bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Proverbs 12
Proverbs 12
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 13 →
1
Umntu oyithandayo ingqeqesho uthanda ulwazi; kodwa ke yena ongafuni kululekwa usisityhakala.
2
Umntu oziphethe kakuhle uyathandwa nguNdikhoyo, kambe ke akamfuni umntu onamayelenqe.
3
Akakho umntu onokuzinza eqamele ngenkohlakalo; kambe ke wona amalungisa amila abe neengcambu ezingenakugungqiswa.
4
Umfazi ofanelekileyo yintshinga yendoda yakhe; ke yena umfazi oyithwalela amahlazo indoda yakhe ufana nempehla emathanjeni ayo.
5
Iingcinga zamalungisa zinyanisekile; ke wona amacebo ezikhohlakali yinkohliso.
6
Amazwi abantu abakhohlakeleyo ngawokulalela igazi; kambe ke wona amazwi abantu abathe ngqo ayasindisa.
7
Sakukhiqwa isikhohlakali iyaphela intw' ebithethwa; kambe ke yona indlu yamalungisa ima imi.
8
Umntu onengqondo uxatyisiwe; phofu ke yena osisidodo ngengqondo akazelwe nto.
9
Kulungile ukuba ngongenagama, kodwa noko unaso isicaka, kunokuzenza isinhanha kodwa ulamba.
10
Umntu olilungisa uyazazelelela iimfuno zezilwanyana zakhe; kodwa nezona zenzo zingathi zihle zesikhohlakali ziba ngqwabalala.
11
Umntu olima amasimi akhe akasweli kutya; kambe ke bubuyatha ukulibala ngumsebenzi ongaphumi nto.
12
Umntu okhohlakeleyo usoloko efuna amaxhoba azuzwe ngabantu abanobubi; ke yona ingcambu yezityalo zamalungisa iyachuma.
13
Umntu ongento ubanjiswa kwangamazwi akhe agwenxa; ke lona ilungisa liyazikhulula enkathazweni.
14
Umntu ufumana ulutho aneliswe sisiqhamo sokuthetha kwakhe; kananjalo umsebenzi womntu ubuyela kwakuye.
15
Indlela yesityhakala ibonakala ilungile kwawaso amehlo; ke sona isilumko siyeva sakucetyiswa.
16
Umntu osisiyatha uzibonakalisa kwangoko xa ecaphukile; kanti ke yena umntu oqiqayo akazidubi ngezithuko.
17
Ingqina elinyanisekileyo lithetha inyaniso; ukanti ke ingqina elixokayo lisasaza ulwimi.
18
Amazwi okulavuza ahlabanisela njengekrele; kambe ke wona amazwi ezilumko ayaphilisa.
19
Inyaniso ima ngonaphakade; ke bona ubuxoki bobomzuzwana.
20
Abo bantliziyo zinenkohliso ngabo abacebi bobubi; kambe ke abakhuthaza uxolo bazuza ulonwabo.
21
Amalungisa akahlelwa bubi; ke bona abakhohlakeleyo baphahlwe ziinkathazo.
22
UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo, kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo.
23
Umntu oqiqayo akalubhengezi ulwazi lwakhe; ke sona isiyatha sihamba sivakalisa ubudenge baso.
24
Abakhutheleyo ngabo abaya kulawula; ke wona amavila aphelela kumsebenzi wobukhoboka.
25
Amaxhala ayamtyhafisa umntu; ke wona amazwi enkuthazo ayahlaziya.
26
Ilungisa limalathisa indlela ummelwane; ke yona indlela yabakhohlakeleyo iyabalahlekisa.
27
Umntu onqenayo akayosi nenyamakazi le ayizingelayo; kodwa ke osebenzayo uzuza impahla exabisekileyo.
28
Indlela yobulungisa isinga ebomini; ewe, yiyo leyo indlela engasingisi ekufeni.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31