bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Proverbs 26
Proverbs 26
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 27 →
1
Ukuncoma isityhakala ngumhlola onjengokuba kusuke kukhithike ehlotyeni, okanye kune imvula ngexesha lokuvuna.
2
Isishwabulo kungekho sizathu asiphumeleli; sifana nokundanda kwamahlankomo neenkonjane ezingahlali phantsi.
3
Ihashe liyabethwa, ke yona idonki ilawulwa ngomkhala, kanti ke sona isinyabi sivuswa ngentonga.
4
Sukuphendulana nesiyatha, hleze nawe lo uzibhaqe sewufana naso.
5
Xa umntu ebuza umbuzo wobudenge mlinganisele, hleze azicingele ukuba usisilumko.
6
Ukuthemba isidenge somthunywa kukuzenzakalisa nqwa nokuzinqumla imilenze.
7
Iqhalo emlonyeni womntu ongaqondiyo lifana nomlenze ojingayo wesiqhwala.
8
Ukuncoma isityhakala nqwa nokubophelela ilitye *kwinkwitshi.
9
Iqhalo emlonyeni wesiyatha nqwa nesebe elinameva esandleni senxila.
10
Umntu oqesha isidenge okanye nabani na odlulayo akanankathalo, ufana nejoni elidubula nje nabani na.
11
Umntu ophinda-phinda into yobudenge nqwa nenja ebuyela emhlanzweni wayo.
12
Akunani kwaisityhakala kunomntu osisilumko kwawakhe amehlo.
13
Ivila lithi: “Kukho ingonyama endleleni! Ewe, ingonyama ihla inyuka ezitalatweni.”
14
Oku kocango oluvula luvaleke kwiihenjisi oluxhonywe kuzo linjalo ivila ukuqika-qikeka emandlalweni walo.
15
Ivila liyakha esityeni, kodwa linqene ukufaka emlonyeni.
16
Umntu olivila usisilumko kwawakhe amehlo; kuye ngathi ungaphezulu nakumadoda asixhenxe akwaziyo ukuphendula ngengqiqo.
17
Umntu ogxuphuleka kwiingxabano zabanye ufana nomfo osuka athi nqaku inja ngeendlebe.
18
Ufana negeza elidubula ngeentolo zomlilo
19
umntu okhohlisa ummelwane wakhe aze ajike athi: “Hayi, bendiqhula nje.”
20
Zakuphela iinkuni uyacima umlilo. Xa kungekho mntu uphixanisayo kuyaphela ukungevani.
21
Ziinkuni ezivuthisa umlilo kwanjengokuba iintlantsi ziwavuthisa amalahle; ukwanjalo ke nomntu onochuku ukuphembelela ingxabano.
22
Amazwi omntu ohlebayo anencasa; abantu basuka bawathi bimbilili.
23
Amazwi alalanisayo efihla inkohlakalo nqwa nesitya somdongwe esigqunywe ngesiliva ngaphandle.
24
Umntu onentiyo usenokuyifihla ngendlela athetha ngayo, kodwa ngaphakathi abe esabambelele enkohlakalweni.
25
Ewe, walumkele loo mazwi akhe amnandi, kuba intliziyo yakhe iyaphuphuma ngamanyondololo.
26
Nokuba angayifihla intiyo yakhe ngenkohliso, kodwa inkohlakalo yakhe yona iya kudandalaza esidlangalaleni.
27
Umntu owomba umngxuma kweyela kwayena kuwo. Lowo uqengqa ilitye losuka ligubungele kwayena.
28
Umntu onolwimi uyabathiya abo abenzakalisayo; umntu okhohlisayo udala intshabalalo.
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 27 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31