bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Proverbs 6
Proverbs 6
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 7 →
1
Mfo wam, ukuba uthe wamela omnye umntu, wabambana nomnye ngesandla,
2
waza ke ngaloo ndlela warhintyeleka ngamazwi omlomo wakho, wavaleleka emgibeni ngenxa yesithembiso sakho,
3
nantsi ke into omawuyenze, nyana wam, ukuze ukhululeke ezandleni zommelwane wakho: hamba uzithobe kuye, umbongoze akukhulule.
4
Ewe, ungakhe ulale ungayenzanga loo nto, ungaphumli nokuphumla oku.
5
Xelisa inxala elizihlangulayo esandleni somzingeli, okanye intaka ephuncuka esandleni somthiyeli.
6
Yiya embovaneni, vilandini; qwalasela indlela eziphethe ngayo, nawe ulumke.
7
Kaloku yona ayinankosi, ingenamlawuli nankokheli,
8
kodwa nakuba injalo iyaxakeka ehlotyeni iqokelela umphako, izilungiselela ukutya ngexesha lokuvuna.
9
Kodwa kodwa, vilandini, koda kube nini uthe tywa kuloo mandlalo? Uya kuvuka nini kobo buthongo bakho?
10
Ulibele kukuthi: “Hayi noko, makhe ndithi qwaka, ndithi ntlithi kancinane, khe ndisonge izandla, ndiphumle.”
11
Kambe ke bona ubuhlwempu nâbo bukuchwechwela njengomkhuthuzi. Ewe, nantso ihambo-nzima isiza kukuhlasela oku kwendoda exhobileyo!
12
Ke yena umntu ohamba ejikeleza ethetha ezolwimi ngungantweni wetshijolo.
13
Ewe, onjalo ungafika emana encwina amehlo, egobhana nabanye, ekhomba ngaloo minwe yakhe.
14
Ngalo lonke ke elo xesha uqulunqa amayelenqe entliziyweni yakhe; ewe, uyila ububi, aphembelele uqhushululu.
15
Kuthi kunjalo ke afunyanwe yinkxwaleko ngebhaqo, atsho enzakale ngephanyazo, angabi nakunyangeka.
16
Zintandathu izinto azithiyileyo *uNdikhoyo; gxebe, zisisixhenxe izinto ezilizothe kuye:
17
amehlo endelelo, ulwimi oluxokayo, izandla eziphalaza igazi elimsulwa,
18
intliziyo eceba amayelenqe, iinyawo ezikhawuleza ukuquqela ebubini,
19
ingqina elixokayo liyigqwethe inyaniso, nomntu ophembelela ingxabano phakathi kwabazalanayo.
20
Mfo wam, yithobele imimiselo oyinikwa nguyihlo, ungazityesheli neziluleko zikanyoko.
21
Amazwi abo wamilisele engqondweni yakho nanini nanini, uwagaxele abe sisihombo entanyeni yakho.
22
Ewe, la mazwi aya kukukhokela endleleni yakho, abe ngumlindi wakho xa ulele, aze athethe nawe xa uvukile.
23
Kaloku imiyalelo isisibane; zona iziluleko zilukhanyiso; ingqeqesho ekukhalimelayo ingundoqo wobomi.
24
Zizo ezinokukukhwebula kumfazi oziphethe kakubi, zikuhlangule kumfazi wasemzini olwimi lugudileyo.
25
Sukunikezela umncwase ngenxa yobuhle bakhe; sukumkhathalela nokuba selecela amehlo.
26
Ihenyukazi ungalithenga nangesonka, kanti yena umkrexezikazi angakwenza uphulukane nobomi bakho.
27
Khawutsho! Uthi ungawufaka esifubeni sakho umlilo ize impahla yakho ingatshi?
28
Uthi ungawanyathela amalahle avuthayo zize zingatshi iinyawo zakho?
29
Kunjalo ke kumntu owambatha umka-mntu: akukho namnye omchukumisayo oya kuba msulwa.
30
Aligxekwa kangako isela xa lisiba kuba lilambile.
31
Noxa kunjalo lihlawuliswa kasixhenxe xa libanjiwe, lithinjwe yonke impahla yendlu yalo.
32
Ke yena umntu okrexezayo ngathi ushiywe ziingqondo; ewe, uyazibhubhisa yena ngokunokwakhe.
33
Isiqhamo salo msebenzi wakhe ziinduma nokuhlazeka; futhi ke oko kuphoxeka kwakhe kuya kuhlala kungenakucinywa.
34
Kaloku indoda enobukhwele inengcwangu; ithi ke apho iziphindezela khona ingabi nanceba.
35
Ewe, xa sele ikuloo meko ayiva zicengo, kungekho nantlawulo iya kuyamkela noba ingakanani na.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31