
Umntu okhohlakeleyo ubaleka kungekho mntu umsukelayo; ke wona amalungisa anobuganga njengeengonyama.
2
Xa ilizwe linovukelo baba baninzi abafuna ukuphatha, kodwa xa kukho ophatha ngengqiqo nolwazi uyazinza.
3
Umfo osweleyo otshutshisa amahlwempu uyafana nesikhukula esizitshabalalisayo izilimo.
4
Izaphula-mthetho ziyazincoma izikhohlakali, kambe ke bona abawuthobelayo umthetho bayazichasa izikhohlakali.
5
Abantu abagwenxa ababuqondi ubulungisa; kanti ke abo bazondelela uNdikhoyo baqonda zonke izinto.
6
Lilungile ihlwempu elihambo ingenabala ngaphezu komkhohlisi ondlela zimbaxa nokuba usisityebi.
7
Umntwana onengqondo uyawuthobela umyalelo; ke yena otshomana noongantweni ubaphathela ihlazo abazali bakhe.
8
Umntu ozuza ubutyebi kuba ebolekisa aze axhaphaze abantu ngenzala ayibizayo, obo butyebi abuqokelelayo busuka bufunyanwe ngumntu wumbi owazelelelayo amahlwempu.
9
Umntu ozivalayo iindlebe zakhe kuwo umthetho kaThixo kwaumthandazo wakhe uyanyanyeka kuThixo.
10
Umntu owexulela amalungisa ekwenzeni ububi uya kweyela kwakuloo mgibe wakhe, kanti ke bona abamsulwa baya kukudla ilifa okulungileyo.
11
Isinhanha silumkile kwawaso amehlo, kanti ke lona ihlwempu eliqiqayo liyasibona into esiyiyo.
12
Xa amalungisa athe aphumelela kuba yimivuyo nemincili, kodwa ke xa kuthe kwaphakama izikhohlakali abantu bayabaleka bazimele.
13
Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo; kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.
14
Unoyolo umntu ohlala ezoyikela; ke yena oqaqadekileyo uhlelwa ziinkathazo.
15
Isiphathamandla esikhohlakeleyo, esilawula abantu abangenakuzilwela, sinjengengonyama egragramayo, okanye ibhere ehlaselayo.
16
Umlawuli ongenangqondo uba ngumcinezeli; ke yena umlawuli oyithiyileyo inzuzo yobuqhetseba uba nexesha elide.
17
Umntu ongcungcuthekiswa lityala lokubulala woba ngumsabi ade afe; makungabikho bani umxhasayo.
18
Umntu ohamba ngengqibelelo uyakhuseleka ebomini; ke yena ondlela zimbaxa uyenzakala ngephanyazo.
19
Umntu owalimayo amasimi akhe akasweli kutya, kanti ke yena osukelana namampunge uvuna ubuhlwempu.
20
Umntu othembekileyo uyathamsanqeleka; kanti ke yena ongxamele ubutyebi akaze abe msulwa.
21
Ukujonga ubuso akulunganga; kodwa ke abanye abantu bangade bone nangenxa yeqhekeza eli lesonka.
22
Umntu oligqolo usukelana nobutyebi; akaqondi ukuba usenokufikelwa bubuhlwempu.
23
Omkhalimelayo umntu wothi kamva afumane ukuhlonitshwa kunalowo untetho ilalanisayo.
24
Umntu oxhaphaza uyise nokuba ngunina, kodwa abe esithi: “Akukho nto imbi kuloo nto,” akahluke nganto kwisikrelemnqa.
25
Umntu onyolukileyo uphemba uqhushululu; kambe ke yena okholosa ngoNdikhoyo uya kuphumelela.
26
Umntu ozithembileyo akanangqondo; kodwa yena ohamba ngendlela yobulumko ukhuselekile.
27
Umntu onezinwe kumahlwempu akasweli nto; ovala amehlo akhe kwiintswelo zawo wohlala eqalekiswa.
28
Xa kulawula izikhohlakali abantu bayabaleka bazimele, kodwa zakutshabalala amalungisa aba nempumelelo.
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 29 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31