bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Proverbs 21
Proverbs 21
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 22 →
1
Ingqondo kakumkani isesandleni sikaNdikhoyo; uyilawula ngokuthanda kwakhe, ngathi kukuhamba komlambo.
2
Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kwawakhe amehlo, kanti ke nguNdikhoyo oyibeka esikalini intliziyo yomntu.
3
Ukwenza ubulungisa nokuthe ngqo kwamkelekile kuNdikhoyo kunamadini.
4
Amehlo azigwagwisayo nentliziyo ezidlayo, nditsho isibane sezikhohlakali, sisono.
5
Amacebo omntu okhutheleyo amnika indyebo, kodwa ke yena umntu otyhuthuzayo uzibizela ubuhlwempu.
6
Ubutyebi obufumene ngobuqhetseba buphephetheka njengenkungu, futhi bukubeka emngciphekweni wokufa.
7
Ubundlobongela bezikhohlakali buyaziqweqwedisa, kuba azivumi ukwenza okufanelekileyo.
8
Iindlela zomntu onetyala zigoso-goso, kodwa ke yena umntu omsulwa wenza imisebenzi efanelekileyo.
9
Akunani kwaukuhlala wedwa, noba kuphezu kwendlu, ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.
10
Umntu okhohlakeleyo usoloko elambele ukwenza into embi; ummelwane wakhe akafumani nceba kuye.
11
Akohlwaywa umgxeki, nabangaqondiyo batsho bafumane isifundo; sakufundiswa isilumko, sizuza ukwazi.
12
UThixo olilungisa uyazazi izinto ezenzeka kwimizi yabantu abakhohlakeleyo, yaye ke eya kuzibhangisa izikhohlakali ngenxa yobubi bazo.
13
Umntu ongaphulaphuliyo xa amahlwempu ezibika naye akayi kuhoywa xa esengxakini.
14
Isipho umntu asinikwa ngasese sithomalalisa umsindo; ewe, isicengo esigushiweyo sithothisa ingqumbo.
15
Umntu olungileyo uyavuya xa izinto ziqhutywa ngokusemthethweni, kambe ke abenzi bobubi baya kunkwantya.
16
Umntu obhadulayo, emke kwiindlela zengqiqo, uzifumanisa selekwisikhungu sabafileyo.
17
Umntu othanda iziyolo uya kuba lihlwempu; kanti ke yena umntu othanda iwayini namafutha omnquma soze abe sisityebi.
18
Kulula ukuncama umntu okhohlakeleyo ngenxa yolungileyo, othembekileyo athathe isikhundla songathembekanga.
19
Kubhetele ube lilolo entlango, kunokuhlala nomfazi onochuku okhalazayo.
20
Endlwini yesilumko kusoloko kukho ubuncwane namafutha omnquma, kodwa sona isiyatha sizavaza konke.
21
Umntu oxunela ubulungisa nenceba ufumana ubomi nobulungisa nodumo.
22
Isilumko siqabela ngaphaya kweendonga zesixeko samagorha, siyidilize inqaba athembele kuyo.
23
Lowo uwubambayo umlomo wakhe nolwimi lwakhe ukhusela ubomi bakhe kwiinkxwaleko.
24
Umntu ozigwagwisayo enendelelo kuthiwa ngumgxeki – usisityhuthu-tyhuthu esingakhathalele mntu.
25
Ivila elingafuni kusebenza lizibulala ngokwalo; kaloku izandla zalo ziqhokriwe ekusebenzeni.
26
Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo; kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha.
27
Idini elenziwa ngumntu okhohlakeleyo liyanyanyeka, ngakumbi xa elenza eneenjongo ezigwenxa.
28
Ingqina elixokayo liyabhanga; kanti ke lona ilizwi lomntu onyanisekileyo lihlala lihleli.
29
Umntu okhohlakeleyo unobuganga bokuzicingela ukuba uyayazi into ayenzayo, onyanisekileyo uyayicingisisa ihambo yakhe.
30
Ubulumko nengqondo kunye namacebo omntu akanakumelana nentando kaNdikhoyo.
31
Amahashe angayiqeqeshelwa imfazwe, kodwa nguNdikhoyo onika uloyiso.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31